Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba Ngokwenene Ndinokukhotyokiswa Kukusela?
KONKE oku kwaqalisa xa uJerome wayeneminyaka esithoba kuphela ubudala. Ucacisa oku: “Ndangcamla izichenene zotywala obabushiyeke xa kwakukho itheko ekhaya, ndanxila, yaye ndayithanda indlela endavakalelwa ngayo.” Kungekudala ukuthenga, ukufihla, nokusela utywala kwaba yinto yomhla nezolo kuJerome. Kanti, uyavuma esithi: “Andizange ndazi ukuba ndinengxaki de ndaneminyaka eli-17 ubudala. Xa abanye babefumana isidlo sakusasa, mna ndandisela ikota yelitha yotywala ekuthiwa yivodka!”
Ukusetyenziswa kotywala nokusetyenziswa kwabo kakubi kwanda ngomlinganiselo owothusayo phakathi kwabantu abaselula ehlabathini jikelele. EUnited States kuphela, abafundi baseMerika abangaphezu kweshumi lezigidi—isiqingatha—abakubudala obususela kwiminyaka eli-13 kuse kweli-18 baye basela isiselo esinxilisayo ubuncinane kwakanye kunyaka ophelileyo. Abamalunga nezigidi ezisibhozo basela veki zonke. Enyanisweni, abakwishumi elivisayo eUnited States basela ngaphezu kwewaka lezigidi leenkonkxa zebhiya kwakunye neebhotile zewayini ebandayo, isiselo esihlwahlwazayo esivangwe newayini, ezingaphezu kwezigidi ezingama-300 ngonyaka!
IBhayibhile ithi ngokubhekisele kwisiselo esinxilisayo: “Bonke abalahlekiswa siso abalumkile.” (IMizekeliso 20:1, NW) Sekunjalo, izigidi zabaselula, abanjengoJerome, balahlekiswa butywala. Ziziphi iingozi ezibangelwa kukusetyenziswa kakubi kotywala? Unokwazi njani ukuba uba likhoboka labo?
Utywala Nokukhotyokiswa Butywala
Xa bubekwe kakuhle phaya njengewayini ebandayo ikwinto enombala oqaqambileyo okanye ibhiya elephuza igwebu, utywala bukhangeleka buyinto engenabungozi kwaphela. Noko ke, incasa nenkangeleko yabo isenokukhohlisa. Utywala busisiyobisi—esona sinamandla.
Oogqirha bathi utywala buyinto yokuthoba uvalo echaphazela ingqondo netyhutyha imithambo-luvo. Xa buselwa ngobungcathu ngumntu okhulileyo, busenokudala umphumo ongeyongozi noyolisayo. INdumiso 104:15 ithi: “Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu.” Noko ke, ithamo elikhulu kakhulu lotywala linokumenza umntu anxile—nto leyo ebangela ubuthathaka obuphawulekayo bomzimba nengqondo. NjengoJerome, umntu usenokukhotyokiswa butywala, adlulele ngaphaya kokusifuna nje isiselo esinxilisayo kodwa asibone siyimfuneko okanye asilangazelele ngamandla. Kubangelwa yintoni oku? Umzimba unokuvelisa amandla okumelana notywala ukuba buselwa ngokugqithiseleyo. Ngoko lowo ubuselayo ufanele asele utywala obongezelelekileyo ukuze eve imiphumo yabo. Noko ke, engekakuqondi oku, sele ekhotyokisiwe bubo. Akuba umntu ekhotyokiswe butywala, ubomi bakhe buguquka ngokulusizi. Phantse bazizigidi ezihlanu abantu abaselula eUnited States abanengxaki yokusela.
Isizathu Sokuba Basele
Kwiminyaka yee-1930 oweshumi elivisayo oqhelekileyo eUnited States wayengcamla okwesihlandlo sokuqala kwisiselo esinxilisayo xa eneminyaka emalunga ne-18 ubudala. Namhlanje, wenjenjalo ngaphambi kokuba afikelele kwiminyaka eli-13 ubudala. Abanye baqalisa besengaphantsi koko. “Ndandineminyaka emithandathu ubudala, . . . yaye ndathi nje rhabu ithamo elinye kwigilasi yebhiya katatomkhulu. . . . Ndaziva ngathi ndinesiyezi!” Ukhumbula oko uCarlotta—ikhoboka lotywala elichachayo. Okukhona uqala uselula, kokukhona kunokwenzeka ukuba ukhotyokiswe butywala.
Kakade ke, ngokufuthi oontanga babangela ingcinezelo enkulu ngokunxulumene noku. Kodwa kwakhona maxa wambi abazali babekek’ ityala. Bambi bazinkcinkca ngokugqithiseleyo, bebusebenzisa utywala njengento yokubanceda bakhululeke ngokweemvakalelo, okanye bade baqhayise ngobungakanani botywala abanokubusela. Incwadana ethetha ngokukhotyokiswa butywala ithi: “Abantwana abashukunyiselwa ukusela ngendlela efanelekileyo xa bengabantu abakhulu idla ngokuba ngabo baphuma kwiintsapho ezibujonga utywala njengento nje eqhelekileyo nabangayithabatheli phezulu . . . , apho ukusela kunendawo yako efanelekileyo.”a
Umabonwakude uyenye impembelelo enamandla kulutsha. Kubudala beminyaka eli-18 oselula oqhelekileyo waseMerika sele ebone imiboniso ekuselwa kuyo engama-75 000 eboniswa kumabonwakude—eli-11 ngosuku. Izibhengezo ezinobuqhinga, ezenziwa ngobuchule ukwenzela ukuba ukusela kubonakale kuyindlela ekhokelela kuyolo nasekuvuselelekeni ngokwesini, zibonisa abantu ababhengeza isini besela kwiindawo ezinamatheko anengxolo engalawulekiyo. Iziselo ezinxilisayo zenziwa zibe nencasa yeziqhamo zize zinikwe amagama eemveliso ezithandwayo. Izibhengezo ziyayifeza injongo yazo. Mpela-veki nganye, eUnited States ulutsha olungama-454 000 luya kumatheko ekuselwayo kuwo, nto leyo eyashukumisela omnye ugqirha wotyando waseUnited States okudidi oluphakamileyo ukuba athi uninzi lwabo “sele lungamakhoboka otywala, yaye abanye phantse ukuba sele besendleleni eya apho.”
Noko ke, lumbi ulutsha, luqhutyelwa ekuseleni ziimvakalelo zokudideka ezingaphakathi kulo. UKim wachaza isizathu sokuba esoloko esela ibhiya esithi: “Utywala ndandibusela ukuze ndiguqule indlela endandivakalelwa ngayo nokuze bundenze ndizive ndizithembile ngesiqu sam.” Ukuba oselula uneentloni okanye unokungazithembi okuthile, ukusela kusenokubonakala kusisicombululo esinomtsalane. Kanti abanye basela ukuze bathintele intlungu ebangelwa zizinto ezithile eziyinene ebomini, ezinjengokuxhatshazwa okanye ukutyeshelwa ngabazali. Yintoni eyabangela uAna aqalise ukusela? “Andizange ndilufumane uthando endandilufuna.”
Enoba sisiphi na isizathu sokuqalisa ukusela, ekuhambeni kwexesha oselula usenokukufumanisa kunzima ngokongezelelekileyo ukuyilawula indlela asela ngayo. Kanye ngelo xesha usenokuzifumanisa ejamelene nokukhotyokiswa butywala. Ngaba sele uqalisile ukusela? Ngoko khawuzihlole ngale mibuzo ephantsi komxholo othi, “Ukususela Oko Uqalise Ukusela.” Usenokufumanisa ukuba iziphumo zinokuba zezichaza okuthile.
Utywala—Buyingozi Kwabaselula!
“Abo bahlala ixesha elide ewayinini” iBhayibhile ibalumkisa ngelithi “ekupheleni kwayo . . . ikhupha ityhefu enjengeyerhamba.” (IMizekeliso 23:29-32, NW) Ubuhlungu obushiywe yinyoka enobungozi ngokuthe ngcembe yaye ngendlela ebuhlungu bunokumenzakalisa okanye bumbulale umntu. (Thelekisa IZenzo 28:3, 6.) Ngokufanayo, ukuquqa ubuyelela emphandeni ithuba elide yaye usiya ngamandla kunokukubulala ngokuthe ngcembe. Kunokwenzakalisa amalungu abalulekileyo, anjengesibindi, idlala elikhulu elisemva kwesisu (pancreas), ingqondo nentliziyo. Imizimba neengqondo ezisakhulayo zabaselula zinokwenzakaliswa ngakumbi ngumonakalo onjalo, maxa wambi ongenakulungiseka.
Kwakhona ukusebenzisa kakubi utywala kunokwenzakalisa ngakumbi iimvakalelo zakho kunokuba kunokwenza emzimbeni wakho. Isiselo esinxilisayo sinokukwenza ube nentembelo yobuqu okomzuzwana. Kodwa loo ntembelo esikunika yona yeyenkohliso—yaye imiphumo isoloko iyephelayo. Okwangoku ulibazisa ukukhula kwakho ngokwengqondo nangokweemvakalelo. Kunokuba ube sezingqondweni uze ujamelane neemeko njengokuba zinjalo, uzabalazela ukufumana obunye utywala. Kodwa emva kokuba sezingqondweni kangangeenyanga ezili-11, uPeter oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ngoku kufuneka ndifunde indlela yokumelana nendlela endivakalelwa ngayo ndize ndifumane iindlela ezintsha zokuhlangabezana neemeko utywala ebebundenza ndikwazi ukutyhubela ngaphaya kwazo ngaphambili. Ndicinga ukuba ngokweemvakalelo nangokwasentlalweni ndimalunga neminyaka elishumi elinesithathu ubudala.”
Ngoko kukho iingozi zokusela uze uqhube. Ukufa okuphakamileyo okubangelwa kukusela kungoyena nobangela uphambili wokufa kwabantu abaselula eUnited States. Kwakhona ukusela kunxulunyaniswe nokubulawa kwabantu, ukuzibulala nokurhaxwa ngamanzi—abanye boonobangela abaphambili bokufa kolutsha.
Ngokubhekele phaya, ukusela utywala ngokugqithiseleyo kunokuba nemiphumo etshabalalisayo kubomi bentsapho yakho, kubuhlobo bakho nabanye, kumsebenzi wakho wesikolo, nakubumoya bakho. IBhayibhile ikubeka ngale ndlela oku: “Ndibonise uthile osela kakhulu, . . . ndiya kukubonisa uthile ongonwabanga nolusizi ngesiqu sakhe, osoloko ebangela inkathazo nosoloko ekhalaza. Amehlo akhe abomvu, yaye unamanxeba ange ephetshiwe. . . . Uya kuziva ngathi ubuphuma elwandle, udiniwe, ulengalenga phezu kwenqanawa edlokovayo.” (IMizekeliso 23:29-34, Today’s English Version) Le yinkalo yokusela engaboniswayo kwizibhengezo ezinomtsalane eziboniswa kumabonwakude.
Kutheni Beqalisa Nje?
Kumazwe amaninzi ulutsha aluvunyelwa ukuba lusele utywala. Ukuba ungumKristu, unesizathu esikunyanzelayo ukuba uthobele le mithetho, njengoko uThixo ekuyalela ukuba ‘ululamele amagunya awongamileyo.’ (Roma 13:1, 2) Nokuba ukusetyenziswa kotywala lulutsha kuyinto evumelekileyo kwibutho labantu lasekuhlaleni, ngaba ngenene kuyingenelo kuwe ukuqalisa ukusela ngeli xesha ebomini bakho? Kunjengokuba eyoku-1 yabaseKorinte 6:12 (NW) isithi, “zonke izinto zivumelekile . . . ; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo.” Ngaba ngenene sele ukulungele ukumelana nemiphumo yeziselo ezinxilisayo?
Liyinyaniso elokuba, xa oontanga bakho bekunika iwayini ebandayo enomtsalane, usenokulingelwa ukuba uyingcamle. Noko ke, qonda ukuba, ngokunokwenzeka unikwa isiyobisi esikhobokisayo. Ulutsha olwaluhlonel’ uThixo lwamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, olunjengoDaniyeli, uShadraki, uMeshaki, noAbhede-nego baba nenkalipho yokujamelana namagunya aseBhabhiloni baza bala ukudla ukutya okungcolileyo newayini ababeyinikwa ngukumkani ongumhedeni waseBhabhiloni. Nawe ngokufanayo unokuba nenkalipho yokuthi hayi!—Daniyeli 1:3-17.
Ekuhambeni kwexesha uya kuba mdala ngokwaneleyo—ngokwasemthethweni, ngokwasengqondweni, ngokweemvakalelo, nangokwasemzimbeni—ukuba ungabusela utywala ukuba ukhetha ukwenza njalo. Sekunjalo, kuya kuba bubulumko ukuba ube nobungcathu uze uphephe ukukhotyokiswa bubo. Ulutsha oluninzi sele lukhotyokisiwe, yaye inqaku eliya kulandela liya kuxubusha ngoko lumele lukwenze ukuze lukhululeke.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwibutho elithile labantu ngokuqhelekileyo ulutsha luvumelekile ukusela iziselo ezinxilisayo ngamaxesha esidlo. Nakuba kunjalo, kuya kuba bubulumko ngabazali ukucinga nzulu ngokona kubalungeleyo abantwana babo baze bangavumeli isiko lasekuhlaleni libakhokele kuzo zonke izigqibo abazenzayo.
[Ibhokisi ekwiphepha 26]
UKUSUSELA OKO UQALISE UKUSELA:
◻ Ngaba unabahlobo abahlukileyo okanye abambalwa kunangaphambili?
◻ Ngaba ubomi ekhaya bunzima ngakumbi?
◻ Ngaba uyaphuthelwa, okanye ngaba uziva udandathekile okanye uxhalabile?
◻ Ngaba ufuna ukusela ukuze uzive ukhululekile xa uphakathi kwabanye?
◻ Ngaba uziva ungonwabanga okanye udanile emva kokuba usele?
◻ Ngaba uyakhanyela okanye uyazifihla ukuba uyasela?
◻ Ngaba uba neentloni okanye ube nomsindo xa uthile ezisa engqalelweni yakho izinto ozenzayo xa usele?
◻ Ngaba wakhe walulekwa ngothile okanye wakuqhula ngokusebenzisa kwakho utywala?
◻ Ngaba ukholelwa kwelokuba kukulungele ukusela iwayini ebandayo nebhiya kuba nje zingebotywala bunamandla?
◻ Ngaba uye waphelelwa ngumdla okanye wayeka ukwenza izinto ozithandayo nokubandakanyeka kwimidlalo obuyinandipha ngaphambili?
Ukuba uphendule ngokuthi ewe kwimibuzo engaphezu kwemibini, oko kusenokubonisa ukuba unengxaki enzulu yokusela. Ukuba kunjalo, kuya kuba bubulumko ngawe ukuba ungaphozisi maseko ekufuneni uncedo.
Umthombo: THE REGENT HOSPITAL, New York, NY.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Amakhoboka amaninzi otywala aba nengxaki yokusela eselula kakhulu