Iimbalasane Zentsimi
Sivuyiswa kukunazisa ukuba ngoMatshi, abavakalisi abayi-394 baye bangoovulindlela abangabancedani eBotswana kunye noovulindlela abathe ngxi abayi-241 noovulindlela abakhethekileyo abayi-30. ELesotho, abavakalisi abayi-348 bebengoovulindlela abangabancedani bekunye noovulindlela abathe ngxi abayi-402 nabakhethekileyo abayi-19. ENamibhiya bebeyi-359 oovulindlela abangabancedani abashumayela iindaba ezilungileyo, abathe ngxi beyi-265, bona oovulindlela abakhethekileyo beyi-9. EMzantsi Afrika sivuyiswe kukufumana oovulindlela abangabancedani abayi-12 618, abathe ngxi abayi-10 838 nabakhethekileyo abayi-304. ESwaziland bekukho oovulindlela abangabancedani abayi-260, abathe ngxi abayi-252 noovulindlela abakhethekileyo abayi-9. Sona isiqithi saseSt. Helena, besinabavakalisi abathandathu abaye banenxaxheba kubuvulindlela bobuncedani. Konke oku kubonisa umoya omhle okhoyo kwintsimi yethu.