Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndingayenza Njani Inyaniso Ibe Yeyam?
“Ndakhuliswa njengomnye wamaNgqina kaYehova, yaye ndandisoloko ndicinga ukuba xa ukhuliswe ngolo hlobo, umazi ngokwenene uYehova. Yayiyimpazamo enkulu ke leyo!”—UAntoinette.
“YINTONI na inyaniso?” UPontiyo Pilato, indoda eyanikela ngoYesu ukuze abulawe, yabuza loo mbuzo udumileyo. (Yohane 18:38) Noko ke, kuyabonakala ukuba uPilato wabuza lo mbuzo unuk’ ukutsha ukuze avale—kungekuko ukuze avule—incoko eyakhayo. Wayengenamdla kwaphela ‘enyanisweni.’ Kodwa kuthekani ngawe? Ngaba unomdla enyanisweni?
Kangangeenkulungwane izithandi zobulumko beziphonononga oko ikuko inyaniso, kodwa okuzintloni kukuba ziye zabuya nemband’ esikhova. Noko ke, unokuyifumana impendulo kumbuzo kaPilato. UYesu Kristu wafundisa ukuba iLizwi likaThixo liyinyaniso. Kwakhona wathetha ngaye ‘njengenyaniso.’ Yaye umpostile uYohane wabhala: ‘Inyaniso yabakho ngoYesu.’ (Yohane 1:17; 14:6; 17:17) Zonke iimfundiso zamaKristu, kamva ezaba yinxalenye yeBhayibhile, zikwabizwa ngokuba “yinyaniso” okanye “inyaniso yeendaba ezilungileyo.” (Tito 1:14; Galati 2:14; 2 Yohane 1, 2) Ezi mfundiso zamaKristu ziquka izinto ezinjengegama likaThixo lobuqu, ukumiselwa koBukumkani bukaThixo, uvuko, nentlawulelo kaYesu.—INdumiso 83:18; Mateyu 6:9, 10; 20:28; Yohane 5:28, 29.
Amawaka abo baselula aye afundiswa inyaniso yeBhayibhile ngabazali abangamaKristu. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba abantu abanjalo ‘bahamba enyanisweni’? (3 Yohane 3, 4) Akusoloko kunjalo. Ngokomzekelo, uJennifer oneminyaka engama-20 ubudala wakhuliswa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Ukhumbula oku: “Umama wayesiya nam ezindibanweni zamaNgqina yaye wayendithundeza ngento yokuba ndicinge ngokubhaptizwa. Ngaphakathi ndazixelela ndisithi, ‘Andifuni nakancinane ukuba liNgqina. Ekuphela kwento endiyifunayo kukonwaba nje qha!’”
Lumbi ulutsha luyakukholelwa oko lukufundisiweyo, kodwa alukhange lukuqonde ngokunzulu oko ngokwenene kufundiswa yiBhayibhile. Ibaphi ke ingozi? UYesu walumkisa esithi bambi “abanangcambu kubo ngokwabo.” Abanjalo ‘basenokuqhubeka okwexeshana; bandule ke kamsinya nje kwakuvela imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, bakhubeke.’ (Marko 4:17) Abanye banokuzicacisa iinkolelo zabo ezisekelwe eBhayibhileni ukusa kumkhamo othile, kodwa babe bengamazi ngokobuqu uThixo. Ibhinqa eliselula uAneesa lithi: “Andiqondi ukuba ndandinolwalamano lokwenene noYehova xa ndandiselula . . . Ndicinga into yokuba ngokuyintloko ndandixhomekeke kulwalamano lwabazali bam naye.”
Kuthekani ngawe ngokuphathelele lo mbandela? Ngaba uYehova nguThixo wabazali bakho nje kuphela? Okanye, njengomdumisi waseBhayibhileni, unokuthi: “Ke mna ndikholose ngawe, Yehova; ndithi, UnguThixo wam wena”? (INdumiso 31:14) Kusenokufuneka ukhaliphe ukuze ukuvume oku. Umfana ogama linguAlexander uthi: “Kum, ukuzihlola ngokunyaniseka kwaba linyathelo lokuqala.” Emva kokuzigocagoca, usenokufumanisa ukuba akuzange uyenze eyakho ngokwenene inyaniso (iimfundiso zamaKristu ziphela). Usenokungeyiseki ngokupheleleyo, yaye ubomi bakho busenokubonakala bungenanjongo nantsingiselo.
Kwiintlanganiso zawo zamaKristu, amaNgqina kaYehova ngokufuthi acula ingoma enomxholo othi “Inyaniso Yenze Eyakho.”a Eso siluleko sisenokukufanela. Kodwa ungakwenza njani oko? Umele uqale phi?
Kungqine Ngokwakho
KwabaseRoma 12:2, sifumana isiluleko sompostile uPawulos esithi: ‘Kungqineni ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ Ungakwenza njani oko? Ngokuzuza ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (Tito 1:1) Abemi bamandulo besixeko saseBhereya abazange bazamkele ngaphandle kokuzihlolisisa izinto ababezivile. Ngokuchasene noko, “[bazincina] ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zazinjalo kusini na ezo zinto [babezifunda].”—IZenzo 17:11.
UmKristu oselula uErin wabona kufanelekile ukwenza okufanayo. Ukhumbula oku: “Ndenza uphando. Ndazibuza, ‘Ndazi njani ukuba olu lunqulo olulungileyo? Ndazi njani ukuba kukho uThixo ogama linguYehova?’” Kutheni ungaqalisi olwakho ucwangciso lwesifundo sobuqu? Usenokuqalisa ngencwadi esekelwe eBhayibhileni ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.b Yifunde ngokucoselela. Khangela zonke iZibhalo ezikhankanyiweyo uze uphawule indlela ezinxulumene ngayo nombandela. Usenokumangaliswa kukufumanisa ukuba ucinga ngendlela eyahlukileyo ngenyaniso xa usiba “ngumsebenzi ongenanto anokuba neentloni ngayo, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso”!—2 Timoti 2:15.
Umpostile uPetros wathi zimbi izinto eziseBhayibhileni “kunzima ukuziqonda,” yaye uya kukufumanisa kuyinyaniso oku. (2 Petros 3:16) Kodwa umoya kaThixo ungakunceda uqonde kwanezinto ezinzima. (1 Korinte 2:11, 12) Thandazela uncedo lukaThixo xa uneengxaki ekuqondeni okuthile. (INdumiso 119:10, 11, 27) Zama ukwenza uphando olungakumbi kwiimpapasho zeWatch Tower Society. Ukuba akuyazi indlela yokwenza oko, cela uncedo. Abazali bakho okanye mhlawumbi abanye abaqolileyo ngokomoya ebandleni lamaKristu banokukunceda.
Khumbula, awufundeli kucela injezu kwabanye ngolwazi onalo. Oselula ogama linguCollin ucacisa athi: “Uya uzazi iimpawu zikaYehova.” Chitha ixesha ucamngca ngoko ukufundileyo ukuze kuzike entliziyweni yakho.—INdumiso 1:2, 3.
Ukunxulumana nebandla kwiintlanganiso zamaKristu nako kunokukunceda. Ngapha koko, njengokuba umpostile uPawulos wabhalayo, ibandla ‘yintsika nesixhaso senyaniso.’ (1 Timoti 3:15) Lumbi ulutsha lukhalaza ngelithi iintlanganiso zamaKristu ziyakruqula. UCollin oselula usikhumbuza esithi: “Kodwa ukuba akuzilungiseleli iintlanganiso, akuyi kuzuza kangako kuzo.” Ngoko zilungiselele kusengaphambili izifundo zakho. Iintlanganiso ziba mnandi ngakumbi xa unenxaxheba kuzo—ungabi ngumbukeli nje kuphela.
Ngaba Uxakeke Kakhulu Ukuba Ungafundisisa?
Xa unentaba yomsebenzi wesikolo nemisetyenzana yasekhaya, kusenokuba lucelomngeni ukufumana ithuba lokufundisisa. Oselula ogama linguSusan ubhala esithi: “Kangangeminyaka yayingangeni kum into yokuba ndifanele ndilungiselele iintlanganiso nesifundo sobuqu, ibe ndandingakwazi tu ukukwenza oko.”
USusan wafunda ‘ukuzithengela ixesha’ ngokuyeka ukusukela izinto ezingabalulekanga. (Efese 5:15, 16) Okokuqala, wenza uluhlu lwazo zonke izinto ekufuneka azifunde. Wandula ke, wacwangcisa ixesha lokuzifunda. Kodwa waquka nexesha lokuzihlaziya kucwangciso lwakhe. Ucebisa ngelithi: “Sukucwangcisela lonke ixesha onalo. Sonke siyalifuna ixesha lokuphumla.” Mhlawumbi ukuba nocwangciso kuya kukunceda nawe.
Yabelana Nabanye Ngoko Ukufundayo
Ukukusebenzisa oko ukufundayo yeyona ndlela iluncedo ukuze uqhelane ngakumbi nako. Zama ukufundisa omnye umntu. Umdumisi wathi: “Umlomo wam uza kuthetha ubulumko; nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.”—INdumiso 49:3.
Ukuba akunazintloni ngeendaba ezilungileyo, akuyi kuba mathidala ukwabelana ngazo nabo ufunda nabo nabanye osenokudibana nabo. (Roma 1:16) Ngokusebenzisa amathuba anjalo uthetha nabanye ngenyaniso, uya kuba usebenzisa oko ukufundayo; yaye ngale ndlela uya kuzikisa inyaniso entliziyweni yakho.
Londoloza Unxulumano Lwakho
Wambi amaKristu kwinkulungwane yokuqala enza inkqubela entle yokomoya. Kodwa kungekudala umpostile uPawulos kwafuneka ewabhalele, ewabuza wathi: “Ngubani onithinteleyo ekuqhubekeni nithobela inyaniso?” (Galati 5:7) Kwenzeka into efanayo kosemtsha ogama linguAlex. Usixelela ukuba imizamo yakhe yokufundisisa iLizwi LikaThixo yadotyelelwa phantsi “lunxulumano olubi” awayenalo. Ngenxa yenkqubela yakho yokomoya, kusenokufuneka wenze uhlengahlengiso ngokuphathelele lo mba.
Incoko, unxulumano oluhle lunokukunceda ngokwenene wenze inkqubela. IMizekeliso 27:17 ithi: “Isinyithi silola isinyithi. Indoda ilola ubuso bowayo.” Funa abayimizekelo emihle—abantu abaphila ngenyaniso kubomi babo. Kusenokwenzeka ukuba kungafuneki nokuba uye kude ukuze ubafumane. UJennifer oselula ukhumbula oku: “Utat’ omkhulu wayengumzekelo obalaseleyo kum. Wayesoloko echitha iiyure ezintathu elungiselela isifundo seBhayibhile sebandla lethu sangeCawa. Wayekhangela zonke izibhalo ezikweso sifundo kwiinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile aze akhangele amagama athile kwisichazi-magama sakhe. Wayengumakhwekhwetha kwizinto ezingaziwa kakuhle zeBhayibhile. Wawunokumbuza nantoni na, yaye wayeya kuyiphendula.”
Xa inyaniso uyenza eyakho ngokupheleleyo, uzuza eyona nto ixabisekileyo—into ongenakunanisa ngayo nangaliphi na ixabiso. Ngoko ke, ungaze uyijonge inyaniso kuphela njengokuthi “lunqulo lwabazali bam.” Umele weyiseke njengomdumisi owathi: “Ngokuba ubawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.” (INdumiso 27:10) Ngokukwazi ngokwenene oko kufundiswa yiBhayibhile, ukukholelwe, wabelane nabanye ngeenkolelo zakho yaye, ngaphezu koko, uphile ngokuvisisana nezi nkolelo, uya kubonisa ukuba uyenze eyakho inyaniso.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ifumaneka kwincwadi yamaculo ethi Mvumeleni Iindumiso UYehova, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Yingqine iyeyakho inyaniso ngokuzenzela uphando lwakho nesifundo sobuqu