Iimbalasane Zentsimi
Inyanga kaMeyi iye yayimpumelelo eNamibhiya kuba abavakalisi abayi-2 237 baye bafaka iingxelo zentsimi, nani elo elibonisa ulwando ngeepesenti eziyi-11! Ekubeni kuqhutywa izifundo zeBhayibhile eziyi-4 651, kukho indingeko enkulu kwisivuno kweli lizwe linabemi abathetha iilwimi ezahlukahlukeneyo. Ngenxa yoko, ukuba wazalelwa eNamibhiya okanye ungakwazi ukwenza uhlengahlengiso ukuze ufudukele khona, sikukhuthaza ukuba wenjenjalo!—IZenzo 16:9.