IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 3/8 iphe. 25
  • Ucwangciso-ntsapho Luba Ngumbandela Wazwenibanzi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso-ntsapho Luba Ngumbandela Wazwenibanzi
  • Vukani!—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuba Nabantwana—Ngaba Kuyingenelo Okanye Kuyilahleko?
    Vukani!—1993
  • Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Kutheni Bengenabantwana?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ukubalwa Kwabantu, IBhayibhile Nekamva
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 3/8 iphe. 25

Ucwangciso-ntsapho Luba Ngumbandela Wazwenibanzi

“Ucwangciso-ntsapho lunokuzisa iingenelo ezingakumbi kubantu abangakumbi ngexabiso eliphantsi kunayo nayiphi na enye into ‘yobugcisa’ efumanekayo kuhlanga loluntu. . . . Oku bekuya kuba njalo enoba bekungekho nto injengengxaki yenani labemi.”—The State of the World’s Children 1992.

MANDULO ukuba nabantwana abaninzi kwakujongwa njengento enqwenelekayo. Phantse kwiminyaka engamawaka amane eyadlulayo, uRebheka wayeza kushiya elaseMesopotami aye kutshata noIsake, unina nomntakwabo bamnqwenelela iintsikelelo ngala mazwi: “Ungudade wethu; yiba ngamawakawaka.” (Genesis 24:60) Amaxesha ngamanye. Namhlanje, amabhinqa angakumbi nangakumbi athi afuna abantwana abambalwa.

UBu, ongumama wentombazana enye waseIndonesia oneminyaka engama-22 ubudala wathi: “Ndandingumntwana wesithathu kwabasixhenxe. Utata wayengumthengisi wencindi yesundu eKlaten, kuMbindi Java, yaye abazali bam babetsala nzima bezama ukukhulisa loo nkumbula yabantwana. . . . Kulula ukukhulisa intsapho ukuba unabantwana abambalwa kuphela.”

Iimbono zikaBu ziyafana nezo zabazali abasehlabathini lonke. Ngokwandayo, izibini ezitshatileyo kufuneka zicebe ixesha lokuba nabantwana, inani labo, ithuba eliphakathi kokuzala nexesha lokuyeka. Oku kuboniswe kubalo lweZizwe Ezimanyeneyo olubonisa ukuba ukusetyenziswa kwezinto zokuthintela ukukhawula ngokuzithandela kumazwe asakhasayo kuye kwanda ngokuphawulekayo, kususela kwi-10 ekhulwini lezibini ezitshatileyo kwiminyaka yee-1960 ukuya kufikelela kuma-51 ekhulwini namhlanje.

Noorhulumente banomdla wokwenene ekukhuthazeni ucwangciso-ntsapho. Ngaphezu kwesiqingatha samazwe asakhasayo azama iinkqubo zokunciphisa ukwanda kwenani labemi. UMbutho Wengxowa-mali Yeemfuno Zabemi YeZizwe Ezimanyeneyo uqikelela ukuba iyonke inkcitho yeenkqubo zokuthintela ukwanda kwenani labemi ngoku imalunga nee-R13 140 000 000 ngonyaka. Ukuze kuhlangatyezwane neemfuno zekamva, abasemagunyeni bathemba ukuba eli nani liya kuphindaphindeka kabini ngonyaka wama-2000.

Kutheni izizwe nabantu ngabanye benomdla kangaka ekulawuleni inani labantwana abazalwayo? Yaye iyintoni imbono yamaKristu ngalo mbandela ubalulekileyo? Amanqaku amabini alandelayo aya kuhlolisisa le mibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share