IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/08 iphe. 7
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
km 2/08 iphe. 7

IZaziso

◼ NgoFebruwari kuza kuhanjiswa incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso.

◼ Ekubeni uMatshi eneeveki ezintlanu ezipheleleyo, ulithuba elihle lokuba nguvulindlela ongumncedani.

◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlole umsebenzi wabo bonke oovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho abanengxaki yokuzalisa iiyure abazisikelweyo, abadala bafanele balungiselele ukubanceda.

◼ Intetho ekhethekileyo yowama-2008 iza kube inomxholo othi “Ngubani Okufanelekelayo Ukulawula Abantu?” Isaziso esinxibelelene nayo sikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 2007.

◼ Njengoko siye senza isaziso kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba 2007, amabandla anokuqalisa ukuoda iWatchtower Library—2007 (cdly07). Ukongezelela kwinto yokuba iWatchtower Library—2007 sele inazo iimpapasho ezikhululwe ngowama-2007, isekelwe kwiWatchtower Reader yaye ngenxa yoko ayithunyelwa nayo iWatchtower Reader. Kulula kakhulu ukuyisebenzisa le programu intsha, kwaye kukho izinto ezintsha oya kuzithanda neziya kwenza kube mnandi ukwenza ufundisiso. Xa uyifaka kwikhompyutha yakho, iza kukucela ukuba uprinte uxwebhu olufutshane oza kulugcina kufutshane nawe xa uzama ukuqhelana nale programu intsha. Ukuze ufake iWatchtower Library—2007 kuza kufuneka ube neMicrosoft Windows 2000, iXP, okanye iVista.

◼ Onke amabandla afumana UBulungiseleli Bethu BoBukumkani ngesiVenda aza kuthunyelelwa incwadana ethi “All Scripture”—Authentic and Beneficial—2008 (bsi08-Icandelo loku-1 nelesi-2) ngesiVenda. ICandelo loku-1 liza kuthunyelwa kuqala kuze kulandeliswe iCandelo lesi-2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share