Sinokubanceda Njani Abantu Abeze ESikhumbuzweni?
1. Bubuphi ubungqina obunamandla obuza kubonwa ngoMatshi 22, 2008?
1 NgoMatshi 22, 2008, izigidi zabantu ehlabathini jikelele ziza kubona ubungqina obunamandla. Abo baza kuba beze eSikhumbuzweni baza kuva ngendlela uYehova asithande ngayo ngokulungiselela uluntu intlawulelo. (Yoh. 3:16) Baza kuva ngoBukumkani nangendlela uYehova aya kubusebenzisa ngayo ukuzalisekisa ukuthanda kwakhe emhlabeni. (Mat. 6:9, 10) Baya kuzibonela indlela abantu bakaThixo abathandana nabamanyene ngayo, baze babone nendlela esinobubele ngayo.—INdu. 133:1.
2. Sinokuzinceda njani izifundo zeBhayibhile ezize eSikhumbuzweni?
2 Izifundo ZeBhayibhile: Phakathi kwabo baza kubakho iya kuba ngabo basandul’ ukuqalisa ukufunda nathi iBhayibhile. Bazise kubazalwana noodade. Bacacisele ngeentlanganiso eziqhutywa veki nganye, uze ngokufutshane ubabonise iHolo yoBukumkani. Ebudeni bentetho, isithethi siya kubakhuthaza ukuba baqhubeke besenza inkqubela ngokomoya. Unokwakhela phezu kwamagqabaza aso xa ukhuthaza izifundo zakho.
3. Banokukhuthazwa njani abavakalisi abapholileyo abeze eSikhumbuzweni?
3 Abapholileyo: Nabavakalisi abapholileyo baza kube bekho eSikhumbuzweni. Yiya kubo ubabulise ngobubele. Ungabagrumbi ngemibuzo okanye uthethe izinto ezinokubenza babe neentloni. Emva kweSikhumbuzo, abadala bafanele batyelele abapholileyo abebezile, babancome ngomzamo abawenzileyo wokuza, baze babamemele kwintlanganiso yebandla elandelayo.
4. Yintoni enokwenziwa nguye ngamnye kuthi ukuze sincede abantu abamenyiweyo?
4 Abamenyiweyo: Siza kube simeme nabantu esibaziyo okanye amalungu eentsapho zethu. Abanye basenokuba bafumene isimemo ebudeni bephulo elikhethekileyo. Ukuba ubona abantu ongabaziyo, yiya kubo uze uzazise kwaye ubamkele. Kusenokwenzeka ukuba bayaqala ngqa ukuza kwintlanganiso yethu. Xa uncokola nabo unokuzama ukufumanisa indlela onokunxibelelana ngayo nabo. Batyelele ngokufutshane okanye ubatsalele umnxeba kwiintsuku ezimbalwa emva kweSikhumbuzo, uzame ukubakhuthaza ukuba bafunde okungakumbi uze ucele ukubaqhubela isifundo seBhayibhile.
5. Yintoni esinokuyithetha ukuze siqalise isifundo seBhayibhile?
5 Inkcazelo yentetho yeSikhumbuzo inokusetyenziswa njengendlela yokutshayelela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile xa ubuyela. Ngokomzekelo, isithethi siya kufunda uIsaya 65:21-23. Xa usenza ibuyelo, unokukhankanya intetho uze uthi, “Mandikubonise ezinye iintsikelelo ezifumanekayo ngenxa yentlawulelo.” Emva koko xubusha iphepha lesi-4 ukuya kwelesi-5 lencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Okanye unokuthi, “Abantu abaninzi bayazibuza ukuba siya kuzaliseka nini isiprofeto sikaIsaya.” Emva koko uxubushe isiqendu soku-1 ukuya kwesesi-3 kwisahluko se-9. Okanye ke unokuthetha ngamagqabaza esithethi, utshayelele incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, uze umbonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo.
6. Ngawaphi amathuba asivulekeleyo xa sithobela umyalelo kaYesu othi sikhumbule ukufa kwakhe?
6 Ngamana sonke singawaphaphela amathuba okunceda izifundo zeBhayibhile, abavakalisi abapholileyo, nabantu abamenyiweyo abaza kube beze eSikhumbuzweni. (Luka 22:19) Ngokuqinisekileyo uYehova uya kusikelela nakuphi na ukuzibhokoxa kwethu kwinkonzo yoBukumkani.