IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 11/8 iphe. 25-26
  • Ukholo LukaWyndham​—⁠Indlela Olubachaphazele Ngayo Abanye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukholo LukaWyndham​—⁠Indlela Olubachaphazele Ngayo Abanye
  • Vukani!—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umphumo Kwabaselula Abathandekayo
  • Okomeleza Ukholo Kubo Bonke
  • UYehova Wandinceda Ukuba Ndimfumane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ngaba Ngumthi Ngokwenene?
    Vukani!—2008
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Umfundi Usabela Kwincwadi Ethi Abantu Abaselula
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 11/8 iphe. 25-26

Ukholo LukaWyndham​—⁠Indlela Olubachaphazele Ngayo Abanye

IPHEPHANCWADI uVukani! wesiNgesi ka-Agasti 22, 1991, lapapasha inqaku elingokuthembeka kukaWyndham Cook kumthetho kaThixo oyalela amaKristu ukuba azile igazi. (IZenzo 15:20; 21:25) UWyndham wayenemithambo edumbileyo emqaleni, yaye ngokuyinxenye wayenesifo sokopha kakhulu. Inqaku lanikela ingxelo yokuba wasinda kwizehlo eziliqela zokopha, esinye sazo kulapho isibalo sesibomvisi-gazi sakhe sehla saya kutsho ngaphantsi kwesi-⁠2. Okubuhlungu kukuba, njengoko inkupho ekhankanywe ngasentla yayisele ilungele ukushicilelwa, uWyndham wafa emva kwesinye isehlo sokopha kakhulu.

Umphumo Kwabaselula Abathandekayo

Abaninzi abaselula eUnited States babhalela uVukani! bevakalisa uxabiso lwabo ngeli nqaku, yaye bechaza umphumo eliye lanawo kubo. Omnye waseClinton, eIowa, wathi: “Xa ndafunda indlela lo mfana oneminyaka eli-15 ubudala awema eqinile ngayo koogqirha, ebachazela ngomonde isizathu sokwala kwakhe igazi, oku kwandenza ndahlolisisa ukholo lwam, yaye ndazibuza ngoko bendiya kukwenza. Ukholo nonyamezelo lukaWyndham zandenza ndazimisela kunanini na ngaphambili ukuba, ukuba ndandikwimeko ephakathi kokuphila nokufa, ndandiya kuthabatha ukuma okufanayo noko wakuthabathayo.”

Ileta evela komnye oneminyaka eli-15 ubudala waseMaiden, eMantla eCarolina, yathi: “Emva kokuba ndifunde ngokubandezeleka kukaWyndham nokwayama kwakhe ngoYehova de kuse ekufeni, ndalila. Ndazibuza lo mbuzo uxhokonx’ ingcinga uthi, ‘Ngaba ngaphantsi kwezo meko zinjalo bendiya kubeka ubomi bam ezandleni zikaThixo, yaye ndibe nentembelo epheleleyo kuye yokuba uya kundikhumbula?’

“Ndiphindaphindile ukulifunda eli nqaku izihlandlo ezininzi, yaye ndazimisela ukukhangela kulo nanini na apho ndiziva ndilusizi ngenxa yeli hlabathi licinezelayo. Ukholo lukaWyndham luyakhuthaza. Ndikhangele phambili ekudibaneni naye kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguYehova.”

Omnye oselula, weSixeko saseNew York, wabhala wathi: “Ngokufuthi ndizibona ndikwimeko efana nekaWyndham Cook, ndize ndizibuze ngoko bendiya kukuthetha ukuba ugqirha wayendixelele ukuba ndandiza kufa ukuba ndandingayi kulwamkela utofelo-gazi. Ndisoloko ndiziva ndikhaliphile, yaye ndisomelezwa yimizekelo enamandla, enjengekaWyndham, eyenza ukuba ndenze konke okusemandleni am ekukhonzeni uYehova.”

Oselula waseKent, eWashington, wathi: “Eli phephancwadi ndilithabathe eposini yam izolo, ndagqiba ukulifunda ngaphambi kokubuyela ekhaya. Ndabiza abahlobo abaninzi ebandleni ukuze ndincome eli nqaku. Ngoko ngaloo ngokuhlwa salifundisisa kwisifundo sethu sentsapho.” Ethetha ngomphumo eliye lanawo kuye, wathi: “Alizange lingqineke likhuthaza yaye lisomeleza ukholo nje kuphela, kodwa landenza, kubudala beminyaka eli-17, ukuba ndizibuze enoba bendiya kumelana nolo vavanyo.”

Omnye oselula waseMntla Berwick, eMaine, wabhala wathi: “Ndinokuzinxulumanisa noWyndham ngenxa yokuba nam ndineminyaka eli-15 ubudala. Andinakuyithetha indlela unyamezelo nenkalipho yakhe ezindishukumisele ngayo ukwenza konke endinokukwenza enkonzweni kaYehova. Ukuba wayenokwenza okungako ukuze akholise uThixo kwanakwimo yakhe ebuthathaka, ngoko ndinasiphi isizathu sokurhoxobisa?

“Ekugqibeni kwam ukufunda eli nqaku lihle, ndantywizis’ iinyembezi. Ndavakalelwa kukuba ndandimazi uWyndham ubomi bam bonke. Akwaba ndandimazi. Ngoko ndaqwalasela kumfanekiso wakhe ekunye nabazali bakhe, ndaza ndacinga indlela endingxame ngayo ukubona olo ncumo luhle kwakhona emva kovuko xa engasayi kuphinda eve ntlungu.”

Omnye one-15 leminyaka wafuna ukuba abazali bakaWyndham bazi indlela awayevakalelwa ngayo leli nqaku. Wabhala wathi: “Inkalipho kaWyndham indincedile ukubona imfuneko yokuba ndihlale ndikulungele ukumela iinkolelo zam. Nanini na, ndisenokuba kwimeko efanayo. Ndinqwenela nje ukuba, ukuba kunokufika ixesha apho kuya kufuneka ndithabathe ukuma okufanelekileyo, ndikhaliphe ndibe nozimiselo njengokuba wayenjalo uWyndham ekulandeleni oko kuthethwa yiBhayibhile.

“Andizange ndimazi uWyndham, endiqinisekileyo ukuba oko nje kukodwa kuyilahleko, kodwa ngokwenene ndikhangele phambili ekumazini xa ihlabathi elitsha liya kube selikho. Ibali elingaye lindenze ndanefuthe lokwenza konke endinokukwenza enkonzweni kaYehova, yaye ndikwenze de kufike isiphelo.”

Okomeleza Ukholo Kubo Bonke

Umzali othile waseNewark, eNew Jersey, wathi: “Ndibe ngomnye wamaNgqina kaYehova kangangeminyaka engama-22, kodwa ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso ngaphambi koko. Bendiwafunda rhoqo onke amaphephancwadi am, kodwa andizange ndifunde ibali elihlab’ umxhelo nelikhuthaza njengelo likaWyndham Cook.

“Ngoku ndinokuqhubeka ndifeza indima yam endiyinikwe nguThixo njengomzali yokunceda intombi yam eneshumi leminyaka ubudala ukuba ime iqinile ize ilulwele ukholo njengokuba wenzayo uWyndham. Enoba inokuba yimbambano engegazi, iziyobisi, isini, okanye nawaphi na amaqhinga uSathana awazisayo kuthi sonke, ngokukodwa kwabethu abaselula, sifanele siqhubeke nokuhlala siqinile ngokwakha ukholo lwethu.”

Elinye iNgqina laseCadiz, eKentucky, livakalisa iimvakalelo ezifanayo, labhala lathi: “Eli lelinye lawona manqaku ahlab’ umxhelo endakha ndawafunda. UWyndham waba ngowona mzekelo ubalaseleyo wokulandelwa ngabo bonke abaselula. Njengoko ndandifunda oko eli Ngqina liselula lithubeleze kuko, ndalila. Ndaqonda indlela thina sonke, abaselula nabakhulileyo ngokufanayo, esinokulandela ngayo ukuma kwakhe ngokukhaliphileyo. Umzekelo kaWyndham wandenza ndazihlolisisa kwakhona. Undenze ukuba ndizame nangakumbi ukusebenzela uYehova ngomphefumlo uphela, ndisoloko ndizama ukumisela umzekelo omhle onjengokaWyndham wokungcwalisa igama likaYehova.”

Elinye iNgqina lasePalm Springs, eKhalifoniya labhala lathi: “Eli nqaku ngokukhethekileyo layichukumisa intliziyo yam. Ndinabantwana abahlanu, yaye ndinqwenela ibe ndithandazela ukuba, ukuba kungenzeka bajamelane nolu hlobo oluqatha lwesilingo, babe nokholo olomeleleyo awayenalo uWyndham. . . . UWyndham ungumzekelo omhle wolutsha lwethu.”

Ukholo lokwenene lulindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, nokuba ubani akakaziboni okanye abe namava azo ezo zinto. (Hebhere 11:⁠1) UWyndham wayenokholo kwihlabathi elitsha likaThixo nakuvuko lwabafileyo ngenxa yolwazi oluchanileyo awayenalo ngamadinga eBhayibhile. (IZenzo 24:​15; 2 Petros 3:​13; ISityhilelo 21:​3, 4) Ukholo olunjalo, awalubonisa kwanaxa wayesemlonyeni wengcwaba, ngokuqinisekileyo luyomeleza kubuzalwana bazwenibanzi.​—⁠1 Petros 5:⁠9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share