IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g99 5/8 iphe. 31-32
  • AmaKristu Afanele Alijonge Njani Idini LeMisa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • AmaKristu Afanele Alijonge Njani Idini LeMisa?
  • Vukani!—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Idini LeMisa Likho EZibhalweni?
  • UKristu Wazinikela Njengedini—Kangaphi?
  • UmThendeleko
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Kutheni AmaNgqina KaYehova Esenza ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Ngokwahlukileyo Kwezinye Iinkonzo?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Idini Lemisa Imvelaphi Yesi Sithethe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Sinentsingiselo Ebalulekileyo Kuwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
Vukani!—1999
g99 5/8 iphe. 31-32

Imbono YeBhayibhile

AmaKristu Afanele Alijonge Njani Idini LeMisa?

AMAKATOLIKA azinikele nofele avumelana noPopu John Paul II, othe, ngokutsho kweThe New York Times, kutshanje “waphinda waqinisekisa ukuba kusisono ecaweni ukungayi komKatolika kwidini leMisa.” Liyintoni kanye eli dini leMisa? Ngaba icawa neBhayibhile zibona ngaso-nye kulo mba?

Kwincwadi ethi Things Catholics Are Asked About, umfundisi ongumKatolika uMartin J. Scott uthi xa echaza idini leMisa: “Idini leMisa lidini elingenagazi loMzimba neGazi likaKristu. IKhalvari lidini elinegazi likaKristu. Eneneni idini leMisa lidini elifanayo nelo lasemnqamlezweni. Oku asikokudlala ngamagama, ingekuko nokucikoza okanye ukubaxa.” Uphinda athi: “Idini leMisa lithobela uNyana kaThixo kwizibingelelo zethu lize ke lenze idini Ngaye kuThixo ngenkqu.”

Ngaba Idini LeMisa Likho EZibhalweni?

AmaKatolika anyanisekileyo akholelwa kwelokuba idini leMisa lisekelwe kwimfundiso yeZibhalo. Njengobungqina, acaphula amazwi kaYesu ebudeni besihlandlo esaziwa ngokubanzi ngokuba siSidlo Sangokuhlwa. Njengoko wayehambisa isonka newayini kubapostile bakhe, uYesu wathi xa wayethetha ngesonka: “Ngumzimba wam lo.” Xa wayethetha ngewayini, wathi: “Ligazi lam eli.” (Mateyu 26:26-28)a AmaKatolika akholelwa kwelokuba xa wayethetha la mazwi, uYesu eneneni waguqula isonka newayini zaba ngumzimba negazi lakhe. Noko ke, iNew Catholic Encyclopedia (yowe-1967) ilumkisa ngelithi: “Asinakuthembela ngokupheleleyo kwelokuba amazwi athi ‘Ngumzimba wam lo’ okanye athi ‘Ligazi lam eli’ ngawokoqobo. . . . Kuba kumabinzana anjengelithi ‘ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli’ (Mat. 13.39) okanye elithi ‘Mna ndingumdiliya wenyaniso’ (Yoh. 15.1) [isenzi “ukuba”] sithetha ukubonisa okanye ukumela.” Ngenxa yoko, nale ntyilalwazi inokuthenjwa, iyavumelana nelokuba isigama esisetyenziswe kuMateyu 26:26-28 asilingqineli elokuba isonka newayini zatshintshwa ngokoqobo zaba ngumzimba negazi likaYesu kwiSidlo Sangokuhlwa.

Mhlawumbi usenokukhumbula ukuba uYesu wakha wathi: “Ndim isonka esiphilileyo esehla sivela ezulwini. . . . Nabani na oyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi unobomi obungunaphakade.” (Yohane 6:51, 54) Abanye kwabo babephulaphule uYesu bacinga ukuba utsho ngokoqobo ibe yabashiya bebamb’ ongezantsi loo nto. (Yohane 6:60) Kodwa sisenokuzibuza lo mbuzo, Ngaba kanye ngelo xesha uYesu watshintsha inyama yakhe yaba sisonka? Akunjalo konke konke! Wayethetha ngokufuziselayo. Wazifanisa nesonka kuba ngedini lakhe wayeza kunika uluntu ubomi. UYohane 6:35, 40 uyenza icace into yokuba umntu unokutya aze asele ngokuba nokholo kuYesu Kristu.

Ekubeni ke idini leMisa lisesona sithethe siphambili kwiCawa yamaKatolika, usenokulindela ukuba iZibhalo zivumelane naso. Azivumelani naso tu kwaphela. IThe Catholic Encyclopedia (uhlelo lowe-1913 ) yathi xa ichaza isizathu saloo nto: “Owona mthombo uyintloko wemfundiso yethu . . . sisithethe, esathi kwakude kudala sabonisa ukuba iDini leMisa linamandla [okubongoza].” Ewe, idini leMisa lamaRoma Katolika lisekelwe kwisithethe, kungekhona eBhayibhileni.

Kungakhathaliseki ukuba sigcinwa ngokunyaniseke kangakanani na, isithethe esingqubanayo neBhayibhile asamkelekanga kuThixo. UYesu wathi xa wayekhalimela iinkokeli zonqulo zomhla wakhe: “Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.” (Mateyu 15:6) Ekubeni uYesu wayelixabisa iLizwi likaThixo, makhe sihlolisise le mfundiso iphathelele idini leMisa ngokwembono yeZibhalo Ezingcwele.

UKristu Wazinikela Njengedini—Kangaphi?

ICawa yamaKatolika ifundisa ukuba sihlandlo ngasinye kubhiyozelwa idini leMisa, uYesu uzinikela njengedini, nangona isima ngelithi akafi ngokoqobo, ibe eli iba lidini elingenagazi. Ngaba iBhayibhile iyavumelana nale mbono? Khawuve oko kuthethwa kumaHebhere 10:12, 14: “[UYesu] esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo. Ngamnikelo mnye ubenze bagqibelela ngokungapheliyo bonke abo bangcwaliswayo.”

Noko ke, umKatolika onyanisekileyo usenokuphikisa ngelithi: ‘Ngaba akuyomfuneko ukuba uYesu azinikele rhoqo? Sonke sona amaxesha amaninzi.’ Impendulo yeBhayibhile ibhalwe kumaHebhere 9:25, 26: “[UKristu] akangenanga ukuze azisondeze futhi. . . . Ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngokuzenza idini.” Phawula ukuba: UKristu “akangenanga ukuze azisondeze futhi.” KweyabaseRoma 5:19, umpostile uPawulos usichubela ngesizathu saloo nto: “Njengokuba kwathi ngokungathobeli komntu omnye [uAdam] abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi nangesenzo sokusesikweni somntu omnye [uYesu], abaninzi benziwe amalungisa.” Isenzo esinye sika-Adam sokungathobeli sasenza izisulu zokufa; isenzo esinye sikaYesu sokusikhulula sabekela isiseko bonke kuthi abanokholo kwelo dini ukuze izono zethu zixolelwe ngoku nokuze sinandiphe ubomi obungunaphakade kwikamva.

Ukunikelwa kukaYesu njengedini kube kanye okanye anikelwe rhoqo kwenza wuphi umahluko? Kaloku oku kungumbandela wokuqonda ukuxabiseka kwedini likaYesu. Esi sesona sipho sikhulu sakha sasinikwa—isipho esixabisekileyo, esigqibeleleyo, kangangokuba akusayi kuba yimfuneko ukuba siphinde sisinikwe.

Ngokuqinisekileyo kufuneka silikhumbule idini likaYesu. Kodwa kukho umahluko phakathi kokukhumbula isiganeko nokusiphinda. Ngokomzekelo, isibini esikhumbula umhla waso womtshato sisenokukhumbula loo mhla, kungadanga kufuneke siphinde umsitho waloo mhla. Nyaka ngamnye amaNgqina kaYehova akhumbula umhla wokufa kukaYesu, ekwenza oko ngendlela uYesu awayalela ngayo—‘emkhumbula,’ engamnikeli njengedini. (Luka 22:19) Esongezelela koko, unyaka wonke la maKristu azabalazela ukuhlakulela ulwalamano olusenyongweni noYehova uThixo ngoYesu Kristu ngokuvisisanisa ubomi bawo, izenzo zawo neenkolelo zawo neZibhalo Ezingcwele.

Ukuze akwazi ukwenza oku, ubukhulu becala kuye kwafuneka atshintshe indlela acinga ngayo. Kodwa amaNgqina ayavuyiswa kukwazi ukuba aya kusikelelwa xa exhasa ngokunyanisekileyo iLizwi likaThixo kunezithethe zabantu. Ibe ukuba anokholo kwigazi ledini likaYesu, elaphalala kwakanye, kwiminyaka emalunga namawaka amabini eyadlulayo, liya kuzicoca zonke izono zawo.—1 Yohane 1:8, 9.

Ukuba ungathanda ukufumana inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba kubekho umntu okutyelelayo ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa, nceda ubhalele iWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, South Africa, okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Zonke iZibhalo ezicatshulwe kweli nqaku zithatyathwe kwiNew Jerusalem Bible yamaKatolika.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

The Mass of St. Giles (detail)

[Inkcazelo]

Erich Lessing/Art Resource, NY

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share