IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 12/8 iphe. 17-19
  • Ngaba Ndifanele Ndifumane Umsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndifanele Ndifumane Umsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo?
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Endiza Kuyenza Ngemali?
  • Isikolo Nomsebenzi
  • Umsebenzi Nentsapho Yakowenu
  • Umsebenzi Wakho Nobumoya Bakho
  • Ngaba Ukuba Nomsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo Kuya Kundinceda Ndikhule?
    Vukani!—1990
  • Ngaba Ndifanele Ndisebenze Ngoxa Ndisesesikolweni?
    Vukani!—1991
  • Ndinokuyizuza Njani Imali?
    Vukani!—1998
  • Ndinokuyifumana Njani Imali?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 12/8 iphe. 17-19

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndifumane Umsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo?

“UVukani!” Yintoni eyakushukumisela ukuba ufune umsebenzi wasemva kwesikolo?

UEric: Ndandihlala ekhaya, yaye ndandifuna ukunceda abazali bam ngokwemali.

UOlga: Kukufuna ukuzimela. Ndandifuna ukuba nemali yam.

UMichelé: Ndandisele ndiwufumana umxhesho othile, kodwa ndandifuna ukuba namava ngomsebenzi.

UDuane: Ndandingasebenzi kuba ndifuna imali. Ndandisebenza ukuze ndincedise umalume, owayeneshishini lokupeyinta, lokusebenza ngamatye, njalo njalo.

UAnthony: Ndandisebenza kuba ndandifuna ukuba nako ukuthenga iimpahla.

“UVukani!”: Ngaba umama wakho wayengakuthengeli iimpahla?

UAnthony: Wayengandithengeli uhlobo lweempahla endandizifuna.

NGABA ucinga ngokufumana umsetyenzana wempangelo wasemva kwesikolo? Mhlawumbi ungathanda nje ukuba nemalana engakumbi, yaye ukusebenza kubonakala kuyeyona ndlela ikhawulezayo yokuyizuza.

Umsebenzi unokuba nazo iingenelo zawo.a Usenokufundisa ulutsha imbopheleleko. Usenokunikela amava axabisekileyo nobuchule obusebenzisekayo. Sekunjalo, asizizo zonke iinkalo zomsebenzi ezizisa iingenelo, yaye ngaphambi kokuqalisa ukusebenza, ufanele uzibale ngenyameko iindleko.​—⁠Thelekisa uLuka 14:​28; 1 Korinte 10:⁠23.

Yintoni Endiza Kuyenza Ngemali?

Ulutsha oluninzi lusebenza ukuze lunike abazali balo uncedo olungokwemali olufunekayo. Noko ke, umfundisi-ntsapho wesikolo esiphakamileyo uDavid L. Manning uphawula ukuba “isizathu esiyintloko somsebenzi wesingxungxo sikukwanelisa izilangazelelo zobuqu.” Eneneni, okuninzi koko kwamkelwa ngabeshumi elivisayo kusetyenziselwa, kungekhona ekugcinweni okanye kwiindleko zentsapho, kodwa kubunewunewu, ekubeni nazo zonke izinto ukususela koonomathotholo bodidi oluphezulu namatikiti eekonsathi kuse kwiiteki ezibiza imali eninzi. Ekugqibeleni, ngokufuthi imali eyamkelweyo kudlaliswa ngayo.

“Uthi yintoni endiyenze ngemali yam?” wasabela njalo uMichelé xa unondaba kaVukani! wabuza iqela lolutsha oko lalikwenza ngemali elaliyamkela kwimisebenzi yalo. “Nam andazi,” wavuma. “Andizange ndiyibeke lugcinweni. Ndicinga ukuba bendiyichitha xa ndibethwa ngumoya. Kwimifanekiso bhanyabhanya​—⁠kuyo bendisiya ngazo zonke iimpela-veki. Nezihlangu. Ndizithanda gqitha izihlangu. Kukho ezo ndiye ndahlawula ii-[R650] ngazo.” UOlga oselula waphendula ngokufanayo: “Ndithelekelela ukuba ndayichitha yonke imali yam. Okukhona ufumana engakumbi, kokukhona uyichitha. Kodwa andinalo nofifi lokuba itshone ngaphi na.”

USolomon wabuza oku: “Uzuza ntoni umntu kuwo wonke umsebenzi wakhe onzima lowo aziqoba ngawo phantsi kwelanga?” (INtshumayeli 1:⁠3, NW) Yaye ngaphandle kwesizathu esicacileyo sokusebenza, ngaphandle kocwangciso oluqinisekileyo lwendlela oya kuyisebenzisa ngayo​—⁠okanye ukuyonga⁠—​imali oyamkelayo, umsebenzi wakho onzima unokuthi ngokufanayo ungqineke ungenaziqhamo, ungenangeniso.b ‘Kodwa uphi umonakalo xa ndiyichithela nje kwizinto endizifunayo?’ usenokubuza oko.

Yenye into ukusebenzela iimfuno zokwenene. Kodwa ukusebenza ixesha elide kwaye usebenza nzima usebenzela iimfuno ezingabalulekanga kungumgibe. Kunokukhulisa umnqweno ongalunganga wezinto eziphathekayo. (Thelekisa eyoku-⁠1 kuTimoti 6:​8, 9.) Kunokukhulisa umoya wokuzingca, wokuba ndim kuqala ochaseneyo nomoya wobuKristu wokupha. (IZenzo 20:​35) Ngoko ngaphambi kokufumana umsebenzi, bekungayi kuba kokona kulunge kakhulu ukuqinisekisa enoba kuyimfuneko ngokwenene?

Isikolo Nomsebenzi

Enye into yokuqwalaselwa ngumphumo ukusebenza okunokuba nawo kwimfundo yakho. UYesu wathi: “Akukho umntu unako ukukhonza nkosi mbini.” (Mateyu 6:​24) Lo mgaqo uyasebenza kubafundi abaninzi ekufuneka bejamelene nengxaki yokufunda usebenza.

Ufundisiso lubonisa ukuba abaselula abasebenzayo kusenokwenzeka ngakumbi ukuba bangabikho esikolweni kunabangasebenziyo. Yaye xa bekhona, badla ngokunganikel’ ingqalelo. UOlga oselula ucacisa athi: “Ndandiphuma esikolweni emini emaqanda ndize ndenze umsebenzi wokuba ngunobhala ukususela ngentsimbi yokuqala kuse kweyesihlanu.” Waba yintoni umphumo? “Ndandidinwa. Ukufunda nokusebenza kuyadinisa.” Ngoko, akumangalisi ukuba amanqaku afunyanwa ngabafundi abaninzi esihla emva kokuqalisa ukusebenza. Abanye bade bangaphumeleli.

“Kwafuneka ndiye kwizifundo ezibakho ngexesha lasehlotyeni,” ukhumbula oko uAnthony, owatshonayo ngoxa wayesebenza kumzi-mveliso ukuphuma kwesikolo. Noko ke, uAnthony waqhubeka esebenza ukutyhubela ihlobo. Waba yintoni umphumo? “Ndatshona kwakhona kwisikolo sasehlotyeni yaye kwafuneka ndiliphinde elo banga.” Enyanisweni, abanye abafundi abakrelekrele baba nako ukufumana amanqaku amahle. UMichelé ukhumbula oku: “Bendiye ndiphulaphule nje kumfundisi-ntsapho, ndinqakule oko akuthethayo, ndize ndiphumelele. Akuzange kufuneke ndifundisise.” Noko ke, kukho umahluko omkhulu phakathi kokuphumelela nje esikolweni nokumilisela ingqalelo ekufundeni kokwenene.​—⁠Thelekisa eyoku-⁠1 kuTimoti 4:⁠15.

Ngoko ukuba ucinga ngokuqeshwa, zibuze oku: ‘Ngaba ndiya kukwazi ukunikela ingqalelo efanelekileyo emsebenzini wesikolo owenzelwa ekhaya? Ngaba ndiya kukwazi ukuphumla nokulala ngokwaneleyo?’ (INtshumayeli 4:⁠6) Okuninzi kuya kuxhomekeka kuhlobo lomsebenzi nakucwangciso lwakho. Kodwa ukuba umsebenzi uphazamisa imfundo yakho, ngaba ngokwenene uxabisekile?

Umsebenzi Nentsapho Yakowenu

Okunye emakuxhalatyelwe ngumphumo ukusebenza okusenokuba nawo kulwalamano lwakho namalungu entsapho. Abaphandi uLaurence Steinberg noEllen Greenberger bathi: “Uhlolisiso lwethu lubonisa . . . ukuba abafikisa ebuntwini abasebenzayo bachitha ixesha elincinane kwizinto zentsapho kunoontanga babo abangasebenziyo.” Ngokomzekelo, “abaselula abaninzi abasebenzayo bathi batya isidlo sangokuhlwa nentsapho yabo manqaphanqapha (ngaloo ndlela bephulukana nelinye lamaxesha ambalwa emini ekuthi ebudeni bawo abazali nabantwana babe nokufumanisa okwenzekileyo kwizinto ebebezenza abanye).”

Amaxesha okutya ayeyinxalenye ebalulekileyo yobomi bentsapho kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile yaye asaqhubeka enganjalo phakathi kwabantu bakaThixo namhlanje. (Thelekisa IMizekeliso 15:​17.) Phakathi kwamaNgqina kaYehova, iintsapho ezininzi zisebenzisa isidlo sakusasa okanye sangokuhlwa njengethuba lokuxubusha ngemibandela engokomoya. Ngaba umsebenzi wempangelo wasemva kwesikolo uya kukuthintela ekuthabatheni inxaxheba?

Abaselula abasebenzayo basekwanokuqalisa ukuvakalelwa kukuba abasaxhomekekanga nje kwaphela kubazali babo. Abanye bade baqiqe ngelithi ekubeni benemali eyeyabo, abakho phantsi kwegunya elipheleleyo labazali babo. Noko ke, itsheki yomvuzo ayikukhululi kwimfanelo yakho engokweZibhalo ‘yokuva uqeqesho lukayihlo’ okanye yokuthobela ‘umyalelo kanyoko.’ (IMizekeliso 1:⁠8) Ngokomzekelo, abazali bakho banelungelo lokugqiba ngobungakanani bemali oyibileleyo efanele iye kwiinkcitho zentsapho. Ngapha koko, phantse yonke imali yabo yenza njalo.

Ukuba ugqiba kwelokuba usebenze, kutheni ungabonakalisi ukukhula kwakho nomdla wakho kwimpilo-ntle yentsapho ngokubuza abazali bakho ngemali onokuyinikela kwimali yentsapho?

Umsebenzi Wakho Nobumoya Bakho

Eyona nto ibalulekileyo omele uyiqwalasele kunazo zonke ngumphumo ukusebenza okusenokuba nawo kubumoya bakho. USteinberg noGreenberger bathi ukuchanabeka kwindawo yomsebenzi kudla ngokuphumela kwiindlela ezithile ‘zesimilo esinxaxhileyo’ solutsha, njengokuba emsebenzini okanye ukuqhatha esikolweni. Olunye ulutsha lude lunikezele kwingcinezelo yoontanga luze lunike abahlobo izaphulelo ezingavunyelwanga​—⁠okanye lude lubabele izinto. Iingcinezelo zomsebenzi (nokusoloko unemali ekufutshane) ziye zakhokelela ulutsha oluninzi ekusebenziseni iziselo ezinxilisayo nasekusebenziseni kakubi iziyobisi.

Enyanisweni, ekubeni unemigaqo yobuKristu, ubungayi kuze ucinge nokucinga ngokwenza izinto ezinjalo. Noko ke, ukusebenza kunokumchanaba oselula “kunxulumano olubi” ukusa kwinqanaba elikhulu. (1 Korinte 15:​33, NW) Ngaba ukulungele ukusingatha ingcinezelo enjalo? Ngoxa usesikolweni, ngaba uye ‘wahamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle’ ngokuphepha unxulumano olonakalisayo? (Kolose 4:⁠5) Ukuba uye wabonakalisa ubuthathaka obuthile kule nkalo, ngaba ukulungele ngokwenene ukujamelana neengcinezelo ezinkulu ngakumbi zendawo yempangelo?

Ucwangciso lomsebenzi oludinisayo lusekwanokwenza kube nzima ngawe ukulandela inkqubo emiselweyo yobuKristu yeentlanganiso, isifundo seBhayibhile sobuqu, nokuba nenxaxheba kubulungiseleli bamaKristu. UMichelé uthi: “Ndiye ndaphoswa ziintlanganiso ngenxa yokuba ndandidinwa emva kosuku lwesikolo nomsebenzi.”

Ngaloo ndlela isigqibo sokufumana umsetyenzana wempangelo emva kwesikolo sesibalulekileyo. Bonke oothunywashe ababandakanyekileyo bamele baqwalaselwe ngenyameko. Thetha ngemibandela nabazali bakho okanye nomKristu okhulileyo. Ukuba umsebenzi ugqalwa uyimfuneko, zama ngamandla ukugcina ulungelelwano lwakho. Yenza ucwangciso olukuvumelayo ukuba unikele ingqalelo eyaneleyo kwimfundo yakho nakwinkqubela yakho engokomoya. Ukuba oko akunakwenzeka, cinga ngezinye iindlela zokwamkela imali. Mhlawumbi kukho imisebenzi emikhulu yasendlwini abazali bakho abaya kukulungela ukukuhlawula ngokuyenza. Olunye ulutsha luqalisa amashishini amancinane, anjengokucheba ingca okanye ukugcina abantwana, aluvumelayo ukuba lwamkele imali ngethuba lalo.

Kodwa kuthekani ngolutsha olukumazwe ahlwempuzeke ngakumbi olungenakwenza ngakumbi kodwa olumele lusebenze? Inqaku elizayo liza kuxubusha ngemeko yalo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona inqaku elandulelayo elithi “Ngaba Ukuba Nomsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo Kuya Kundinceda Ndikhule?” kwakule nkupho.

b Bona inkupho kaVukani! kaJanuwari 8, 1989, nekaJanuwari 22, 1989, (ngesiNgesi) ukuze ufumane amacebiso okuphatha imali.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]

“Isizathu esiyintloko somsebenzi wesingxungxo sikukwanelisa izilangazelelo zobuqu”

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Ngaba usebenzela ukuhlawula iindleko eziyimfuneko okanye ukuze wanelise ukuthanda izinto eziphathekayo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share