Ngaba Baya Kushumayela Kwizindlu Ngezindlu?
“UPOPU Uthumela Abashumayeli Kwizitrato ZaseRome.” Lowo yayingumxholo wengxelo yeendaba eyakhutshwa nguGreg Burke. Wabhala wenjenje: “UPopu John Paul uye wabongoza amaKatolika aseItali ukuba axelise umzekelo wamahlelo anjengamaNgqina kaYehova, athe azuza amaguquka kweli lizwe, aze aqalise ukushumayela kwizindlu ngezindlu.
“‘Eli asiloxesha lokuba neentloni ngeVangeli, lixesha lokuba ivakaliswe ekuhleni,’ watsho uPopu ngoMvulo ethetha nabashumayeli abahambahambayo nabefundisi bonqulo abangama-350. . . .
“‘Ndinethemba lokuba umsebenzi wenu wokuvakalisa iVangeli ezitratweni . . . uya kuba neziqhamo ezininzi,’ wabaxelela oko. ‘Niye naphinda nayifumana indlela yokushumayela efikelela nakwabo baye baphambuka elukholweni.’”
Unondaba uBurke wathi: “Inani labantu abeza kwiCawa yamaKatolika liye lehla kanobom eItali kula mashumi amabini eminyaka adluleyo, ibe ihlombe likaPopu lokuthumela abashumayeli kwizindlu ngezindlu ubuncinane libonakala liyintsabelo yakhe ngenxa yempembelelo yayo enciphayo.”
Eso sibongozo ‘sokuqalisa ukushumayela kwizindlu ngezindlu’ asisitshanga kwaphela. Upopu owandulela lo, uPaul VI, wathi iCawa yamaKatolika “ikho ukuze ihambise ivangeli.” Nalo popu ukhoyo ngoku, uJohn Paul II, wakhupha incwadi yakhe ethi Redemptoris Missio ngowe-1991 ukuze azise icawa yakhe ngemfuneko yokuzalisekisa umyalelo kaYesu wokushumayela ekuhleni.
Umbhali ongumRoma Katolika uPeter Hernon waphakamisa lo mbuzo kwiCatholic Herald yaseLondon: “Kwenzeke ntoni ekuhanjisweni kwevangeli?” Wayexhalatyiswe koko kuthiwa “lishumi leminyaka lokuhambisa ivangeli” okwabhengezwa ngokubanzi kungoku nje esele kudlule iminyaka eliqela kukho. Xa wabuza omnye ubhishophu ngokungabikho kwenkqubela, lo bhishophu waphendula wathi: “Akumele ungxame. Le Cawa ibikho kangangama-2000 eminyaka kuphela.”
Akumangalisi ukuba lo kaHernon abuze oku: “Kuphi ke ukungxamiseka okwaboniswa nguYesu xa wathuma abalandeli Bakhe ukuba baye kuhambisa ivangeli kwimizi ekufuphi? Okanye okwaboniswa yiNgcwele uPawulos eyathi: ‘Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo! (1 Kor 9:16).’” Eneneni, ngaba amaKatolika aya kuxelisa amaKristu okuqala awayeshumayela ekuhleni “nakwizindlu ngezindlu”?—IZenzo 5:42; 20:20, Douay Version.
Lo kaHernon wavuma ukuba ngokuphathelele ukuhanjiswa kwevangeli kwizindlu ngezindlu, yena ‘unokuva abo bathandabuzayo bembombozela besithi “bubuyatha obu.” Akunjalo,’ uphendula njalo uHernon. “Ukuze ndixhase loo mbono kufuneka ndisebenzise igama elibi. Ndiyazi ukuba libi kuba ukugqibela kwam ukulisebenzisa kwinqaku lamaKatolika lonke elo candelo lacinywa (nangona ingekho enye into eyaguqulwayo). Elo ligama elithi amaNgqina kaYehova. . . . Kwakhona Ngqina ngalinye lifundiswa ukuba, ngokobizo lwalo, limele libe ngumvangeli.”
Nangona lo kaHernon engavumelani neenkolelo zamaNgqina kaYehova, uyavuma ukuba xa umntu eqwalasela iindlela zawo zokushumayela, “akanakungakhunjuzwa iCawa yokuqala njengoko ichazwe kwizenzo zabaPostile.”
AmaNgqina kaYehova aqhubeka ngenzondelelo nobulungiseleli bawo bendlu ngendlu, ngaloo ndlela ezalisekisa umyalelo kaYesu Kristu kula maxesha anamhlanje othi: ‘Nibe ngamangqina am kude kuse nasekupheleni komhlaba.’—IZenzo 1:8.