Ngaba Wonke Umntu Unokuthenjwa?
“Wayengomnye wabantu abambalwa abangaphandle kwentsapho abazali bam ababemthembe ngokupheleleyo. . . . Wayezenza abonakale njengomntu olungileyo nonenkathalo nowayengenakuze asenze into ebuhlungu. . . . Wayengomnye wabantu abambalwa ebomini bam endaye ndabathemba ngokupheleleyo.”
LEYO yindlela elinye ibhinqa eliselula elayichaza ngayo indlela elalimthembe ngayo ugqirha wentsapho yakowalo. Okulusizi kukuba, lalenze impazamo enkulu ngokumthemba. Ukususela xa lalineminyaka eli-16 ubudala, lo gqirha walixhaphaza ngokwesini. “Wandixokisa waza wandikhohlisa,” latsho njalo kumagosa enkundla, awayephumeza okusesikweni.—The Toronto Star.
Ukuthemba Kuphele Kuzo Zonke Iindawo
Ukuthemba abantu, kunjengentyatyambo entle kodwa ecekethekileyo, kunokuba lula ukukuncothula kuze kunyathelwe ngeenyawo. Kuyapheliswa kuyo yonke indawo! UMichael Gaine, owayengunobhala wookhadinali noobhishophu ababini eNgilani wathi: “Kwakukho ixesha apho wonke ubani wayethembe umfundisi. Xesha elo iintsapho zazigcinisa abantwana bazo kuye. Andikulindelanga oko ngoku. Asisokuze siphinde sithenjwe.”—The Guardian Weekend.
Abantu abanamashishini bababetha ngemf’ iphindiwe abanye oosomashishini. Ababhengezi abanobuqhetseba balahlekisa baze baxhaphaze abathengi. Elinye igosa elikhohlakeleyo leba imali yenkampani yalo yomhlala-phantsi, ngaloo ndlela liphanga abaqeshwa balo imali yabo eselugcinweni. Umhla nezolo abaqeshwa baphanga abaqeshi babo. Ngokomzekelo, enye ingxelo yathi: “Amashishini aseKhanada aphulukana needola eziqikelelwa kuma-20 amawaka ezigidi [iirandi ezingama-55 zamawaka ezigidi] ngonyaka ngenxa yobusela obugquba ngaphakathi.”—Canadian Business.
Asingabo bonke abezobupolitika abangathembekanga. Kodwa bambalwa abantu abothuswa ziingxelo ezinjengale ilandelayo: “Kwiiveki ezimbini emva kokubulawa komnye wawona mabhinqa aseFransi aphikisayo kwezobupolitika, amapolisa adandalazisa ubuqhetseba bezobupolitika neyelenqe lolwaphulo-mthetho ebelisoloko ligquba kwisebe likarhulumente kunxweme lweMeditera.”—The Sunday Times, London.
Ngokufuthi, nabantu abanolwalamano olusenyongweni abasathembananga. Amadoda nabafazi abanyanisekanga kumaqabane abo. Abazali baxhaphaza abantwana. Abantwana bakhohlisa abazali. Xa kwavunjululwa amaxwebhu anezinto ezibalulekileyo zamaStasi, oontamnani bendawo eyayisakuba yiMpuma Jamani, badiza “ubuqhetseba obuninzi” obabusenziwa ngabantu abagqalwa njengabahlobo. Enye ingxelo yathi, ngenxa yokuntamana kwabantu “amaStasi aya kufika naseziklasini, epulpitini, kwigumbi lokulala kwanakwigumbi lokuvuma izono.”—Time.
Umbhali wemihlathi waseIreland wabhala: “Siye saxokiswa, siye salahlekiswa kuye kwadlalwa ngathi saza saxhatshazwa yaye siye sajongelwa phantsi ngabo sibabeke kwizikhundla zokulawula.” (The Kerryman) Ngenxa yokuba besoloko bekhohliswa, abantu abaninzi abasathembi namnye umntu. Sinokwenza ntoni ukuqinisekisa ukuba asithembi abantu abangafanelanga kuthenjwa? Amanqaku amabini alandelayo aza kuhlolisisa lo mbuzo.