IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb16 iphe. 143
  • Uthando LwamaKristu Ngamaxesha Entlekele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthando LwamaKristu Ngamaxesha Entlekele
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016
yb16 iphe. 143
Amabhodlo ezakhiwo emva kwentlekele yemvelo eIndonesia

EINDONESIA

Uthando LwamaKristu Ngamaxesha Entlekele

UBOMI babantu baseIndonesia busoloko buphazanyiswa ziinyikima, iitsunami neentaba-mlilo. Xa kusehla ezi ntlekele, abantu bakaYehova bakhawuleza baye kunceda abantu abachaphazelekileyo, ingakumbi abazalwana babo. Ngokomzekelo, ngo-2005 eyona dolophu inkulu iGunungsitoli, yaseNias, iSiqithi esikuMntla Sumatra yadlakazwa yinyikima eyayinkulu ngokwenene. Amabandla akwisiqithi esikufutshane saseSumatra, ekunye neofisi yesebe, akhawuleza athumela ngenqanawa izinto zokunceda kwimimandla eyonakaliswa yiloo nyikima. Umveleli wesiphaluka wasekuhlaleni kunye nommeli weofisi yesebe bakhwela inqwelo-moya baya kukhuthaza abazalwana. UYuniman Harefa, ongumdala eNias, uthi: “Abantu esasikunye nabo babetyhwatyhwa kukoyika, kodwa indlela eyasabela ngokukhawuleza ngayo intlangano kaThixo yabaqinisekisa ukuba abakho bodwa.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share