Izaziso
◼ NgoSeptemba kuza kuhanjiswa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ngo-Oktobha nangoNovemba: IMboniselo noVukani! Xa umntu enomdla, mnike iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Xa kukho abantwana, usenokuhambisa ethi Funda KuMfundisi Omkhulu okanye ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile.
◼ Intetho yesidlangalala ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo sowama-2012 iya kunikelwa ngeveki ka-Aprili 2. Umxholo wayo uya kubuya waziswe. Akukho bandla lifanele linikele intetho ekhethekileyo ngaphambi kweSikhumbuzo.
◼ Abavakalisi abangoovulindlela abangabancedani ngoMatshi 2012 baya kukhetha enoba baza kusebenza iiyure ezingama-30 okanye ezingama-50. Ukongezelela, ukuba ibandla lenu lityelelwe ngumveleli wesiphaluka ngoMatshi, bonke abangoovulindlela abangabancedani, enoba baza kusebenza iiyure ezingama-30 okanye ezingama-50, banokubakho kwintlanganiso eza kuqhutywa noovulindlela abathe ngxi.
◼ NgoSeptemba, intetho yesidlangalala yabaveleli beziphaluka iya kuba nomxholo othi “Manyana Nabantu BakaThixo Abanoyolo.”
◼ Ncedani niphawule utshintsho kwezi ndibano zilandelayo:
NgoSeptemba 23-25:
EPhalaborwa (isiTsonga) Mopani FET College, Sir Val Duncan Campus, Namakgale (kutshintshe indawo)
Ngo-Oktobha 7-9:
Kanyamazane, (isiZulu) Lowveld Showgrounds (kutshintshe umhla)
Ngo-Oktobha 7-9:
EHlotse (isiSuthu) Pitso House, Butha-Buthe Road (kutshintshe indawo)
◼ Siyavuyiswa kukunazisa ukuba kukho iiHolo zoBukumkani ezintandathu eziye zanikezelwa kutshanje. EFree State: eyaseClocolan. EGauteng: eyaseKatjibane. ELimpopo: eyaseGiyani Central neyaseMahlathi. EMpumalanga: eyaseThulamahashe neyaseMphato.