Imbono YeBhayibhile
Ngaba Umpostile UPawulos Wayechasene Namabhinqa?
‘IIMFUNDISO zompostile uPawulos ziye zasetyenziswa njengesiseko sokuchasa amabhinqa kwicawa . . . yamaKristu.’ Yatsho njalo iJaji uCecilie Rushton waseAuckland, eNew Zealand, kwiphepha elafundwa ekuqaleni kowe-1993 kwiNgqungquthela Yomthetho Wamazwe Angamathanga Nanobudlelane eCyprus. Wongezelela ngelithi: “INcwadi yakhe eya kuTimoti ityhila indlela acinga ngayo: ‘Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole.’”—1 Timoti 2:12.
Xa uPawulos wabhala ngendima okanye ngesikhundla samabhinqa, ngaba wayevakalisa imbono yakhe yobuqu, okanye wayephefumlelwe nguThixo? Xa zijongwa zonke, ngaba iincwadi zikaPawulos ngokwenene zibonisa ukuba uwachasile amabhinqa? Amazwi kaPawulos aya kuTimoti acatshulwe ngasentla asebenza kuwuphi umongo?
Iziqinisekiso ZikaPawulos
Kwiincwadi ezingama-27 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, ezili-14 zezikaPawulos. Okubonisa ukuba wayenomoya oyingcwele ngamandla akhe angummangaliso okuthetha ngeelwimi ezininzi. Ukongezelela, wangqina imibono evela kumthombo ongaphezu kwamandla omntu. (1 Korinte 14:18; 2 Korinte 12:1-5) Umzekelo wakhe wokuzincama, wokuzinikela ngomphefumlo uphela nowothando wabangela umanyano olusondeleyo lomsa ofudumeleyo wobuzalwana phakathi kwakhe namaKristu ayekho ngelo xesha. (IZenzo 20:37, 38) Iincwadi zakhe, kuquka noko wakuthethayo ngamabhinqa, kubumba inxalenye yaso ‘sonke isibhalo, esiphefumlelwe nguThixo, esikwancedela ukufundisa.’—2 Timoti 3:16.
Amabhinqa Kwiincwadi ZikaPawulos
Kuzo zonke iincwadi zakhe kukho ubungqina obuninzi bokuba uPawulos wayewamkela yaye ewahlonela amabhinqa. Ngokuphindaphindiweyo, ubhekisela kuwo kwiindima zawo ezahlukahlukeneyo ebandleni nasentsatsheni. Kwenye yeencwadi zakhe, wafanisa iimpawu ezinqwenelekayo zomalusi ongumKristu nezo ziboniswa ngumdlezana.—1 Tesalonika 2:7.
Oodade balo mpostile abangamaKristu abaninzi, abakhankanywe ngamagama kwiincwadi zakhe, ubancoma ngokufudumeleyo. Kwimibuliso yakhe eya kumalungu ebandla laseRoma waquka eya ngokukhethekileyo kumabhinqa “abulalekayo emsebenzini weNkosi.” (Roma 16:12) Ngokubhekisele kuWodiya noSintike, wakhuthaza abazalwana baseFilipi ukuba ‘babambisane nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo.’ (Filipi 4:3) Kwincwadi yakhe eya kuTimoti, uPawulos wawuncoma umzekelo wokholo kaninakhulu waloo mfana uLoyisi nokanina uYunike.—2 Timoti 1:5.
Kwelinye icala, ngaba kukho nayiphi na into ebonisa indlela oodade bakaPawulos abangamaKristu abavakalelwa ngayo ngaye? Ngombulelo, ngokuphathelele uAkwila noPrisila, isibini esitshatileyo aweyesondelelene naso ngokobuqu, wangqina ukuba yayingengoAkwila yedwa kodwa kwanomfazi wakhe, uPrisila abathi, “ngenxa yobomi [bakhe], bazibeka emgoqweni ezabo iintamo.”—Roma 16:3, 4.
Ngaba Wayewachasile Amabhinqa?
“Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana; abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:1, 2) Ngaba la mazwi kaPawulos aya kuTimoti akabonisi ukuwahlonela ngokunzulu amabhinqa? UPawulos wanika amadoda namabhinqa kwibandla lamaKristu umlinganiselo olinganayo wembeko. Wabhala oku, “Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.”—Galati 3:28.
Ngokuphathelele iindima ezabelwe nguThixo emtshatweni, uPawulos wabhala: “Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi; ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.” (Efese 5:22, 23; thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 11:3.) Ewe, iindima zamadoda nabafazi zahlukile, kodwa oku akuthethi kuthi elinye iqabane lingaphantsi. Ezo ndima ziyaphelelisana, ibe ukuphunyezwa kwenye kuzisa ucelomngeni olukhuthaza intlalo-ntle yentsapho ukuba kuyahlangatyezwana nalo. Ngokungakumbi, ubuntloko bendoda babungenzelwanga ukuba bucinezele okanye bube bobungenathando. UPawulos waqhubeka: “Amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo,” ekulungele ukuzincama kakhulu ngenxa yabo. (Efese 5:28, 29) Abantwana babemele bathobele uyise nonina.—Efese 6:1, 2.
Kwakhona, okumelwe kuphawulwe ngamazwi kaPawulos ngokuphathelele ukusondelelana kwabantu abatshatileyo. UPawulos wabhala oku engakhethi buso: “Indoda mayimenzele okumfaneleyo umfazi wayo; enjenjalo ke nomfazi endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba, yindoda enalo; kwangokunjalo ke, nendoda ayinagunya kowayo umzimba, ngumfazi onalo.”—1 Korinte 7:3, 4.
“Umfazi . . . Makazole”
Ngokubhekisele kumazwi kaPawulos akweyoku-1 kuTimoti 2:12, acatshulwe kwisiqendu sokuqala, ngaba ukubethelela kwakhe ‘ukuzola’ kwabafazi kwakubangelwa kukuchasa kwakhe amabhinqa? Akunjalo! ‘Ukuzola’ okuthethwa ngako kwakuhlobene nokufundisa nokuba negunya lokomoya ebandleni, oku kuphathelele nolwalamano lwendoda nomfazi oluchazwe nguThixo olukhankanywe ngaphambilana.a
Oku akuthethi kuthi amabhinqa akanakungayifundisi inyaniso kaThixo. UPawulos wakhuthaza amabhinqa akhulileyo ukuba ‘afundise okuhle’ kumabhinqa aselula. Elandela umzekelo kaYunike noLoyisi, abafundisa uTimoti, oomama abangamaKristu bamele baqeqeshe abantwana babo ngeendlela zikaThixo. (Tito 2:3-5; 2 Timoti 1:5) Namhlanje, kumabandla amaNgqina kaYehova, amakhulu amawaka amabhinqa angamaKristu afumana ulwaneliseko lokomoya ekulandeleni umzekelo kaWodiya noSintike ekushumayeleni iindaba ezilungileyo esidlangalaleni nasekwenzeni abafundi abangamadoda nabangamabhinqa.—INdumiso 68:11; Mateyu 28:19; Filipi 4:2, 3.
Ngaloo ndlela, ufikelela kwesiphi isigqibo? Ngaba iincwadi zikaPawulos, xa zijongwe zonke, ziyazithethelela izityholo zokuba uchasene namabhinqa?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokuphathelele ibinzana elithi “ethobele konke” kweyoku-1 kuTimoti 2:11, umphengululi weBhayibhile uW. E. Vine uthi: “Eso siluleko asibhekiswa ekunikeleni ingqondo nesazela, okanye ekungazenzelini isigqibo sobuqu; ibinzana elithi ‘nako konke ukuthobeka’ lisisilumkiso nxamnye nokubhukuqa igunya, njengomzekelo okwindinyana elandelayo.”