IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mwb24 Novemba iphe. 2-16
  • Novemba 4-10

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Novemba 4-10
  • Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2024
mwb24 Novemba iphe. 2-16

NOVEMBA 4-10

INDUMISO 105

Ingoma 3 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

ILizwe Lesithembiso. Imifanekiso: 1.UAbraham. 2. UIsake. 3. UYakobi.

1. “Usikhumbula Ngonaphakade Isivumelwano Sakhe”

(imiz. 10)

UYehova wenza isithembiso noAbraham ibe waphinda wasenza kunye noIsake noYakobi (Gen 15:18; 26:3; 28:13; INd 105:​8-11)

Kwakubonakala ingathi esi sithembiso asinakuze sizaliseke (INd 105:​12, 13; w23.04 28 ¶11-12)

UYehova zange asilibale isivumelwano awasenza noAbraham (INd 105:​42-44; it-2-E 1201 ¶2)


KHAWUZIBUZE, ‘Kundinceda njani ukwazi ukuba ndingathembela kuYehova nani na?’

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 105:​17-19​—Zamnceda njani uYosefu “izinto ezathethwa nguYehova” ukuze abe ngumntu obhetele? (w86 11/1 19 ¶15)

  • Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

(imiz. 4) INd 105:​24-45 (th isifundo 5)

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Umninimzi uxakekile. (lmd isifundo 2 ingongoma 5)

5. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) KWINDLU NGENDLU. Yiphelise ngobubele incoko xa ubona ukuba umntu ufuna ukuxabana nawe. (lmd isifundo 4 ingongoma 5)

6. Ukubuyela

(imiz. 4) KWINDLU NGENDLU. Nika umntu impapasho ethetha ngento ebebonise umdla kuyo xa ubumtyelele kwixesha elidlulileyo. (lmd isifundo 8 ingongoma 3)

7. Ukubuyela

(imiz. 4) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Xelela umntu othetha naye ngeJW Library® uze umbonise ukuba idawunlowudwa njani. (lmd isifundo 9 ingongoma 5)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 84

8. Izenzo Zakho Zothando

(imiz. 15) Ingxubusho.

Xa sisebenzisa ixesha lethu, amandla, nemali ukuze sixhase umsebenzi woBukumkani sibonisa uthando lwethu ngoYehova nangoNyana wakhe onguKumkani uYesu Kristu. Ezindlela zokubonisa uthando lwethu ziyamvuyisa uYehova ibe zikwanceda abazalwana noodade wethu. (Yoh 14:23) Amanqaku ewebhsayithi aphantsi komxholo othi “Indlela Esetyenziswa Ngayo Iminikelo Yakho” abonisa kakuhle indlela iminikelo yethu eluncedo ngayo kubazalwana noodade emhlabeni wonke.

Isandla somntu ofaka imali kwibhokisi yomnikelo. Imifanekiso: 1. Umzalwana umi phambi komantyi. 2. Udade usebenza elwakhiweni. 3. Udade ubukele ividiyo yentetho yezandla.

Dlala IVIDIYO ethi Iminikelo Yenu Inamandla Uze ubuze le mibuzo:

  • Baye bancedakala njani abazalwana ngokusetyenziswa kweminikelo ukuze kuthethelelwe inkululeko yabo yokukhonza?

  • Umgaqo okwama-2 Korinte 8:14 ubanceda njani abazalwana ukuze bayisebenzise kakuhle iminikelo xa besakha IiHolo ZoBukumkami?

  • Kuye kwanceda njani ukusetyenziswa kweminikelo ukuze kuxhaswe umsebenzi wokuguqulela iBhayibhile ngeelwimi ezininzi?

Funda Okungakumbi Kwi-Intanethi

The “Donations” icon, which shows a hand holding a coin.

Ungawenza njani umnikelo wakho wokuzithandela ukuze uxhase umsebenzi wamaNgqina kaYehova? Xa ungena kuJW Library, ezantsi ekugqibeleni kwephepha lokuqala cofa indawo ethi “Donations”. Kumazwe amaninzi uza kufumana indawo ethi FAQ othi xa uyicofa ikuse kwiphepha elinomxholo othi Ukunikela KumaNgqina KaYehova​—Imibuzo Edla Ngokubuzwa.

9. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 17 ¶13-19

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 97 Nomthandazo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share