Makhe Sihlalutye La Mabali
ABANTU bawamkela ngeendlela ezahlukeneyo amabali ezi mini okudibana neengelosi. Okokuqala, kukho abo bawakholelwayo. Bema ngelithi ngenxa yokuba la mabali emaninzi yaye esasazeke ngokubanzi, amele ukuba ayinyaniso. Okwesibini, kukho abo bathandabuzayo. Bathi akukho bungqina bubambekayo bokuxhasa la mabali. Bema ngelithi, ukusasazeka kwenkolelo akuyenzi ukuba ibe yinyaniso. Ngapha koko, abantu bakha bakholelwa kubantu bomlambo. Okwesithathu, kukho nabo bangoondilele. Ithetha ngobu bundilele, incwadi ethi Angels—Opposing Viewpoints ithi: “Abantu abaninzi bathi bakha bazibona iingelosi. Abukho ubungqina baloo nto; basuka nje bakholelwe kwinto engenasihlahla. Noko ke, nabo bathandabuzayo abakwazi kubaphikisa, yaye bambalwa abenza ngolo hlobo.”
Abantu abaninzi bayavuma ukuba iBhayibhile ingumthombo onokuthenjwa ophathelele ummandla womoya.a Inokusinceda ukuba sihlolisise amabali akutshanje aphathelele iingelosi. Njengoko usenokuba uyazi, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba iingelosi zizidalwa zomoya zokwenene, ezinamandla nezizukileyo. IBhayibhile ineengxelo eziphathelele iingelosi zidlulisela izigidimi zize zihlangule abakhonzi bakaThixo engozini.—INdumiso 104:1, 4; Luka 1:26-33; IZenzo 12:6-11.
Kwakhona iBhayibhile ibonisa ukuba kukho iingelosi ezingendawo. Ezi zidalwa zomoya ziqhatha zize zilahlekise uluntu, zilwenza lumlahle uThixo. (2 Korinte 11:14) Kungeso sizathu iBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na.” (1 Yohane 4:1) Ngokomzekelo, ukuze sikholelwe iziprofeto zomntu othi ungumprofeti, ngobulumko besiya kukuthelekisa oko akuthethayo kunye noko kutshiwo liLizwi likaThixo, athi uyalimela. Ngokuqinisekileyo, sifanele silindele ukuba iingxelo zakutshanje zokubonakala kweengelosi zihlolisiswe ngendlela efanayo. Ngoko ke, sinokuwathelekisa njani amabali akutshanje okudibana neengelosi noko kubhalwe eZibhalweni?
Iingelosi Aziyiyo Le Nto Abaninzi Bacinga Ukuba Ziyiyo
Makhe siqale ngokulungisa iingcamango ezimbini ezingachananga nezisasazekileyo ngokuphathelele iingelosi. Ngokwahlukileyo kwinkolelo ethandwayo, iingelosi azizange ziqale zibe ngabantu. Zaziphila ezulwini kude kudala ngaphambi kokuba uThixo adale izinto eziphilayo emhlabeni. IBhayibhile ithi ngexesha likaThixo ‘lokuseka ihlabathi, baduma bonke oonyana bakaThixo [abaziingelosi].’—Yobhi 38:4-7.
Enye imbono engachananga yakutshanje yeyokuba iingelosi ziyakuvumela zize zikunyamezele ukwenza ububi. Kunoko, iingelosi ezithembekileyo ziphakamisa imilinganiselo kaThixo yobulungisa zize zenze ngokuvisisana nolwalathiso lwakhe. Zikwinkonzo kaThixo, kungekhona eyabantu.—INdumiso 103:20.
Iingelosi Zinomdla Kwimpilontle Yethu Yokomoya
Phakathi kwamabali akutshanje aphathelele iingelosi, zininzi iingxelo eziphathelele ukuhlangula. Kwenye yezona ncwadi zithengwa kakhulu, sifunda ngentombazanana ekhutshwa ngobunono kwindlu etshayo sisandla esingabonwayo. Enye incwadi ibalisa ngabafundi ababini bakwanokholeji abavaleleke kwinqwelo-mafutha yabo ngenxa yesitshingitshane. Ngequbuliso, kuthi thu ilori itsale le nqwelo-mafutha ize ibasindise, kodwa sekunjalo ayishiyi mkhondo wamavili! Kwenye indawo, kukho ibali elingoAnn, ophethwe ngumhlaza. Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokuba aye esibhedlele ukuze atyandwe, emnyango kungena indoda ende angayaziyo. Ithi inguThomas yaye ithi ithunywe nguThixo. UThomas uphakamisa isandla sakhe, yaye uAnn uva ngesibane esishushu nesiqaqambileyo sidlula emzimbeni wakhe. Xa efika eze kutyandwa oogqirha bayamangaliswa. Uphelile umhlaza abenawo!
La mabali abangela ukuba kuphakame umbuzo ocace nakuthathatha wokuba, ukuba wonke umntu unengelosi emkhuselayo, kutheni abanye behlangulwa ngoxa abaninzi bengahlangulwa? Inyambalala yezigidi iye yabulawa zizifo, iimfazwe, iindlala neentlekele zokwemvelo. Ngokuqinisekileyo, abaninzi baye bathandaza ngokunyanisekileyo befuna uncedo. Kwakutheni ukuze ingelosi ekhuselayo ingabasindisi?
IBhayibhile iyasinceda kulo mbuzo. Iyatsho ukuba uThixo akakhethi buso. (IZenzo 10:34) Ukongezelela, ngoxa iingelosi ezithembekileyo zikaThixo zinomdla kwimpilontle yethu njengabantu, zinomdla ngakumbi kwimpilontle yethu yokomoya. Umpostile uPawulos wakuthi thsuphe oku ngokubuza athi: “[Iingelosi] azingabo na zonke oomoya benkonzo kawonke-wonke, abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso?” (Hebhere 1:14) Ukusinceda kwazo ngokwenyama kunengenelo yokomzuzwana, kodwa uncedo lwazo lokomoya lusizisela iingenelo zikanaphakade.
Amabali amaninzi aphathelele iingelosi abonakala engabhadlanga. Kuthiwa iingelosi zinceda umama odiniweyo ukuba atshintshe amashiti omandlalo, zikhumbuze umntu othengayo ukuba angayilibali imatshisi zize zincede abaqhubi bafumane iindawo zokupakisha. Elinye ibhinqa eliselula laseSkotlani lithi lihleka: “Ndiye ndapakisha inqwelo-mafutha yam kwindawo ekungapakishwayo kuyo eSt Mary’s Street kwezi veki zintathu zidluleyo ndaza ndacela ingelosi yam ukuba iyibiyele ngothando nomsa. Xa kufika amagosa endlela aya konganyelwa ziimvakalelo zothando kangangokuba aya kuyishiya inqwelo-mafutha yam. Andikalifumani itikiti lesohlwayo.” Akumangalisi ukuba abanye bathelekisa ingelosi ekhuselayo yakutshanje nomama onguthixo wasentsomini okanye uSanta Claus wabantu abasele bekhulile.
Iingelosi Ezithembekileyo Aziphikisani NeLizwi LikaThixo
Iincwadi ezithetha ngeengelosi zizele ziintetho namacebiso ekucingelwa ukuba avela kummandla womoya. Ngokomzekelo, enye incwadi ineemfundiso ezadluliselwa sisiphatha-zithunywa uMikayeli kwelinye ibhinqa laseColorado, eUnited States. Phakathi “kwamazwi” awathunyelwa nguMikayeli kukho athi: “Zonke iindlela zikhokelela kuThixo. Zonke iinkolelo, zonke iinyaniso ezilukhanyiselo zikhokelela kuThixo.” Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathi zimbini kuphela iindlela zonqulo ibe inye kuphela kuzo ekhokelela kwinkoliseko kaThixo nakubomi obungunaphakade. Enye indlela ikhokelela kukungamkeleki nakwintshabalalo engunaphakade. (Mateyu 7:13, 14) Licacile elokuba, la mazwi akanakuba ayinyaniso onke.
Ithini imbono “yeengelosi” ‘zemeko entsha yokomoya’ ngokuphathelele umtshato nokuziphatha? Kwenye incwadi umfundi ubaliselwa ngoRoseann, owaxelelwa oku “yingelosi” yakhe: “Baninzi abantu ekufuneka unxibelelene nabo, ubomi bakho abuphelelanga ekuhlaleni [nomyeni wakho]. Niyathandana, kodwa sekulixesha lokuba nahlukane.” Wawuqhawula umtshato. Ukanti iBhayibhile ithi uThixo ukuthiyile ukuqhawulwa komtshato ngezizathu ezingavakaliyo. (Malaki 2:16) Elinye ibali lisixelela ngesibini esikrexezayo, sicinga ukuba izithunywa zibukele zivuyiswa yiloo nto yaye ziyasibiyela ngomoya. Kodwa iBhayibhile ithi: “Uze ungakrexezi.”—Eksodus 20:14.
Ngaba kunokwenzeka ukuba ezi zigidimi zakutshanje zezokuhlaziya iBhayibhile? Akunjalo, kuba iLizwi likaThixo alitshintshi. Umpostile uPawulos wakha wathi ebhalela bambi kwinkulungwane yokuqala: “Ndiyamangaliswa kukuba nishenxiswa ngokukhawuleza kangaka kuLowo wanibizayo ngobubele obungasifanelanga bukaKristu naya kolunye uhlobo lweendaba ezilungileyo. Kodwa asikuko nokuba lolunye; kuphela nje kukho abathile abanibangela inkathazo yaye befuna ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo ezingoKristu. Noko ke, nokuba besinokusuka thina okanye ingelosi yasezulwini ivakalise kuni njengeendaba ezilungileyo into engaphaya koko sakuvakalisayo kuni njengeendaba ezilungileyo, mayiqalekiswe.”—Galati 1:6-8.
“Ukucela Kuzo Zonke Iingelosi!”
Ngaba sifanele silucele kwiingelosi uncedo lokujamelana neengxaki neengozi zobomi? Lo mba uxutyushwa kwiincwadi ezininzi. Nantsi imizekelo emibini. Incwadi ethi Ask Your Angels kuthiwa ibonisa abafundi bayo ‘ngendlela yokuphozisa iimvakalelo zabo ezenzakeleyo baze bafikelele usukelo lwabo.’ Kanti kukho nencwadi enjalo ethi Calling All Angels!: 57 Ways to Invite an Angel Into Your Life.
Noko ke, iBhayibhile ayize isikhuthaze ukuba sicele uncedo kwiingelosi. UYesu wayenza yacaca le nto kumthandazo ongumzekelo. Wathi: “Ngoko ke, nina nimele nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini . . . ’” (Mateyu 6:9) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wabhala: “Kuyo yonk’ into zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo kunye nombulelo.”—Filipi 4:6.
Egameni Leengelosi
“Imeko entsha yokomoya” ikugqala kuyeyona nto ibalulekileyo ukwazi amagama eengelosi. Iincwadi ezithandwayo zinamagama acingelwayo amawakawaka eengelosi. Ngoba? Asikokwanelisa nje ukuthanda ukwazi; kodwa yindlela yokuzibiza. Oku kunxulumene nomlingo ubukhulu becala. IEncyclopedia of Angels ithi phakathi kwamasiko, izinto zomlingo nezikhungo, “ukusetyenziswa ‘kwamagama amandla,’ okanye amagama emimoya ethile, kubangela intshukumo enamandla evula umnyango ophakathi kommandla wabantu nommandla wemimoya, nto leyo ebangela ukuba umenzi wemilingo . . . anxibelelane nemimoya.” Kodwa iBhayibhile ithi: “Ize ningabi ngamatola.”—Levitikus 19:26.
IBhayibhile ithetha ngamagama eengelosi ezithembekileyo ezimbini kuphela, uMikayeli noGabriyeli. (Daniyeli 12:1; Luka 1:26) Isinika la magama nje, iBhayibhile ibonisa ukuba iingelosi ngabantu abakhethekileyo bomoya. Kutheni engazange abhalwe amanye amagama? Kusenokwenzeka ukuba kwakusenzelwa into yokuba abantu bangaphakamisi iingelosi bazinike imbeko engazifanelanga—nto leyo engafunwa naziingelosi ezo. Ngenxa yoko, xa uYakobi wacela ingelosi ukuba ichaze igama layo, ayizange ivume. (Genesis 32:29) Kamva, ingelosi eyabonwa nguYoshuwa ayizange ilichaze igama layo kodwa yathi ‘ingumthetheli womkhosi kaYehova.’ (Yoshuwa 5:14) Ngokufanayo, xa uyise kaSamson wabuza ingelosi ngegama layo, waxelelwa oku: “Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?” (ABagwebi 13:17, 18) Iingelosi ezithembekileyo zikaThixo zifuna siyinike uThixo imbeko size sicele kuye uncedo, kungekhona kuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo ebonisa isizathu sokuba iBhayibhile ibe ngumthombo onokuthenjwa, bona incwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 26]
“Abo baziva bebotshelelwe nguThixo nayimithetho yakhe, . . . iingelosi [zeSizukulwana Esitsha] sel’ izizinto abanokubhenela kuzo . . . zinobubele, azibagwebi. Yaye zifumaneka kumntu wonke, kanye njengeepilisi zeentlungu.”—Iphephancwadi iTime
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
“Unxibelelwano” Lwakutshanje Kunye Neengelosi Nezidalwa Ezivela Kummandla Ongaphandle Komhlaba
Abantu abaninzi namhlanje bathi baye bazibona iingelosi baza bathetha nazo. Abanye bathi baye badibana nezidalwa ezisuka kweminye imimandla engaphandle komhlaba. Incwadi ethi Angels—An Endangered Species idwelisa izinto ezifana ngazo ezi ngxelo, isithi kusenokwenzeka ukuba zombini zichazwa ngeendlela ezifanayo.b Nalu ushwankathelo lwezi zinto zifana ngazo nezichazwe kule ncwadi.
1. Iingelosi nezidalwa ezivela kummandla ongaphandle komhlaba zivela kweminye imimandla.
2. Zombini zinobomi obukhethekileyo, ngokomoya okanye ngokobugcisa.
3. Zombini zibonakala ziselula yaye ziyabukeka, zinobubele yaye zinomsa kakhulu.
4. Zombini azinangxaki yolwimi, zithetha ngokucacileyo ngolwimi lwalowo uphulaphuleyo.
5. Zombini ziincutshe zokubhabha.
6. Imbonakalo yeengelosi nezidalwa ezivela kummandla ongaphandle komhlaba iphelekwa kukukhanya okuqaqambileyo.
7. Zombini zibonakala zinxibe ngokupheleleyo, ngokuqhelekileyo zinxibe imiwunduzo neengubo eziqhotyoshwayo. Imibala eziyithandayo ngomhlophe noluhlaza.
8. Zombini zinobude obulinganayo nobabantu.
9. Zombini zinenkxalabo ngentlungu abakuyo abantu nesijikelezi-langa.
10. Ubungqina bokunxibelelana nezidalwa ezivela kummandla ongaphandle komhlaba buzizinto ezibaliswa ngabo bakhe badibana nazo.
[Umbhalo osemazantsi]
b Ingxelo eqhelekileyo yeyokuba imimoya engendawo, okanye iidemon, ngokuqinisekileyo zixhasa olo “nxibelelwano.” Kuba iBhayibhile ithi, ‘uSathana ngokwakhe uhlala eziguqulela ekubeni yingelosi yokukhanya.’ (2 Korinte 11:14)—Bona uVukani!, kaJulayi 8, 1996, iphepha 26.
[Umfanekiso okwiphepha 27]
IBhayibhile ineengxelo ezichanileyo zokubona kwabantu iingelosi