ILeta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
MaNgqina KaYehova Athandekayo:
Umpostile uPawulos wayexhakamfula onke amathuba avelayo ukuze abonise indlela awayewathanda ngayo amanye amakholwa. AmaKristu aseRoma wawabhalela wathi: “Ndiyambulela uThixo wam ngoYesu Kristu ngokuphathelele nina nonke, ngenxa yokuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo kwihlabathi liphela.” (Rom. 1:8) Ewe, onke lo maKristu enkulungwane yokuqala ayesaziwa nanguthathatha ngokuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela kubo bonke uBukhosi bamaRoma. (1 Tes. 1:8) Siyaqondakala ke ngoko isizathu sokuba uPawulos abathande kangaka abazalwana bakhe.
NjengoPawulos, sihlala simbulela uYehova sihlandlo ngasinye sicinga ngani. Sinithanda gqitha. Ninokuqiniseka ukuba uYehova uthanda ngamnye wenu. Abanye benu bajamelana nenkcaso, kodwa niyaqhubeka nishumayela. Inkalipho nokungoyiki enikubonisayo kumele ukuba kuyayivuyisa intliziyo kaYehova.—IMize. 27:11.
Njengokuba ufunda uze ucamngce “Ngemisebenzi yamaNgqina kaYehova Kula Maxesha” eboniswe kule Ncwadi Yonyaka, uza kubona intabalala yobungqina obubonisa ukuba iNkosi uYesu Kristu ‘iphuma isoyisa nokuze ikuphelelise ukoyisa kwayo’ yaye nasiphi na isixhobo esiya kwenziwa nxamnye nabalandeli bakaKristu asiyi kuphumelela.—ISi. 6:2; Isa. 54:17.
KumaKristu aseFilipi uPawulos wabhala wathi: “Ndisoloko ndimbulela uThixo wam . . . ngenxa yegalelo enibe nalo kwiindaba ezilungileyo.” (Filipi 1:3-5) Thina malungu eQumrhu Elilawulayo sivakalelwa ngendlela efanayo ngani. Kunyaka wenkonzo wama-2007, abavakalisi abazizigidi ezi-6 691 790 baye bachitha isimbuku seeyure ezizi-1 431 761 554 beshumayela iindaba ezilungileyo kumazwe angama-236 asehlabathini lonke. Liyancomeka igalelo lenu kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Cinga ngamakhulu amawaka abantu abaye bancedwa ngenxa yokutsala kwethu ngaxhathalinye, ukuze kudunyiswe uYehova.
Ngesinye isihlandlo, uPawulos wabonisa ukuba wayenovelwano ngabazalwana bakhe. Wabhalela abaseTesalonika esithi: “Asiwulibali umsebenzi wenu . . . nokunyamezela kwenu ngenxa yethemba eninalo eNkosini yethu uYesu Kristu phambi koThixo uBawo wethu.” (1 Tes. 1:2, 3) Ewe ubomi bunamahla ndinyuka. Ziya kuhlala zikho zona iingxaki, kodwa kubalulekile ukuba sinyamezele. Ziziphi iingxaki onazo? Ngaba udinyazwa kukuba impilo enkenenkene ikwenza ungakwazi ukwenza oko wawufudula ukwenza enkonzweni kaYehova? Ngaba iqabane lakho lomtshato obutshate nalo iminyaka emininzi liye lasutywa lutshaba lwethu olukhulu ukufa? (IMiz. 30:15, 16) Ngaba ukhangela iqabane lomtshato elithanda uYehova njengawe ngoxa uzama ukuthobela isiluleko seZibhalo sokutshata kuphela eNkosini? (1 Kor. 7:39) Ngaba uzama ukukhulisa abantwana bakho nangona utsala nzima kwezoqoqosho? Enokuba injani imeko yakho, ukuba usoloko ucinga ngezilangazelelo zoBukumkani unokuqiniseka ukuba uYehova ‘akawulibali umsebenzi wakho nothando olubonisayo ngegama lakhe.’ Bazalwana noodade siyanibongoza, “ningayeki ukwenza okuhle.”—Heb. 6:10; Gal. 6:9.
Yintoni eya kukunceda ukwazi ukunyamezela? NjengamaTesalonika, ‘ithemba onalo eNkosini yethu uYesu Kristu’ liya kukunceda unyamezele. Siyaqondakala isizathu sokuba uPawulos kamva athelekise ‘ithemba losindiso’ nesigcina-ntloko esinokukhusela umKristu kwiingcinga ezingakhiyo namathandabuzo.—1 Tes. 5:8.
Ewe, ngokunyamezela kwakho ngovuyo, uphendula ungcikivo lukaSathana kwimbambano yolongamo lwendalo iphela. USathana ume ngelokuba abakhonzi bakaThixo bayazingca ngoxa bekulungele ukukhonza uThixo ixesha elifutshane, baya kuyekelela umxakatho xa bevavanywa okanye ukuba le nkqubo yezinto iyatsala kunokuba bebelindele. Unelungelo lokubonisa ukuba uMtyholi lixoki elivunyiweyo. Suku ngalunye lobomi bakho likusondeza ekuzalisekeni kwethemba onalo.
Kanye njengokuba uPawulos wayewaxhakamfula amathuba okuncoma abazalwana bakhe ngokholo lwabo, ngeminikelo yabo yokuhambisela phambili umsebenzi wokushumayela nokunyamezela, sithi masisebenzise eli thuba ukunincoma nokuniqinisekisa ukuba siyanithanda. Qhubekani nomsebenz’ omhle!
Ngamana unyaka ozayo ungazaliswa ziintsikelelo zokomoya. Sininqwenelela okuhle
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova