Ucwangciso-ntsapho Luba Ngumbandela Wazwenibanzi
“Ucwangciso-ntsapho lunokuzisa iingenelo ezingakumbi kubantu abangakumbi ngexabiso eliphantsi kunayo nayiphi na enye into ‘yobugcisa’ efumanekayo kuhlanga loluntu. . . . Oku bekuya kuba njalo enoba bekungekho nto injengengxaki yenani labemi.”—The State of the World’s Children 1992.
MANDULO ukuba nabantwana abaninzi kwakujongwa njengento enqwenelekayo. Phantse kwiminyaka engamawaka amane eyadlulayo, uRebheka wayeza kushiya elaseMesopotami aye kutshata noIsake, unina nomntakwabo bamnqwenelela iintsikelelo ngala mazwi: “Ungudade wethu; yiba ngamawakawaka.” (Genesis 24:60) Amaxesha ngamanye. Namhlanje, amabhinqa angakumbi nangakumbi athi afuna abantwana abambalwa.
UBu, ongumama wentombazana enye waseIndonesia oneminyaka engama-22 ubudala wathi: “Ndandingumntwana wesithathu kwabasixhenxe. Utata wayengumthengisi wencindi yesundu eKlaten, kuMbindi Java, yaye abazali bam babetsala nzima bezama ukukhulisa loo nkumbula yabantwana. . . . Kulula ukukhulisa intsapho ukuba unabantwana abambalwa kuphela.”
Iimbono zikaBu ziyafana nezo zabazali abasehlabathini lonke. Ngokwandayo, izibini ezitshatileyo kufuneka zicebe ixesha lokuba nabantwana, inani labo, ithuba eliphakathi kokuzala nexesha lokuyeka. Oku kuboniswe kubalo lweZizwe Ezimanyeneyo olubonisa ukuba ukusetyenziswa kwezinto zokuthintela ukukhawula ngokuzithandela kumazwe asakhasayo kuye kwanda ngokuphawulekayo, kususela kwi-10 ekhulwini lezibini ezitshatileyo kwiminyaka yee-1960 ukuya kufikelela kuma-51 ekhulwini namhlanje.
Noorhulumente banomdla wokwenene ekukhuthazeni ucwangciso-ntsapho. Ngaphezu kwesiqingatha samazwe asakhasayo azama iinkqubo zokunciphisa ukwanda kwenani labemi. UMbutho Wengxowa-mali Yeemfuno Zabemi YeZizwe Ezimanyeneyo uqikelela ukuba iyonke inkcitho yeenkqubo zokuthintela ukwanda kwenani labemi ngoku imalunga nee-R13 140 000 000 ngonyaka. Ukuze kuhlangatyezwane neemfuno zekamva, abasemagunyeni bathemba ukuba eli nani liya kuphindaphindeka kabini ngonyaka wama-2000.
Kutheni izizwe nabantu ngabanye benomdla kangaka ekulawuleni inani labantwana abazalwayo? Yaye iyintoni imbono yamaKristu ngalo mbandela ubalulekileyo? Amanqaku amabini alandelayo aya kuhlolisisa le mibuzo.