Nandipha Ikhefu Ngaphandle Kokuzisola!
XA WABUZWA ngendlela awalunandipha ngayo utyelelo lwakhe kwindawo edumileyo yokuchithela ikhefu, omnye umntu waseMerika ngoku ohlala eYurophu waphendula: “Ifanele ukuba yayintle ngaphambi kokuba kuze abantu.” Ngaba wawukhe wavakalelwa njengaye? Iihotele neendawo zedisco ezisendaweni enye, unxweme olungcolileyo, oluxineneyo noonomathotholo abakhalela phezulu asizozinto ezithandwa nguye wonke ubani osendaweni entle yokuchithela ikhefu.
Kulusizi ukuthi, ikhefu alisoloko lisiba koko besikulindele. Kunokuba lisenze sihlaziyeke, lisishiya sidiniwe; kunokuba lisinike amandla, lisenza sizive sifuna ukuphumla ngakumbi. Ngaloo ndlela, lo mbuzo ufanelekile, Sinokulinandipha njani ikhefu ngaphandle kokuzisola?
Lungelelana
Njengezinongo ekutyeni kwethu, ikhefu liba nemiphumo emihle xa lisetyenziswe ngobungcathu. Nangona ubomi bomntu odumileyo osoloko ehamba ngenjongo yokuzonwabisa busenokubonakala bunomtsalane, abulungelelananga ibe abubangeli ulonwabo lokwenene.
Ngakumbi ngokuphathelele ikhefu, ukusebenzisa imali ngokulungeleleneyo kuyafuneka. Ceba kakuhle ngaphambi kokuba uhambe, yaye zama ukubambelela kuqingqo-mali lwakho. Kulumkele ukukhohliswa zizibhengezo ezenziwa ngabacebisi ngezohambo abakukhuthazela ukuba “unandiphe ngoku, uhlawule kamva.”
Kwakhona, sukucinga kakhulu ngeengozi ezinokubakho ngokokude inkululeko ebangela ikhefu libe nomtsalane gqitha ingabikho. Ukongezelela, ulungelelwano olufanelekileyo luquka ukuqonda eyona ngozi inkulu enokubangela sizisole xa sikhangela emva kwikhefu lethu. Alunanto yakwenza neengozi, ukugula, okanye ulwaphulo-mthetho, kodwa kunoko, lunento yokwenza nolwalamano lobuqu.
Ukulondoloza Ulwalamano Oluhle
Ukuba sekhefini nentsapho okanye nabahlobo kunokuwomeleza amaqhina othando. Kwelinye icala, ikhefu linokubangela iintanda kulwalamano, ekunokuba nzima ukuzingciba kamva. Intatheli uLance Morrow yathi: “Eyona ngozi yekhefu isekubeni lonke ungquzulwano lwentsapho lubonakale ngokuphandle. . . . Abantu kubomi babo besiqhelo banemisebenzi, izabelo, abahlobo nocwangciso zinto ezo banokukhuphela kuzo iimvakalelo zabo. Kwindawo yokuchithela ikhefu, iimbambano zentsapho ebezisoloko zifihlakele kangangeminyaka engama-20 kusenokwenzeka zithi gqi ngequbuliso oku koononkala baselwandle.”
Ngoko ngaphambi kokuya ekhefini, ngenyameko yenza isigqibo sokulenza libe ngamava amyoli. Khumbula ukuba umdla uyahluka. Abantwana basenokufuna ukuzonwabisa, mhlawumbi abazali bafune ukuphumla. Kulungele ukuncama into obufuna ukuyenza nendawo obufuna ukuya kuyo. Ukuba kufanelekile yaye kuyenzeka, vumela umntu ngamnye ukuba ngamathuba athile enze oko anomdla ngokukhethekileyo kuko. Funda ukuqhelisela iimpawu zomoya kaThixo imihla ngemihla ukutyhubela unyaka, yaye akufanele kube nzima ngokungafanelekanga ukuqhubeka usenza oko ebudeni bokuba sekhefini.—Galati 5:22, 23.
Ngoxa ukulondoloza ulwalamano oluhle nentsapho nabahlobo kubalulekile, ulwalamano lwethu noThixo lubaluleke nangakumbi. Xa sisekhefini sidla ngokudibana nabantu abangenayo imbono yobuKristu esinayo ngoThixo nemilinganiselo yakhe. Ukunxulumana ngokusondeleyo nabo—mhlawumbi nangokuxhaphaka kwiindawo ezithandabuzekayo zolonwabo—kunokukhokelela kwimiphumo ebangela ukuzisola. Khumbula ukuba iBhayibhile iyalumkisa: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa esebenzisekayo.”—1 Korinte 15:33.
Xa usekhefini, ukuba kuwe ngaphakathi ufumanisa kukho umnqweno wokucezela imilinganiselo noqheliselo lobuKristu, ngobulumko bulwe obo buthathaka uze ucele uThixo akuncede woyise loo mnqweno!
Yintoni Ekhuthazwayo?
Abantu abangabuvisisanisiyo ubomi babo nemigaqo yamaKristu basenokuvakalelwa kukuba ngoxa besekhefini yonke into yamkelekile. Kwamanye amazwe aseYurophu, ishishini elifunela abakhenkethi amaqabane esini likhulu, yaye abanye abacebisi ngezohambo bade balikhuthaze. IThe European ibhala ukuba ‘izinto ezimbi ezenziwa ngamadoda aseYurophu kwizixeko ezithile zaseAsia ezineendawo zokuzonwabisa bezisoloko zisaziwa.’ Libhekisela kwelinye ilizwe laseAsia, iphephancwadi laseJamani iDer Spiegel laqikelela ukuba ama-70 ekhulwini azo zonke iindwendwe ezingamadoda “zingabakhenkethi abanenjongo yokufumana amaqabane esini.”
Sithetha nje abakhenkethi abangamabhinqa balandela ekhondweni lamadoda angamahlakani awo. Inqwelo-moya eqeshwayo yaseJamani ngokukhethekileyo ehamba kwiCaribbean kuqikelelwa ukuba abakhweli bayo abangamabhinqa abangama-30 ekhulwini batyelela apho ngenjongo yokuziphatha vakalala ngokwesini. IThe European yacaphula intatheli yaseJamani isithi: “Bakubona njengendlela elula nengantsonkothanga yokuzonwabisa—neyahlukileyo.”
Noko ke, amaKristu okwenyaniso ukuziphatha vakalala ngokwesini akakujongi njengendlela eyamkelekileyo yokuzonwabisa. Kwaphula imigaqo yobuKristu ibe kuzaliswe ziingozi. Nangona ezi ngozi ziqondwa ngokubanzi, abantu abaninzi bazama nje ukuphepha imiphumo kunokuba bahlukane nolu qheliselo. Umzekelo woku sisibhengezo esibonwa kumaphephandaba aseJamani abonisa iambrela nezitulo ezibini zaselwandle ezingahlalanga bantu. Esi sicatshulwa sifundeka ngolu hlobo: “Hamba kakuhle, uze ubuye ungenaye uGawulayo.”
Imveliso enezothe ngokukhenketha ngenjongo yokufumana iqabane lesini kukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesini. Okuphawulekayo kukuba, ngowe-1993 urhulumente waseJamani wawisa umthetho owenza abantu baseJamani bafanelekele ukohlwaywa xa beye bafunyanwa benetyala lokuba neentlobano zesini nabantwana—kwanaxa besekhefini kumazwe asemzini. Noko ke, de kube ngoku imiphumo emihle iye yamincinane. Ubunongogo babantwana buye—yaye buseyinto—ebuhlungu kwibutho labantu.
Yenza Ikhefu Libe Lixesha Elanelisayo
Ukulesa, ukufunda iBhayibhile, nokubandakanyeka kubulungiseleli bamaKristu kungumsebenzi omyoli, owanelisayo kumaKristu okwenyaniso. Kodwa abaninzi bazabalazela ukufumana ixesha elaneleyo lokwenza ezi zinto ngomlinganiselo abathanda ngawo. Ngaba asiloxesha libhetele lokuphucula xa umntu esekhefini, engekho kwimiqathango engqongqo yexesha?
Enyanisweni, ixesha lekhefu elixakekileyo, elanelisayo lisenokungakuvumeli ukuba usukele izilangazelelo zobuKristu ngomlinganiselo obuqhele ukwenza ngawo. Kodwa kutheni ungabekeli ecaleni ubuncinane ixesha elithile ukwenzela umsebenzi owakhayo ngokomoya? Oku kuseza kushiya ixesha lokuphumla. Eneneni, abanye bade baxhakamfule ixesha elongezelelekileyo elivelayo ebudeni bekhefu ukwandisa ubulungiseleli babo. Njengoko uYesu watshoyo, “banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.
Kungekudala nawe usenokuya ekhefini. Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba uyalinandipha! Sukuba nexhala ngokugqith’ emgceni ngeengozi ezinokubakho, kodwa lumka ngendlela efanelekileyo. Khumbula amacebiso anjengala afumaneka kwibhokisi ekweli phepha. Emva koko, buya uhlaziyekile, uphumle, yaye ulangazelela ukuqhubeka nemisebenzi yobomi eyiyeyona ibaluleke kakhulu. Ngokukhawuleza, ikhefu liyaphela, kodwa ezinye izinto ozikhumbulayo kulo zisenokuhlala ngonaphakade. Hayi indlela ekuxabiseke ngayo—ukunandipha ikhefu ngaphandle kokuzisola!
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
Amacebiso Ambalwa Ngekhefu
Yilwa Ulwaphulo-mthetho
1. Lungiselela ukuba kubekho ubani ogada izinto ekhaya.
2. Ziphephe iindawo ngokuqhelekileyo ezijongwa njengeziyingozi.
3. Kulumkele ukukhuthuzwa, gcina imali kwindawo ekhuselekileyo emzimbeni wakho, yaye imali eyongezelelekileyo yishiye kwindawo enqabisekileyo apho uhlala khona.
4. Balumkele abantu ongabaziyo abanikela uncedo olungacelwangwa.
Phepha Iingozi
1. Ukuba uyaqhuba, yithi qwa, uze uphumle rhoqo.
2. Xa uhlala ehotele okanye ukhwele inqwelo-moya, waphaphele amalungiselelo enzelwe ixesha longxamiseko.
3. Wakuba ufikile nika umzimba ixesha lokuba uziqhelanise neemeko ngaphambi kokuba wenze umsebenzi odinisayo.
4. Yiba nempahla, izihlangu nezixhobo ezifanelekileyo ukwenzela izinto oza kuzenza.
Hlala Uphilile
1. Cela icebiso kugqirha wakho ngogonyo okanye ngamayeza asenokufuneka.
2. Phatha ibhokisi enamayeza afunekayo elungiselelwe uhambo.
3. Phumla ngokwaneleyo, uze ukulumkele oko ukutyayo nokuselayo.
4. Wagcine kuwe ngamaxesha onke amaxwebhu aneemfuno neminqweno yakho yezamayeza.
Ulwalamano Olonwabisayo
1. Bonisa uthando nolwazelelelo ngabo uhleli nabo.
2. Balumkele abo unxulumana nabo.
3. Sukuvumela abanye abasekhefini bakukhokelele kwizenzo ozigqala njengezithandabuzekayo.
4. Bekela ecaleni ixesha elithile lokwanelisa iintswelo zokomoya.
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Khetha izinto ezakhayo xa usekhefini