Inyaniso Ephathelele Iingelosi
NJENGOKO sele sibonile, iingcamango namabali athandwayo aphathelele iingelosi akasoloko engqinelana nemfundiso yeBhayibhile. Ngaba oko kungangqinelani kubalulekile? Ngaba ikho ingozi ekwamkeleni ezi nkolelo zithandwayo ngokuphathelele iingelosi? Ngokuqinisekileyo kunjalo.
Ngokomzekelo, khawucinge nje ngesimo sengqondo esikhuthazwa “yimeko entsha yokomoya.” Iincwadi zakutshanje ezithetha ngeengelosi zikhuthaza ukungacingi kobuntwana, kunokusebenzisa ingqiqo. Kunqabile ukuba abafundi bakhuthazwe ukuba bacombulule iingxaki zabo okanye bahlolisise ukuqonda kwabo iBhayibhile nolwazi ngoThixo. Iincwadi ezithetha ngeengelosi ziyasiqinisekisa ukuba sityhubela ubomi sihamba nengelosi enothando nesithantamisayo yaye akuyomfuneko ukuba sothuke, njengoko siphila kwindawo enolonwabo apho izinto zenzeka ngendlela ebezifanele ukuba zenzeka ngayo. Xa kuvela ingxaki, ekuphela kwento esinokuyenza kukulindela uncedo lwengelosi. Noko ke, ukuba kunjalo, kutheni iBhayibhile isixelela ukuba ‘silulwele nzima ukholo’?—Yude 3.
Uninzi lweencwadi ezithetha ngeengelosi zikhuthaza abantu ukuba babe nekratshi nempakamo. Zitsalela ingqalelo kumntu lowo. Ezi ncwadi zithi, iingelosi zakutshanje zifuna sazi indlela esibahle nesibalasele ngayo. Nangona kufanelekile ukuba sibe nomdla kwiziqu zethu, eyona njongo iphambili “yemeko entsha yokomoya” kukuzithanda enoba sekutheni na. Omnye umbhali uthi umthetho wokuqala nongowona mkhulu “kukuthanda isiqu sakho njengeNkosi.” Hayi indlela oku okungqubana ngayo namazwi kaYesu! Wathi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela. Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala.” (Mateyu 22:36-39) Siya konwaba ngokwenene ebomini ukuba sifuna izilangazelelo zikaThixo ngaphambi kwezethu.
Ukubeka iingelosi kwesona sikhundla sibalulekileyo kuchasene nobuKristu bokwenyaniso. Umpostile uPawulos wakugweba ukunqulwa kweengelosi. (Kolose 2:18) Ukunqula kuthetha “ukunika imbeko okanye ukuhlonela njengomntu ongokobuthixo okanye amandla angaphezu kwawemvelo.” Kodwa ukunika imbeko okanye ukuhlonela iingelosi yeyona nto iincwadi ezininzi ezithandwayo ezithetha ngeengelosi ezikhuthaza abafundi bazo ukuba bayenze. Noko ke, khumbula oko kwenzekayo xa uSathana wacela uYesu ukuba enze isenzo sibe sinye sonqulo. UYesu waphendula wathi: “NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye kukuye yedwa omele unikele inkonzo engcwele.” (Luka 4:8) Kamva, xa umpostile uYohane wawa phantsi phambi kwengelosi, ingelosi yathi kuye: “Lumka! Musa ukukwenza oko! Kuphela nje ndilikhoboka elilidlelane nawe nelabazalwana bakho abanomsebenzi wokungqina ngoYesu. Nqula uThixo.”—ISityhilelo 19:10.
Indlela Iingelosi Ezinokukunceda Ngayo
Mnye umntu onokufuna kuye ukhokelo noncedo nguThixo, kungekhona iingelosi. Ukulungele yaye uyakuvuyela ukubonisa uthando kubo bonke abo baphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe yobulungisa. Umpostile uYohane wathi xa wayebhalela amaKristu akhonza kunye nawo: “Le yintembelo esinayo kuye, yokuba, kungakhathaliseki ukuba kuyintoni na oko sikucelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva. Ngokubhekele phaya, ukuba siyazi ukuba uyasiva ngokuphathelele nantoni na esiyicelayo, siyazi ukuba simele sibe nazo izinto eziceliweyo ekubeni siye sazicela kuye.”—1 Yohane 5:14, 15.
Zininzi izinto esingazaziyo ngeengelosi zikaThixo ezithembekileyo. Noko ke, siyazi ukuba zikwinkonzo kaThixo, zisebenza ngokuvisisana nenjongo nolwalathiso lwakhe. Zizimisele ukufundisa inyaniso ngoThixo. (ISityhilelo 14:6, 7) Azifuni sizinqule. Ekubeni singenakuzibona, asiwazi umlinganiselo uThixo azisebenzisa ngawo ekuncedeni abantu kwimibandela yemihla ngemihla. Kodwa siyazi ukuba uYehova uThixo uyabakhusela aze abalathise abantu bakhe njengeqela.
Onjani wona ukuba mhle umzekelo esiwumiselwa ziingelosi ezithembekileyo! Zizukisa zize zidumise uThixo. (INdumiso 148:2) Nangona zinamandla amakhulu engqondo nawokomoya, zinentlonelo enzulu ngolongamo lukaYehova. (Yude 9) Zinomdla wokwenene ekuphunyezweni kweenjongo zikaThixo. (1 Petros 1:11, 12) Ezi zinto sizifunda eLizwini likaThixo, iBhayibhile. Ewe, yiBhayibhile incwadi esixelela inyaniso ngeengelosi.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 30]
Iingelosi zizimisele ukufundisa inyaniso ngoThixo
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Xa umpostile uYohane wazama ukunqula ingelosi, ingelosi yathi: “Musa ukukwenza oko!”