IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb24 Januwari iphe. 3-16
  • Januwari 8-14

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Januwari 8-14
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
mwb24 Januwari iphe. 3-16

JANUWARI 8-14

YOBHI 34-35

Ingoma 30 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Xa Kubonakala Ingathi Izinto Ezimbi Zenzeka Kubantu Abalungileyo

(imiz. 10)

Khumbula ukuba uYehova ayingoMenzi wezinto ezingalunganga (Yobhi 34:10; wp19.1 8 ¶2)

Kusenokubonakala ingathi abantu abenza ububi abohlwaywa ngenxa yezinto abazenzayo, kodwa ke abanakuzifihla kuYehova (Yobhi 34:​21-26; w17.04 10 ¶5)

Eyona ndlela yokunceda abantu abaphila kabuhlungu kukubafundisa ngoYehova (Yob 35:​9, 10; Mat 28:​19, 20; w21.05 7 ¶19-20)

Indoda nomfazi wayo bashumayela kwenye indoda nonyana wayo abahlala etyotyombeni elingakwiiflethi zikanokutsho.

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • Yob 35:7​—Wayethetha ukuthini uElihu xa wayesithi kuYobhi: “Yintoni [uThixo] ayifumanayo kuwe?” (w17.04 29 ¶3)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) Yob 35:​1-16 (th isifundo 10)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Qalisa isifundo seBhayibhile. (lmd isifundo 10 ingongoma 3)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Bonisa umntu onabantwana inkcazelo eluncedo kubazali efumaneka ku-jw.org. (lmd isifundo 1 ingongoma 4)

6. Ukwenza Abafundi

(imiz. 5) lff isifundo 13 isiqendu 5 (lmd isifundo 11 ingongoma 3)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 58

7. Ngaba Uyakufuna ‘Ukushumayela Ilizwi’ Ngokungacwangciswanga?

(imiz. 15) Ingxubusho

Omnye udade ushumayela ngefowuni kusisi ahleli naye ebhasini.

UPawulos wakhuthaza uTimoti wathi: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo.” (2Ti 4:2) Isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “ngokungxamisekileyo” ngamanye amaxesha sasisetyenziswa emkhosini ukubhekisela kwijoni okanye unogada owayesoloko ekulungele ukulwa. Eli gama liyichaza kakuhle indlela esisoloko sikulungele ngayo ukushumayela kwabanye abantu.

Uthando esinalo ngoYehova nendlela esizixabisa ngayo zonke izinto asenzele zona, lusenza sifune ukuxelela abantu ngeempawu zakhe ezintle.

Funda INdumiso 71:8. Uze ubuze ibandla:

Zeziphi izinto ezintle ngoYehova oye uthande ukuxelela abanye ngazo?

Ukuthanda abantu kusenza sifune ukushumayela ngokungacwangciswanga.

Dlala IVIDIYO ethi Indlela Abantu Abaninzi Abafundelwa Ngayo IBhayibhile. Uze ubuze le mibuzo:

  • Ukushumayela ngokungacwangciswanga kwabanceda njani abantu abaninzi bakwazi ukufumana inyaniso eseBhayibhileni?

  • Ukufunda inyaniso kubancede njani aba bantu babehamba icawa?

  • Ukuthanda abantu kusikhuthaza njani ukuba sifune ukushumayela ngokungacwangciswanga?

  • Kutheni ucinga ukuba ukushumayela ngokungacwangciswanga yindlela ephumelelayo yokunceda abantu bazi uYehova?

8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 4 nebhokisi ekwiphepha 33

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 138 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share