Into Ebaluleke Ngakumbi Kunemali
“Ukuza kuthi ga ngoku inkqubo yethu yokukhuthaza abantu phantse ibe isekelwe ngokupheleleyo kwimbuyekezo yemali.”—IPsychology Today.
UNANCY noHoward babeceba ukwenza izinto ezinkulu emva kokutshata kwabo ngowe-1989. Babefuna indlu, usana, iinqwelo-mafutha ezintsha nokuchithel’ ikhefu kwelinye ilizwe. Umvuzo ababewufumana wawubavumela ukuba bangakufikelela oku. Kodwa ngequbuliso bobabini baphelelwa ngumsebenzi. Imali ababeyilondolozele ukuhlawula lonke ityala lendlu kwafuneka beyisebenzisele ukuhlawula indlu yengqesho.
Ekubeni babengaqinisekanga ngekamva, kwafuneka beluhlehlisile ucwangciso lwabo—kuquka nolo lokuqalisa ukuba nentsapho. UNancy wathi: “Kwiminyaka emihlanu ukususela ngoku, andiqondi ukuba sakubuyela kwimeko esasikuyo. Konke oko kudlule, ibe andazi enoba kuya kuphinda kubuye na.”
Hayi indlela oku okuwubonisa ngayo umphumo ophanzisayo wokuphulukana nomsebenzi! Kodwa ukwabhenca amandla emali ayinkohliso. Okukhoyo namhlanje kusenokungabikho ngomso. Kunjengokuba ngokwenene iBhayibhile ilumkisa: “Imali yakho inokumka ngephanyazo, ngokungathi imile amaphiko yaza yabhabha yemka okwexhalanga.”—IMizekeliso 23:5, Today’s English Version.
Kulula ukuthi uyayamkela into yokuba imali iyadlula kunokukwenza oko. IPsychology Today yaphawula oku ngokuphathelele izimo zengqondo eziqhelekileyo ngemali: “Imali imisela umgangatho wokubaluleka kwezinto zwenibanzi. Ngayo silinganisa ukubaluleka kwezinto, ngokufuthi kwanokubaluleka kwethu.” Ukuzikhathaza ngokufumana imali kuye kwakhokelela kwanabantu abafumileyo ukuba babe nexhala elingapheliyo, udandatheko nezinye izigulo.
Ukubaluleka Kobulumko
Kodwa ikho into ebaluleke ngaphezu kwemali. IBhayibhile iyayichaza kwiNtshumayeli 7:22: “Ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi.” Le ndinyana yandula ke ikhankanye nenyaniso ebonisa ukuba ubulumko bongamile kunemali: “Ubulumko buyabasindisa abo banabo.”
Ubulumko buquka ubuchule bokusebenzisa ingqiqo xa sijamelene neemeko ezilucelomngeni. Xa sijamelene nokuphulukana nomsebenzi, ukusebenzisa ingqiqo kufanele kusixelele ukuba ixabiso lokwenyaniso lobomi alilinganiswa ngemali. Kwakhona ingqiqo iya kusinceda sigcine izinto eziza kuqala kuthi zilungelelene, sizinikele ingqalelo efanelekileyo.
Ziintoni Eziza Kuqala Kuwe?
Yintoni oyibeka kuqala ebomini? Ngaba umsebenzi wakho ubaluleke ngaphezu komtshato wakho? Ngaba indlu yakho ibaluleke ngaphezu kwabantwana bakho? Ngaba uxabise imali ngaphezu kwempilo yakho? Ntsuku zonke senza izigqibo ezisekelwe kwindlela esivakalelwa ngayo, ngezinto eziza kuqala kuthi. Xa sijamelene neengxaki zemali, izinto eziza kuqala kuthi ziya kulilawula ikhondo lethu lesenzo. Zisekelwe enini izinto eziza kuqala kuwe?
UYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3, NW) Phawula ukuba uYesu wabonisa ukuba ubumoya buyintswelo, buyinto eza kuqala, abulophawu nje olukwindawo yokugqibela nolufanele lusukelwe xa zonke izinto ebomini zikuhambela kakuhle.
Kulucelomngeni ukuyibeka loo ntswelo yokomoya kwindawo yokuqala ngoxa ubani ephantsi kwengcinezelo yokubonelela intsapho yakhe ngezinto eziphathekayo. Sekunjalo, njengoko uYesu watshoyo, abo benjenjalo bonwabile. Ngoxa bekuxhalabele ukufumana imali ukuze baphile, ngokwentelekiso bakhululekile ‘ekuzibhodlozeni ngobuhlungu obuninzi’ ubani akufumanayo xa ebeka imali kwindawo yokuqala. (1 Timoti 6:10) Kwakhona abantu abanjalo bayathuthuzeleka ngamazwi kaDavide njengoko ebhalwe kwiNdumiso 37:25: “Ndakha ndamtsha, kungoku nje ndimdala; ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa, nembewu yalo ivukela ukutya.”
Yanelisa Intswelo Yakho Yokomoya
Intswelo yomntu yokomoya yeyemvelo. Ufuna okungakumbi kunokutya, impahla nekhusi. Ubumoya budlulela ngaphaya koku, buphendula imibuzo enjengokuba, ‘Kutheni ndilapha nje?’ nothi, ‘Eli hlabathi—nobomi bam—lisingise phi?’
Ukoyika “isityhilelo sezoqoqosho” kuye kwaqhubela abantu abaninzi ekuyiqondeni intswelo yabo yokomoya. INewsweek inikela le ngxelo: “Ukuthengiswa kweencwadi zeziprofeto—ezo zichaza iziganeko zale mihla njengemiqondiso yeBhayibhile yesiphelo sehlabathi—kwande ngomlinganiselo wama-50 ukusa kuma-70 ekhulwini kunonyaka odluleyo.” Noko ke, ukuze ubani anelise loo ntswelo yokomoya, ufanele afune ulwazi oluchanileyo, ingeyiyo ingcamango nje yabantu.
Siyakumema ukuba uphengulule iLizwi likaThixo, iBhayibhile Engcwele. Iqulethe ubulumko obusebenzisekayo bokukunceda ukuba uhlangabezane namaxhala obomi. Ngaphezu koko, iBhayibhile inokukunika ulwazi oluchanileyo ngoko kuthethwa “ngamaxesha anzima” anamhlanje. (2 Timoti 3:1, TE) Ukuba unokubhalela abapapashi beli phephancwadi, kungalungiselelwa isifundo seBhayibhile sekhaya ngesisa. Ngoku kulelona xesha lokufuna ubulumko obusebenzisekayo kwimihla yethu—nolwazi oluchanileyo ngekamva—eLizwini likaThixo, iBhayibhile.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Izinto zokomoya ezixabisekileyo zifanele zixatyiswe