IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/11 iphe. 1
  • Yiba “Nemfesane”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba “Nemfesane”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Yibani ‘Nemfesane’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Yibani Nemfesane Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Yiba Novelwano NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • UYehova Ulawula Ngemfesane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 7/11 iphe. 1

Yiba “Nemfesane”

1. Yintoni le efunwa ngabantu namhlanje?

1 Zange khe babe baninzi kangaka abantu abafuna ukwenzelwa imfesane. Ukuwohloka kweemeko zeli hlabathi kwenza abantu bangonwabi, badandatheke yaye baphelelwe lithemba. Izigidi zifuna uncedo, yaye thina njengamaKristu singakwazi ukubonisa ukuba sibaxhalabele abamelwane bethu. (Mat 22:39; Gal. 6:10) Singayibonisa njani loo nkxalabo?

2. Yiyiphi eyona ndlela sinokuyibonisa ngayo imfesane?

2 Umsebenzi Obonisa Imfesane: NguThixo kuphela onokusinika intuthuzelo yokwenene nengunaphakade. (2 Kor. 1:3, 4) UYehova usibongoza ukuba simxelise ngokuba “nemfesane” njengoko esithume ukuba siye kuxelela abamelwane bethu iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (1 Pet. 3:8) Eyona ndlela sinokubathuthuzela ngayo “abantliziyo zaphukileyo” kukuzibhokoxa kulo msebenzi kuba uBukumkani bukaThixo kuphela kwethemba lokwenene lokuphelisa ukubandezeleka. (Isa. 61:1) Ngenxa yemfesane anayo kubantu bakhe, kungekudala uYehova uza kubuphelisa ubungendawo aze amisele ihlabathi elitsha elinobulungisa.—2 Pet. 3:13.

3. Singenza njani ukuze sijonge abantu ngendlela awayebajonga ngayo uYesu?

3 Abantu Bajonge Ngendlela Awayebajonga Ngayo uYesu: Kwanaxa wayeshumayela kwisihlwele esikhulu sabantu, uYesu wayengacingi nje ngelo gquba labantu. Wayebona mntu ngamnye kubo efuna ukuncedwa abe nolwalamano oluhle noThixo. Babefana nezimvu ezingenamalusi. Akubabona intliziyo yaba buhlungu, waza wabafundisa ngomonde. (Marko 6:34) Ukuba abantu sibajonga ngendlela awayebajonga ngayo uYesu, siya kuba nemfesane ngomntu ngamnye esimbonayo. Oku kuya kubonakala kwindlela esithetha ngayo nasebusweni. Ukushumayela kuya kuba yinto yokuqala kubomi bethu, yaye siya kukwazi ukuthetha nomntu ngamnye ngokwaloo nto imxhalabisayo.—1 Kor. 9:19-23.

4. Kutheni sifanele sambathe imfesane?

4 Isihlwele esikhulu sabantu bazo zonke iintlanga siyasamkela isigidimi soBukumkani yaye siyahlaziyeka ngumdla oboniswa kuso. Njengoko siqhubeka sisambatha imfesane, siya kumzukisa size simkholise uThixo wethu onemfesane, uYehova.—Kol. 3:12.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share