IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb24 Januwari iphe. 12-13
  • Februwari 19-25

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Februwari 19-25
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
mwb24 Januwari iphe. 12-13

FEBRUWARI 19-25

INDUMISO 8-10

Ingoma 2 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. “Ndiza Kukudumisa, Yehova”!

(imiz. 10)

UYehova usenzela izinto ezintle kakhulu (INd 8:​3-6; w21.08 3 ¶6)

Siyakuvuyela ukudumisa uYehova ngokuxelela abanye ngemisebenzi yakhe emangalisayo (INd 9:1; w20.05 23 ¶10)

Enye indlela esimdumisa ngayo kukucula ngokusukaentliziyweni (INd 9:2; w22.04 7 ¶13)

Imifanekiso: Iindlela esinokumdumisa ngazo uYehova. 1. Udade osele ekhulile ushumayela kunesi. 2. Abazalwana noodade bayacula kwiintlanganiso. 3. Inkwenkwana iphakamisa isandla sayo ukuze iphendule kwiintlanganiso. 4. Umzalwana osemtsha uyancedisa ekuklineni iHolo yoBukumkani. 5. Udade osemtsha ushumayela kumntwana afunda naye.

KHAWUZIBUZE, ‘Zeziphi ezinye iindlela endinokumdumisa ngazo uYehova?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 8:3​—Wayethetha ukuthini umdumisi xa wayebhekisela kwiminwe kaThixo? (it-1-E 832)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INd 10:​1-18 (th isifundo 11)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Umninimzi ukuxelela ukuba akakholelwa kuThixo. (lmd isifundo 5 ingongoma 4)

5. Ukubuyela

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Kwixesha elidlulileyo, lo mntu ebekuxelele ukuba akakholelwa kuThixo, kodwa ukulungele ukufunda ngobungqina obubonisa ukuba ukhona uMdali. (th isifundo 7)

6. Intetho

(imiz. 5) w21.06 6-7 ¶15-18​—Umxholo: Nceda Izifundo Zakho Zidumise UYehova. (th isifundo 10)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 10

7. Ukuyeka Incoko Iziqhube Ngokwayo Xa Ushumayela Ngokungacwangciswanga

(imiz. 10) Ingxubusho.

Enye indlela esinokuyandisa ngayo indlela esimdumisa ngayo uYehova kukushumayela kubantu esidibana nabo kubomi bethu bemihla ngemihla. (INd 35:28) Xa siqala, sinokoyika ukushumayela ngokungacwangciswanga. Kodwa ke, xa sifunda ukuqalisa incoko size siyiyeke iziqhube ngokwayo, singaphela sesikwazi kakuhle ukushumayela ngokungacwangciswanga size siyeke nokoyika!

Umfanekiso wevidiyo ethi “Kulungele Ukushumayela “Iindaba Ezilungileyo Zoxolo”​​—Qala Incoko.” Udade uqalisa incoko nomnye usisi okwitafile esecaleni kwayakhe kwivenkile yokutyela.

Dlala IVIDIYO ethi Kulungele Ukushumayela “Iindaba Ezilungileyo Zoxolo”​—Qala Incoko. Uze ubuze lo mbuzo:

Yintoni oyifundileyo kule vidiyo enokukunceda ushumayele ngokuphumelelayo xa ushumayela ngokungacwangciswanga?

La macebiso alandelayo anokukunceda ukwazi ukuqalisa incoko:

  • Khangela iindlela zokuqalisa incoko qho xa uphuma ekhayeni lakho. Yithandazele uze ucele uYehova akuncede ufumane umntu onomdla wokumamela

  • Yiba nobubele uze ubonise umdla kumntu odibana naye. Zama ukumfunda lo mntu uthetha naye ukuze ubone ukuba yeyiphi inyaniso eseBhayibhileni anokubanomdla kuyo

  • Ukuba kunokwenzeka zama ukuthatha inamba yakhe yefowuni

  • Sukutyhafa ukuba incoko iphela ngaphambi kokuba ushumayele

  • Cinga ngalo mntu emva kokuba uncokole naye. Qhubeka ubonisa umdla ngokumthumelela ilink yevesi yeBhayibhile okanye inqaku elikujw.org/xh

Khawuzame le nto: Ukuba umntu uyakubuza, ‘Ibinjani impela veki yakho?,’ mbalisele ngento oyifunde kwiintlanganiso okanye ngomsebenzi owenzayo wokufundisa abantu iBhayibhile.

8. Iimfuno Zebandla

(imiz. 5)

9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 6 ¶1-8, nentshayelelo yecandelo 2

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 65 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share