IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 11/8 iphe. 14
  • Lavela Njani Igama Elithi “Propaganda”?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lavela Njani Igama Elithi “Propaganda”?
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphumelela Idabi Lengqondo Yakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Ukusetyenziswa Kwenkcazelo
    Vukani!—2000
  • Iingcamango Ezenzakalisayo Ziyingozi Ngokwenene
    Vukani!—2000
  • Musa Ukuba Lixhoba Leengcamango Ezenzakalisayo!
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 11/8 iphe. 14

Lavela Njani Igama Elithi “Propaganda”?

Ngowe-1622, uPopu Gregory XV waseka umbutho, okanye ikomiti yeekhadinali ezili-13, oobhishophu ababini nonobhala ukuze ilawule abefundisi beCawa yamaRoma Katolika. Wawubiza ngokuba yiCongregatio de Propaganda Fide​—⁠uMbutho Ojongene Nokusasazwa Kokholo⁠—​okanye iPropaganda xa ushunqulelwa. Ekuhambeni kwexesha eli binzana lathetha nawuphi na umgudu wokusasaza iingcamango okanye iinkolelo khon’ ukuze kwandiswe amarhamente.

Namhlanje, igama elithi “propaganda” ngokufuthi linxulunyaniswa nokugqwethwa kweenyaniso, ukuphenjelelwa ngokunganyanisekanga kweengqondo zabantu, ngokomzekelo njengakwixesha lemfazwe. Kodwa amagosa athile avakalelwa kukuba kwanesona sibhengezo sibalaseleyo sinokuchazwa ngokufanelekileyo ngokuthi yipropaganda, ingakumbi ukuba sibandakanya ukunyanzelisa. IThe World Book Encyclopedia igqabaza isithi: “Abo bafundisayo kwimibutho yolawulo-melo bafundisa abantu indlela yokucinga, kodwa abantu abasasaza ipropaganda babaxelela oko bamele bakucinge.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share