Ishwangusha Lokufa Kolutsha
“Ndivakalelwa kukuba isizukulwana sethu siyafa.”—UJohanna P., umfundi okunyaka wakhe wokuqala eyunivesithi oneminyaka eli-18 ubudala, eConnecticut, eU.S.A.
AMAPOLISA abona umbono owoyikekayo kwifama engaphandle kweHobart, eTasmania idolophu elikomkhulu lelizwe lesiqithi iOstreliya. Phakathi endlwini kwakukho amantombazana amane asusela kwiminyaka eli-10 ukusa kweli-18 ubudala. Onke ayefile, ebulewe nguyise, owayethe tywa kufuphi, enenxeba lompu entloko. Wayezixabele ngezembe kwisandla sasekunene. Oku kubulala nokuzibulala kuye kwabaphazamisa bonke abantu baseTasmania. Yaye kuye kwashiya umbuzo ezingqondweni zabantu—Kutheni? Kutheni kubulewe amantombazana angenatyala?
IBelgium isaphazamiseke kakhulu ngesi sehlo sokuxhatshazwa kwamantombazana amathandathu ngokwesini kwanokubulawa kwamane kuwo ngumdlwenguli okhululwe entolongweni phantsi kwemiqathango ethile. Yaye kuphakama umbuzo ofanayo—Kutheni? EArgentina abanye oomama bakholelwa ukuba abantu abangama-30 000, uninzi kubo oonyana neentombi zabo, banyamalala kwinto ngoku ebizwa ngokuthi yimfazwe yenkohlakalo.a Abanye baba bantu banelishwa bathuthunjiswa, bafakwa iziyobisi baza bahanjiswa ngenqwelo-moya baya kulahlelwa elwandle. Uninzi lwabo lwaphoswa lusaphila. Kwakutheni ukuze kufuneke bafe? Oonina basalindele iimpendulo.
Ngowe-1955 iWorld Congress of Mothers yavakalisa ukunganeliseki yilahleko ebangelwa yimfazwe yaza yathi injongo eyintloko yaloo nkomfa “kukuvakalisa isikhalo, isikhalo nelizwi lesilumkiso esivela kuwo onke amabhinqa azabalazela ukukhusela abantwana bawo, abancinane nabakhulu, kububi obubangelwa yimfazwe nangamalungiselelo emfazwe.” Into exakayo kukuba, inani lolutsha oluye lwafa kungquzulwano olubulalayo ukususela kuloo nkomfa lisaqhubeka lisanda emhlabeni wonke—ukulahlekelwa kakhulu kwiqela loluntu.
Imbali Ende Yokufa Kolutsha
Ukutyhubela imbali abantu abaselula baye babulawa. Kwanakwinkulungwane yama-20 ekuthiwa ikhanyiselwe, kungquzulwano lobuhlanga nelobuzwe kuye kwabulawa ulutsha oluninzi. Kubonakala ukuba ulutsha lufanele luhlawule ngobomi balo ngeempazamo neminqweno yabantu balo abadala.
Kwelinye ilizwe laseAfrika, iqela lamajoni akwishumi elivisayo elizibiza ngokuthi yiLord’s Resistance Army liye lenziwa lakholelwa ukuba alinakonzakaliswa ziimbumbulu, utsho ulindixesha iThe New Republic. Akumangalisi ke ngoko ukuba eli nqaku libe nomxholo othi “Ukubulawa Kwabaselula”! Iintsapho ezilahlekelwe ngoonyana naziintombi—noko ke ezingakhuselekanga ekungenweni ziimbumbulu—ngoko, ziyabuza: Kutheni ulutsha lwethu lufanele lufe? Yintoni injongo yako konke oku?
Ukongezelela kuko konke oku kukunxunguphala nokubandezeleka kukufa kolutsha ngenxa yokuzibulala.
[Umbhalo osemazantsi]
a Into ebizwa ngokuthi yimfazwe yenkohlakalo yabakho ebudeni bokulawula kweqela labaphathi-mkhosi (1976-83) apho amawaka abantu ababerhanelwa ukungathobeli igunya babulawa. Abanye baqikelela ukuba kwafa amaxhoba aphakathi kwama-10 000 nama-15 000.