IZaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoSeptemba nango-Oktobha: IMboniselo noVukani! NgoNovemba noDisemba: Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? okanye nawaphi na amaphecana akhoyo ebandleni. Amabandla asenamaphecana amadala amele enze umgudu wokuwahambisa ukuze angafumbi.
◼ Intetho ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo sowama-2015 iya kunikelwa kwiveki ka-Aprili 6. Umxholo wayo uya kuphinda waziswe. Amabandla aya kube enotyelelo okanye indibano aya kufumana intetho ekhethekileyo kwiveki elandela leyo. Akukho bandla lifanele lifumane le ntetho ngaphambi kuka-Aprili 6.
◼ Ukuqala ngoSeptemba, abaveleli beziphaluka baza kunikela intetho yesidlangalala enomxholo othi: “Indlela Obusinceda Ngayo Ubulumko Obuvela KuThixo.”