IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 7/8 iphe. 27-28
  • Ngaba Ufanele Ukhokelwe Sisazela Sakho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ufanele Ukhokelwe Sisazela Sakho?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Sikuko
  • Kutheni Singasebenzi Kakuhle?
  • Yintoni Esinokuyenza?
  • Unokusigcina Njani Sicocekile Isazela Sakho?
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ngaba Isazela Sakho Siqeqeshwe Kakuhle?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ndingasiqeqesha Njani Isazela Sam?
    Ulutsha Luyabuza
  • Liphulaphule Ilizwi Elikuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 7/8 iphe. 27-28

Imbono YeBhayibhile

Ngaba Ufanele Ukhokelwe Sisazela Sakho?

NJENGOKO usehlisa isitrato esixakekileyo, udlula kwinenekazi elinxibe kakuhle eliwisa imfumba yemali yalo lingayiboni. Xa uthoba ukuze uyichole ulibona likhwela ngokukhawuleza kumgrugra wenqwelo-mafutha. Yintoni oza kuyenza? Uza kulikhwaza okanye ngokukhawuleza uza kuthi khatha loo mali epokothweni?

Impendulo ixhomekeke kwisazela sakho. Yintoni esiza kukuxelela ukuba uyenze? Okubaluleke ngakumbi kukuba, ngaba unokukuthemba oko sikuxelela kona? Ngaba ngokukhululekileyo unokukhokelwa sisazela sakho?

Oko Sikuko

Isazela sichazwa njengemvo engokwemvelo yokwazi okulungileyo nokubi, okusesikweni nokungekho sikweni, ukuziphatha okuhle kwanokubi. IBhayibhile icacisa indlela esisebenza ngayo isazela kumaRoma 2:14, 15 isithi: “Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo: bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo sibe isazela singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.” Ngaloo ndlela, isazela sakho senzelwe ukuba ukwazi ukuzibeka esikalini iimeko, wenze ukhetho olulungileyo, uze uzigwebe ngokokhetho olwenzileyo. Kodwa ngaba unokusithemba?

Oko kuxhomekekile. Ngapha koko, kukho ubungqina obuninzi obubonisa ukuba isazela esikhohlisayo sinokukhokelela ubani kwisenzo esiphosakeleyo. Isibakala sokuba isazela sikabani sivumela ihambo ethile oko akuqinisekisi ukuba uThixo uyibetha ngoyaba lo hambo. Ngokomzekelo, ngaphambi kokuba abe ngumKristu, uSawule waseTarso wayekhokela ekutshutshiseni amaKristu. Wayekuvuyela oko yaye wada wanenxaxheba kwiyelenqe lokubulawa komfeli-nkolo ongumKristu uStefano. Kuko konke oku, isazela sakhe asizange simgwebe.—IZenzo 7:58, 59; Galati 1:13, 14; 1 Timoti 1:12-16.

KwiJamani yamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amajoni amaninzi ama-SS abanga ukuba ayelandela nje imiyalelo xa athi athuthumbisa aze abulala izigidi kwiinkampu zoxinaniso zikaHitler. Izazela zawo zaziwavumela ukuba enze oko. Kodwa umgwebo wehlabathi—yaye okona kubalulekileyo umgwebo kaThixo—awuzange uzibethe ngoyaba izenzo zawo. Ngokufanelekileyo, agwetyelwa ukufa.

Kutheni Singasebenzi Kakuhle?

Kutheni okuthile okudalwe nguThixo kungasebenzi kakuhle? IBhayibhile iyacacisa. Ngenxa yokuwela komntu esonweni esabangelwa kukungathobeli kuka-Adam, isono ‘silawula njengokumkani,’ sinyanzela abantu ukuba bathobele iminqweno yaso. (Roma 5:12; 6:12) Isazela somntu, esasifezekile, sonakala; amandla esono asebenzayo akhuphisana naso. (Roma 7:18-20) Oku kubangela olu ngquzulwano luqheleke kakhulu kuthi: “Ndifumana ngoko lo mthetho kum, ukuba kuthi, ndifuna ukukwenza okuhle, kusuke kubekho okubi kum. . . . kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.”—Roma 7:21-23.

Ukongezelela kobu buthathaka sabuzuz’ ilifa, kwakhona izazela zethu zonakaliswa zizinto ezisingqongileyo. Ngokomzekelo, ngokucacileyo ingcinezelo yabahlobo yazigqwetha okanye yazicinezela izazela zamajoni amaNazi angama-SS akhankanywe ngaphambili. (Thelekisa IMizekeliso 29:25.) Ngokubhekele phaya, ukondla iingqondo ngezinto ezingenamsebenzi, ezinjengokuziphatha okubi nogonyamelo olukumabonwakude nakwimifanekiso eshukumayo kunye neencwadi, ngokufanayo kunempembelelo. Ukuba sizichanaba ngokuthe rhoqo kwizinto ezinjalo, ekugqibeleni ziya kubonakala zingembi kangako, yaye isazela sethu siya kuba buthathaka. Ngamanye amazwi, “incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.”—1 Korinte 15:33.

Ukuba umntu uqeqeshelwe ukwazi nokuhlonela imithetho kaThixo, ngokucacileyo isazela sakhe siya kuba ngumkhokeli othembeke ngakumbi kunokuba ebengaqeqeshwanga ngolo hlobo. Noko ke, ngamathub’ athile kwanomntu oziqondayo nonoxabiso olunzulu ngeendlela zikaThixo usenokufumanisa ukuba ngenxa yesono awasizuz’ ilifa nokungafezeki, mhlawumbi nangenxa yeempembelelo zangaphandle, isazela sakhe asingomkhokeli anokumthemba.

Yintoni Esinokuyenza?

Ngaba isazela sinokuguqulwa, senziwe sibe bukhali ngakumbi kwimigaqo elungileyo? Ewe. UPawulos waluleka amaKristu ukuba athi ‘ngenxa yobugcisa, abe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.’ (Hebhere 5:11-14) Uqheliselo kwanoqeqesho olunjalo luquka ukufundisisa iBhayibhile, ukunikel’ ingqalelo ekhethekileyo kumzekelo ogqibeleleyo esawushiyelwa nguYesu Kristu. (1 Petros 2:21, 22) Emva koko, njengoko sisebenzisa ubugcisa esinabo ekwenzeni izigqibo, izazela zethu ziya kusikhokelela kude ngakumbi kwiingcinga kunye nezenzo eziphosakeleyo yaye ziya kusiqhubela ekwenzeni okugqibeleleyo nokulungileyo.

Nakuba kunjalo, singaze sibe ngamalungisa ngokugqithiseleyo okanye sithi ukuba okuthile “akusikhathazi isazela sam,” kulungile. Kubantu abangafezekanga ukusisebenzisa kakuhle nangokufanelekileyo isazela kunokufaniswa nezenzo zobulumko zomqhubi olumkileyo. Xa efuna ukutshintsha indlela, ngokuzenzekelayo uqala ngokukrwaqula kwisipili esibonisa okungasemva. Ukuba ubona inqwelo-mafutha, uyazi ukuba akufanelekanga ukuba atshintshele kwenye indlela. Noko ke, kwanokuba akaboni nqwelo-mafutha, umqhubi olumkileyo uyaqonda ukuba kusenokubakho izinto angaziboniyo—asinto yonke enokubonwa ngalo lonke ixesha ngenxa nje yokuthembela esipilini. Ngoko ke, akakhangeli esipilini kuphela. Ujika intloko yakhe ajonge, ukuze aqiniseke ukuba akukho nqwelo-mafutha izayo ngaphambi kokuba atshintshele kwenye indlela. Kunjalo nangesazela. Ukuba siyakulumkisa, sithobele! Nokuba ekuqaleni asikhange sikulumkise, yiba njengomqhubi osisilumko—khangelisisa ukuze uqiniseke ukuba akukho ngozi.

Hlola indlela ocinga ngayo ukuze ubone ukuba iyavisisana kusini na nendlela uThixo acinga ngayo. Sebenzisa iLizwi lakhe njengomqondiso wokugweba isazela sakho. IMizekeliso 3:5, 6 iyalumkisa: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.”

Ngoko kububulumko ukuphulaphula kwisazela sakho. Kodwa kwakhona kububulumko ngakumbi ukuthelekisa konke esikwenzayo nokuthanda kukaThixo okuseLizwini lakhe. Kungoko kuphela esinokutsho siqinisekile ukuba, “Sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo.”—Hebhere 13:18; 2 Korinte 1:12.

[Umfanekiso okwiphepha 27]

“Ukuguquka kukaSt. Paul”

[Inkcazelo]

Painting by Caravaggio: Scala/Art Resource, N.Y.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share