IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g97 7/8 iphe. 9-11
  • Xa Umhlaba Wonke Uya Kuba Yindawo Ekhuselekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Umhlaba Wonke Uya Kuba Yindawo Ekhuselekileyo
  • Vukani!—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni Le Migudu Isilela?
  • Ekuphela Kwethemba Lokwenene Lokuba Umhlaba Ube Yindawo Ekhuselekileyo
  • Ngaba Izilwanyana Zasendle Ziya Kuphelela Kwimizi Yogcino-zilwanyana?
    Vukani!—1997
  • Okwenzeka Kwimizi Yogcino Zilwanyana Namhlanje
    Vukani!—2012
  • “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
    “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
  • Ngaba Abantu Baza Kuwonakalisa Ngokupheleleyo Umhlaba?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Vukani!—1997
g97 7/8 iphe. 9-11

Xa Umhlaba Wonke Uya Kuba Yindawo Ekhuselekileyo

NGABA uyafuna ukubona esona sidalwa siyingozi ehlabathini? Jonga esipilini! Ewe, thina bantu, singawona marhamncwa ayingozi emhlabeni! Sibulalana sodwa ngendlela emanyumnyezi.

Ukuze umhlaba ube yindawo ekhuselekileyo kwizilwanyana zasendle, kwanakwimizi yogcino-zilwanyana—ingakumbi ukuba iba kukuphela kwendawo ezinokukhuseleka kuyo—imfazwe, esisibetho nebangelwa luluntu imele ipheliswe. Zizilwanyana ezingama-91 kuphela kwezingama-12 000 zoMzi Wogcino-zilwanyana waseBerlin ezasindayo kwiMfazwe yeHlabathi II. Neminye imizi yogcino-zilwanyana emininzi yafumana intlungu efanayo. Kwimfazwe yakutshanje kwiiBalkans, abasebenzi bomnye umzi wogcino-zilwanyana abakhaliphileyo basindisa izilwanyana ezininzi; kodwa ezinye ezingamakhulukhulu, kuquka amaxhama, iikati ezinkulu, iibhere neengcuka zabulawa. Ngokutsho kwamagosa acatshulwe kwiphephandaba iThe Australian, kutshanje, kumahlathi aseCambodia iqela iKhmer Rouge liye ngabom labulala izilwanyana ezininzi ezinqabileyo. Kutheni? Ukuze lenze unaniselwano ngeemfele nezinye iimveliso zazo ukuze lifumane izixhobo!

Ukonakaliswa kwendalo, okufana nokwenzeka kwiiPeron Islands, kumzantsi-ntshona weDarwin, eOstreliya, bobunye ububi obufanele buyekwe ukuba kuza kusindiswa izilwanyana—ngaphakathi okanye ngaphandle kwemizi yogcino-zilwanyana. Kabini kwiminyaka emithathu, iindawo ezizalela iingcwangube ziye zatshiswa, kungekho sizathu simbi ngaphandle kokubulala, ngendlela ekhohlakeleyo, izigidi zeentaka ezincinane ezingekakwazi ukubhabha.

Noko ke, kumashumi eminyaka akutshanje, ukuphela kwezilwanyana ngokugqithisileyo akubangelwa yintiyo; kungowona mphumo wokwanda kwenani labemi abayifun’ emanzini indawo yokuhlala nomhlaba wokulima. Ngenxa yoku kungenelela ngokungenalusini kwiindawo ezihlala izilwanyana okuhamba nongcoliso, iThe World Zoo Conservation Strategy ilumkisa ngelithi: “Indlela ekubonakala iya kuba yiyo indalo yomhlaba wonke ngenkulungwane yama-21 imfiliba. Ayikho into ebonisa ukuba ukutshatyalaliswa kwayo okwenzeka kulo lonke ihlabathi kuyinto eza kukhawuleza iphele.”

Ngenxa yenkxalabo eyandayo ngekamva lomhlaba, ukubakho kwexesha laxa sonke esi sijikelezi-langa siya kuba yindawo ekhuselekileyo kuvakala kungamabhongo nje. Kodwa, elo themba lisekelwe ngokuqinileyo, kungekhona kubantu abangaphangalalanga ngengqondo—omnye umbhali ngezenzululwazi athi kwiminyaka nje engama-50 eyadlulayo bebengenalo nofifi ngokonakaliswa kwendalo okukhoyo—kodwa kulowo wakubona kusengaphambili, uYehova uThixo. Ngaphezu kweminyaka engamakhulu alishumi elinesithoba eyadlulayo, waxela kusengaphambili ukuba abantu ngexesha lethu, baya kubanjwa ‘besonakalisa umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Njengoko sathethwa ngexesha umhlaba wawungekabi nabemi abaninzi, kusenokwenzeka ukuba eso siprofeto sasikhangeleka njengommangaliso kwabaninzi ababephila ngelo xesha, kodwa hayi indlela esingqineke siyinyaniso ngayo!

Ngokuchasene noko, oku konakaliswa kubonakala kusenzeka ngexesha inzululwazi nezobugcisa zibonakala zisondele ekwenzeni imimangaliso: zilandela izilwanyana ezisengozini ngeemicrotransmitter neesatellite, ukutshatyalaliswa kwamahlathi ashinyeneyo zikulinganisa ngesikwemitha ukusuka ngaphandle komhlaba, zikwazi nokubala umlinganiselo wongcoliso ngamasuntswana ezigidi. Sekunjalo, kwiimeko ezinqabileyo, umntu ubonakala engakwazi ukusebenzisa olu lwazi luninzi kangaka. Mhlawumbi umntu ufana nomqhubi kaloliwe obalekayo. Phambi kwakhe kuzele ubuxhakaxhaka bombane nezinto zokubona ezimbonisa konke okwenzekayo, kodwa akakwazi ukumisa lo loliwe!

Kutheni Le Migudu Isilela?

Yiba nomfanekiso-ngqondweni womzi-mveliso omkhulu, apho umphathi ozingcayo nongenamthetho esiva umnini wawo esithi akayi kumnyusela kodwa kunoko, uya kumgxotha kwinyanga nje ezimbalwa. Equmbe esisifu ibe ezele intiyo, usebenzisa ubuxoki, ukunyoba nazo zonke iindlela ezifihlakeleyo zobuqhetseba ukuze abangele abanye abasebenzi benze uqhushululu. Benza oomatshini bangasebenzi, imveliso ingakhawulezi, nezinto abazivelisayo bezenza zibe kumgangatho ophantsi—kodwa oko bekwenza ngendlela enobuqili ukuze bangabekwa tyala. Okwelo thuba, abaqeshwa abanyanisekileyo, bengayazi kakuhle eyona nto yenzekayo, bazama ukulungisa umonakalo; kodwa okukhona bezama ngamandla, kokukhona izinto ziya zisiba mbi ngakumbi.

“Umphathi” weli hlabathi onganyanisekanga uye wenza iqhinga nxamnye noluntu nomhlaba. Kodwa kule meko akuyomfuneko ukuba sihlale ‘singenalwazi ngamacebo akhe,’ kuba iBhayibhile isibhenca elubala esi sidalwa somoya siqumbe sisisifu—uSathana uMtyholi—isithunywa esaba ngumkhohlisi saza sanqwenela ukunqulwa. (2 Korinte 2:11; 4:4) UThixo wamphosela ngaphandle kwentsapho Yakhe yasezulwini waza wamgwebela intshabalalo.—Genesis 3:15; Roma 16:20.

Njengala mphathi womzi-mveliso unganyanisekanga, lo “yise wabo ubuxoki” usebenzisa namacebo akhe amaninzi afihlakeleyo ukuze akhuphe umsindo wakhe. Umthiyile uYehova uThixo ibe ufuna ukonakalisa indalo Yakhe. (Yohane 8:44) Ezona zixhobo zinamandla uSathana azisebenzisayo bubuxoki, ukubawa, izinto eziphathekayo neemfundiso zonqulo eziyingozi. Ngezi zinto uye ‘walahlekisa umhlaba omiweyo uphela’ waza waguqulela abantu—ekwakulindeleke ukuba bagcine umhlaba—ekubeni ngawona marhamncwa awo angenalusini, ngokungathi kunjalo, besiba ngabalandeli bakaNimrodi wamandulo, “igorha lezingela phambi koYehova.”—ISityhilelo 12:9, 12; Genesis 1:28; 10:9.

Ekuphela Kwethemba Lokwenene Lokuba Umhlaba Ube Yindawo Ekhuselekileyo

Noko ke, ukoyiswa kwemikhosi yabantu nengaphaya kwamandla abantu ebangela ukuphela kwezilwanyana akuyonto ingenakwenzeka. UMdali ongusomandla wezinto zonke eziphilayo uthembisa ukusihlangula kule ngxubakaxaka, ibe oko uthembise ukukwenza ngorhulumente wakhe wasezulwini. Uthembisa ukonakalisa loo marhamncwa onakalisa umhlaba. Sithandazela oko xa sisithi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 11:18.

Ngaba uphawule ukuba ukufika koBukumkani kunxulunyaniswe nokwenziwa kokuthanda kukaThixo emhlabeni? Oku kungenxa yokuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente kaThixo oya kulawula umhlaba. Ibe njengoko ebubukumkani, unokumkani—uYesu Kristu, “uKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.” (ISityhilelo 19:16) Bukwanabalawulwa. Enyanisweni, uYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, ekubeni beya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Ewe, aba banomoya wobulali bangabalawulwa babo basemhlabeni, ibe ngoncedo loBukumkani bukaThixo, baya kulinyamekela ngothando ilifa abalinikiweyo, beliguqulela ekubeni yiparadesi echumileyo ezaliswe zizinto eziphilayo. Okubangel’ umdla kukuba, iStrategy ithi: “Abantu nendalo banekamva eliqinisekileyo ukuba kuphela lonke uluntu belunokwenza imvisiswano ngokutsha nendalo.”

Imbali nabantu abangafezekanga ibonisa ukuba “lonke uluntu” namhlanje alunakukwazi ukuphila ‘kwimvisiswano entsha’ ngolo hlobo nendalo, kuba lumbekela ecaleni uYehova. Enyanisweni, ukungqina ukuba lilize kokuzilawula komntu sesinye sezizathu ezibangele ukuba uThixo avumele eli hlabathi liqhubeke ixesha elide kangaka. Kodwa kungekudala, abo balangazelela ulawulo lukaKristu baya kunandipha uxolo olungenakuthelekiswa nanto. UIsaya 11:9 uyakuqinisekisa oku, ibe walatha nesizathu sokuba aba bodwa beya kukwazi ukuphila “kwimvisiswano entsha” nendalo: “Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” (Akekeliswe sithi.) Ewe, undoqo yimfundo yobuthixo. Ibe ngaba oko akukho sengqiqweni, kuba ngubani omnye ngaphandle koMenzi wendalo onobulumko obulolo hlobo?

Kuthekani ngabo baqhubeka bemtyeshela uYehova? “Banqunyulwe ezweni abangendawo,” itsho njalo IMizekeliso 2:22. Ewe, ukuthanda kwabo ukulwa nokungakhathali kuya kubangela ukuba baphulukane nobomi ‘kwimbandezelo enkulu’ esondela ngokukhawuleza—indlela kaThixo yokuphumeza okusesikweni kubo bonke abo baqhubeka nokusebenzisa kakubi nokonakalisa indalo yakhe.—ISityhilelo 7:14; 11:18.

Ngaba uyafuna ukuba nesabelo kwinkqubo yokuphuculwa komhlaba? Ngoko nceda ufunde oko uThixo akufunayo kuwe ngokufundisisa iBhayibhile. Yiyo kuphela enamandla okuvisisanisa iingcinga zakho nezoMdali. (2 Timoti 3:16; Hebhere 4:12) Ukongezelela, ngokusebenzisa oko ukufundayo ngoku, akusayi kuba ngummi olunge ngakumbi ngoku kuphela kodwa kwakhona uya kungqina ukuba ngokwenene uluhlobo lomntu uYehova aya kulunika ‘umhlaba omtsha’ oya kuza ngokukhawuleza.—2 Petros 3:13.

Abapapashi beli phephancwadi okanye ibandla elikufutshane lamaNgqina kaYehova liya kukuvuyela ukukunceda ngesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa okanye uncwadi olongezelelekileyo oluchaza le mibandela ukuba uyathanda.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share