IZaziso
◼ NgoJanuwari kuza kuhanjiswa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoFebruwari: Sondela KuYehova okanye Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. NgoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo NoVukani!
◼ Ukususela ngoFebruwari, abaveleli besiphaluka baza kunikela intetho yesidlangalala entsha enomxholo othi “Yintoni Esiyenzelwa BuBukumkani BukaThixo Ngoku.”
◼ Kuye kwanikezelwa iiHolo zoBukumkani ezintandathu kwiinyanga zakutshanje. Sivuyisana namabandla aseMooiplaas (Elukwatini), eNqutu, eSt. Chad’s (eZakheni), ePeacetown naseWatersmeet (eMnambithi), naseWembesi (e-Estcourt).
◼ Sicela nibhalele iKingdom Hall Construction Desk ukuze nifumane imvume ngaphambi kokuba nifumane isiza seHolo yoBukumkani, nakhe iHolo yoBukumkani okanye nilungise iholo esele ikho. Ekubeni iQumrhu Elilawulayo liyalela ukuba iiHolo zoBukumkani zisetyenziswe ngokupheleleyo, iiHolo zoBukumkani ezintsha kufuneka zibe sembindini ukuze zisetyenziswe ngamabandla amaninzi.