INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Safundiswa NguYehova Ukukhulisa Abantwana Bethu
Abazali bangafunda ntoni kuTata wabo osezulwini, uYehova, ngendlela yokukhulisa abantwana kakuhle? Bukela ividiyo ethi, Safundiswa NguYehova Ukukhulisa Abantwana Bethu, emva koko uphendule le mibuzo ilandelayo ngoAbilio noUlla Amorim:
Izinto abazifunda besebancinci zabanceda njani babakhulisa kakuhle abantwana babo?
Zeziphi izinto ezintle abazikhumbulayo abantwana abazenza xa babengabantwana?
UAbilio noUlla bayisebenzisa njani incwadi yeDuteronomi 6:6, 7?
Kutheni bengazange babaxelele yonk’ into abamele bayenze abantwana babo?
Babanceda njani abantwana babo bakwazi ukwenza izigqibo ezihle ngobomi babo?
Zeziphi izinto abazincamayo ukuze bakhuthaze abantwana babo bangene kwinkonzo yexesha elizeleyo? (bt 178 ¶19)