IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 6/8 iphe. 3
  • Ngaba Ngenene Umculo Unokukwenzakalisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ngenene Umculo Unokukwenzakalisa?
  • Vukani!—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndinokuwugcina Njani Umculo Ukwindawo Efanelekileyo?
    Vukani!—1993
  • Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukunandipha Umculo—Siyintoni Isikhokelo Sako?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 6/8 iphe. 3

Ngaba Ngenene Umculo Unokukwenzakalisa?

KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni woku: Umntu othile oqhelene naye emsebenzini ukumemela kwisidlo esithile ekhayeni lakhe. Uyavuma. Njengoko ubusuku buhamba, ufumanisa izinto eziliqela ezothusayo ngalowo ukumemileyo. Ubonakala engumntu oyoliswayo zizenzo zenkohlakalo, ubonakalisa imikhwa yokufuna ukuzibulala, usebenzisa intetho engcolileyo, yaye ukhuthaza ukunqulwa kukaMtyholi. Ngoko, ngaba ubuya kutyekela ekufuneni ukuchitha enye ingokuhlwa ukunye naye? “Unotshe!” uphendula ngolo hlobo.

Ngaphezu koko, kuthekani ukuba ngobo busuku lo mntu umqhelileyo uye warekhoda iinkolelo neengcamango zakhe ezinxaxhileyo kwiteyiphu waza wakunika yona? Ngaba ubuya kuzichanaba ngokuyidlala ngokuphindaphindiweyo? Kusenokungabi njalo.

Noko ke, inyaniso yeyokuba namhlanje izigidi zabantu zizichanaba ngale ndlela. Ngenxa yoko, uninzi lwabo bawuphulaphulayo lo mculo bamkela ingcinga nehambo ewukhuthazayo.

Nguwuphi umculo esibhekisela kuwo apha? Enyanisweni iimpembelelo ezithob’ isidima zinokufunyanwa kulo naluphi na uhlobo lomculo. Enoba ubani uthanda umculo weklasiki, wejazz, okanye olunye uhlobo oluthile lomculo, kukho imfuneko yokuba ngolumkileyo nokhethayo.

Noko ke, kukho iindidi ezithile zomculo ezibalaselisa ngokucacileyo eyona mibandela ingafanelekanga. Oku kuzisa ucelomngeni olukhethekileyo. IU.S.News & World Report ichaza umbandela oyintloko obalaseliswa ngumculo onesingqisho esinamandla “njengalowo wokugatya kwabeshumi elivisayo ubunyaniso bezinto, ozele kukuzinkcinkca ngokukhululekileyo ngesini esinogonyamelo nokhuthaza iingcinga zokuzibulala maxa wambi.” UGqr. David Elkind uthi ngamaqela athile omculo werock “aphume gqitha endleleni ngokuphathelele intetho nehambo engamanyala nto leyo etshabhisa wonke umculo werock.” Kwimimandla ethile zimbi iialbham zide zibe nemibhalo engaphandle elumkisa ngoko kungamanyala ezikuquletheyo ngaphakathi.

Ngaba abantu banochuku nje kuba umculo othile bengawuthandi okanye ngaba ngenene sikho isizathu sokuxhalaba? Makhe siqwalasele umculo othile werock ngoku ofikelela kumanqwanqwa aphezulu ngokuthandwa luluntu ngokubanzi oboniswa kwiialbham, kwiivideo zomculo kumabonwakude nakumatheko omculo. Khawuhlolisise indlela abantu abachatshazelwa ngayo nguwo. Ngoko khawuthelekelele enoba oku kuzonwabisa kukuziyolisa nje okungeyongozi okanye kuyityhefu ngokwasengqondweni. Ngaba kuyinto wena okanye intsapho yakho efanele izibandakanye kuyo okanye ide izichanabe kuyo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share