Nceda Umninimzi Aqiqe
1. Yiyiphi indlela efanelekileyo yokushumayela?
1 Yiyiphi indlela efanelekileyo yokushumayela—yengqongqo okanye yenceda umninimzi aqiqe aze afikelele kwizigqibo ezizizo? Umpostile uPawulos wakhetha ukuqiqa namaYuda aseTesalonika, yaye ‘ngokomphumo bambi kubo baba ngamakholwa.’ (IZe. 17:2-4) Yintoni ebandakanyekileyo xa uqiqa nabanye?
2. Sinokumxelisa njani uPawulos xa sishumayela iindaba ezilungileyo?
2 Ukuqonda Imvelaphi Neemvakalelo: Kufuneka uqonde iimvakalelo zabantu abakwintsimi okuyo ngaphambi kokuba ubancede baqiqe. UPawulos waqala wathetha namaGrike angakholwayo kwiAriyopago ngezinto awayezazi nawayezikholelwa. (IZe. 17:22-31) Ngoko, xa ulungiselela intshayelelo, cinga ngeenkolelo nezinto ezithndwayo nezingathandwayo ngabantu abakwintsimi yakho. (1 Kor. 9:19-22) Ukuba umninimzi uyachasa, zama ukufumana into enivumelana ngayo, uze wakhele kuyo.
3. Kutheni ukusebenzisa imibuzo ngobuchule kunokusinceda siqiqe nabanye?
3 Sebenzisa Imibuzo Ngobuchule: Asinakukwazi ukwalathisa umhambi indlela amele ahambe ngayo xa singazi kwaloo ndawo abuzisa ekuyo. Nathi ke, asinakukwazi ukunceda umninimzi enze isigqibo esifanelekileyo xa singazi ukuba ucinga ntoni. Ngaphambi kokuqiqa nomphulaphuli, uYesu wayesoloko ebuza imibuzo ukuze azi oko akucingayo. Ngokomzekelo, xa omnye umntu wabuza uYesu esithi, “Ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?,” ngaphambi kokuba amphendule uYesu wafuna uluvo lwakhe. (Luka 10:25-28) Ngesinye isihlandlo, xa uPetros waphendula ngokuphosakeleyo, ngobuchule uYesu wasebenzisa imibuzo ukuze alungise indlela yakhe yokucinga. (Mat. 17:24-26) Ngoko ke, ukuba umninimzi ubuza umbuzo okanye uchaza ingcamango ephosakeleyo, sinokusebenzisa imibuzo ukuze simncede aqiqe ngemibandela.
4. Kutheni simele sincede umninimzi aqiqe?
4 Xa sinceda umninimzi aqiqe, sixelisa uMfundisi Omkhulu, uYesu, kuquka nabanye abashumayeli abanobuchule benkulungwane yokuqala. Simphatha ngesidima nentlonelo umninimzi. (1 Pet. 3:15) Ngexa yoko, usenokusivumela ukuba siphinde sibuye.