IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 7/8 iphe. 11
  • Ileta Evela Kumntu Osinqwenelela Okuhle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ileta Evela Kumntu Osinqwenelela Okuhle
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Imilinganiselo Yokuziphatha Efanele Ihlonelwe
    AmaNgqina KaYehova Nemfundo
  • “Usindiso LolukaYehova”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Unokuphendula Athini Umntwana Wakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Kutheni AmaNgqina KaYehova Engazibhiyozeli Izinto Zelizwe?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 7/8 iphe. 11

Ileta Evela Kumntu Osinqwenelela Okuhle

KUTSHANJE siye safumana incwadi evela kumntu osinqwenelela okuhle nohlala kwilizwe laseAfrika apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvaliweyo khona. Le ndoda yabhala oku:

“Mhlekazi Obekekileyo,

“Ndiza kuhlab’ emxholweni; ndifuna nje ukunikhumbuza ukuba urhulumente uye wawunqumamisa umsebenzi wenkonzo yenu apha. Hayi indlela okundikhathaza ngayo oku!

“Andisamfumani rhoqo uVukani! wam. Kodwa ndiyakuxelela, ndicinga ukuba uVukani! ulelona phephancwadi libalaseleyo kwendakha ndawafunda. Ucebisa abafundi indlela yokuziphatha ngokunempumelelo nangokufanelekileyo, ngokwasemthethweni nangokwasemoyeni. Uluncedo gqitha.

“Ndingafunga ukuba akukho mhlohli waseyunivesithi wazi kangaka okanye ofundisa ngokweenkcukacha ngolo hlobo. Andisathethi ke ‘ngabefundisi’ bethu. Ukanti urhulumente wethu uthi la maphephancwadi namanye afana nawo, afundisa kangaka, avaliwe. Ngoba? Ngenxa yokuba abapapashi abayikhahleli indwe. Kulungile ke.

“Kodwa umbuzo ngulo: Ukuba ubani uyakhahlela andule ebe imali yelizwe, amkele ukunyotywa, akuphephe ukuhlawula iirhafu, abulale, njalo njalo, ngaba kungathiwa loo mntu uthembekile? Oko koko ‘oosinga-maKristu’ bethu bakwenzayo. Bakhahlela indwe esidlangalaleni yaye bakwazithatha bazise kwiindawo zabo zonqulo ukuzikhahlelela khona. Amanye amaKristu ayakwenza oku! Ndiyazi ukuba andifezekanga okanye andilunganga nokulunga emehlweni kaThixo. Kodwa ngokwemvelo le asiyondlela ifanelekileyo.

“Nina maNgqina anivumi ukukhahlela indwe, ukwamkela utofelo-gazi, aniyibhiyozeli iKrismesi neIsta yaye anifuni nokuva kwanto ngobundlobongela, ukuqhatha, ukunyoba, nokubulala. Yaye nikuchasile ukukrexeza nokuhenyuza. Khankanya imikhwa emibi, amaNgqina aqinisekile ngokuyikhaba ngawo omane.

“Ndiyathemba ibe ndithandazela ukuba inkungu ingasuswa emehlweni karhulumente aze ayinike inkonzo yenu inkululeko yayo yokufundisa.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share