Lavela Njani Igama Elithi “Propaganda”?
Ngowe-1622, uPopu Gregory XV waseka umbutho, okanye ikomiti yeekhadinali ezili-13, oobhishophu ababini nonobhala ukuze ilawule abefundisi beCawa yamaRoma Katolika. Wawubiza ngokuba yiCongregatio de Propaganda Fide—uMbutho Ojongene Nokusasazwa Kokholo—okanye iPropaganda xa ushunqulelwa. Ekuhambeni kwexesha eli binzana lathetha nawuphi na umgudu wokusasaza iingcamango okanye iinkolelo khon’ ukuze kwandiswe amarhamente.
Namhlanje, igama elithi “propaganda” ngokufuthi linxulunyaniswa nokugqwethwa kweenyaniso, ukuphenjelelwa ngokunganyanisekanga kweengqondo zabantu, ngokomzekelo njengakwixesha lemfazwe. Kodwa amagosa athile avakalelwa kukuba kwanesona sibhengezo sibalaseleyo sinokuchazwa ngokufanelekileyo ngokuthi yipropaganda, ingakumbi ukuba sibandakanya ukunyanzelisa. IThe World Book Encyclopedia igqabaza isithi: “Abo bafundisayo kwimibutho yolawulo-melo bafundisa abantu indlela yokucinga, kodwa abantu abasasaza ipropaganda babaxelela oko bamele bakucinge.”