Uye Wangenelwa Njani Yile Ncwadi Yonyaka?
Ingxelo elungileyo evela kwilizwe elikude iyahlaziya, njengoko kuchaziwe kwiMizekeliso 25:25. Zininzi iingxelo ezinjalo kule “Ncwadi Yonyaka.”
◂ Kwezi ngxelo zikuyo, ngaba uye waziphawula iziganeko ezizalisekisa iziprofeto ezithile zeBhayibhile?
◂ Njengoko ufunda le Ncwadi Yonyaka, bubuphi ubungqina bokuba uYehova ubanyamekela ngothando abakhonzi bakhe obuye bakuchukumisa ngokukhethekileyo?
◂ Uye wangenelwa njani kwindlela amaKristu akwamanye amazwe abujonga ngayo ubunzima obukhulu ajamelana nabo?
◂ Uye wafunda ntoni kumava abazalwana bakho abangamaKristu enokukunceda wenze ubulungiseleli bakho buphumelele ngakumbi?
◂ Imizekelo yokholo ekubaliswa ngayo kule ncwadi ibuchaphazela njani ubomi bakho?
◂ Ngawaphi amava oye wawaphawula kuba uvakalelwa ukuba kukho ubani aya kumnceda ukuba unokwabelana naye ngawo?