EINDONESIA
Uthando LwamaKristu Ngamaxesha Entlekele
UBOMI babantu baseIndonesia busoloko buphazanyiswa ziinyikima, iitsunami neentaba-mlilo. Xa kusehla ezi ntlekele, abantu bakaYehova bakhawuleza baye kunceda abantu abachaphazelekileyo, ingakumbi abazalwana babo. Ngokomzekelo, ngo-2005 eyona dolophu inkulu iGunungsitoli, yaseNias, iSiqithi esikuMntla Sumatra yadlakazwa yinyikima eyayinkulu ngokwenene. Amabandla akwisiqithi esikufutshane saseSumatra, ekunye neofisi yesebe, akhawuleza athumela ngenqanawa izinto zokunceda kwimimandla eyonakaliswa yiloo nyikima. Umveleli wesiphaluka wasekuhlaleni kunye nommeli weofisi yesebe bakhwela inqwelo-moya baya kukhuthaza abazalwana. UYuniman Harefa, ongumdala eNias, uthi: “Abantu esasikunye nabo babetyhwatyhwa kukoyika, kodwa indlela eyasabela ngokukhawuleza ngayo intlangano kaThixo yabaqinisekisa ukuba abakho bodwa.”