Xa Kusehl’ Intlekele
INKULUNGWANE yama-20 iye yaphawulwa ngeentlekele ezinkulu, yaye inkoliso yazo ibangelwa ngabantu. Noko ke, ezinye azibangelwanga ngabo. Exela kwangaphambili imihla yethu, uYesu Kristu wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:7) Liyinyaniso elokuba abantu babekek’ ityala ngeemfazwe neendlala, kodwa ababekek’ ityala ngeenyikima. Ngendlela efanayo, ngoxa ezinye izikhukula eziyintlekele zibangelwe zizinto ezenziwa ngabantu, abanakubekek’ ityala ngeenyikima. Bengabekek’ ityala nangeenkanyamba okanye ugqabhuko-dubulo lweentaba.
Nokuba unobangela uyintoni na, iintlekele zokwemvelo zibonisa indlela umntu amncinane ngayo, ukungabi namandla kwakhe xa ejamelene namandla okwemvelo oyikekayo. Lo mhlaba, ikhaya lethu, ngokuqhelekileyo ubonakala unqabisekile yaye womelele. Kodwa xa ushukuma ngenxa yenyikima, usithi gabhu ngamanzi ezikhukula, okanye uvuthuzwe yimimoya eza ngamandla ngokungathi ngamandla okudubula kwento, oko kubonakala kwawo unqabisekile kuyaphela.
Iintlekele zokwemvelo ziye zabangela umonakalo omkhulu nelahleko enkulu yobomi ebudeni benkulungwane yama-20. Ngaba oku ngekuphetshiwe? Ngaba kungenziwa okuthile ukuze kuncitshiswe imiphumo eyintlekele? Njengabantu ngabanye, yintoni esinokuyenza ukuzikhusela? Ngaba asinakuzinceda ngokupheleleyo xa kusehl’ intlekele? Ngaba uluntu luya kusoloko lusiba ngamaxhoba ngale ndlela? Amanqaku alandelayo aza kuxubusha le mibuzo.