IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 10/8 iphe. 8-11
  • Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?
  • Vukani!—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Inzululwazi Nezobugcisa Zinokusikhupha Enkathazweni?
  • Kungekudala—Umhlaba Uza Kuba Mhle, Uchume
  • Lisifumbathele Ntoni Ikamva?
    Vukani!—2001
  • Izinto Ezahlukeneyo—Zibalulekile Ukuze Ubomi Buqhubeke
    Vukani!—2001
  • Ngaba Umntu Uwutshabalalisa Ngokwakhe Uvimba Wokutya?
    Vukani!—2001
  • Ngaba Abantu Baza Kuwonakalisa Ngokupheleleyo Umhlaba?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 10/8 iphe. 8-11

Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?

NGABA uluntu luya kuze luzikhusele iindidi ezahlukahlukeneyo zezinto eziphilayo kunokuzitshabalalisa? Ngokutsho kwesazi ngebhayoloji uJohn Tuxill, loo nto iya kufuna “kwenziwe utshintsho olukhulu kwindlela yokwenza izinto.” Noko ke, wongezelela ngelithi olo tshintsho “lusenokungenzeki ukuba abantu abaziqondi iingenelo zokubakho kwezityalo ezahlukeneyo, abanqweneli kutshintsha indlela abenza ngayo, yaye abakulungelanga ukuzama ngokutsha.”

Abaninzi abaqondi ukuba utshintsho olunjalo luya kuze lwenzeke. Yaye abaninzi abavumelani noTuxill. Kukho izazinzulu zemeko-bume ezivakalelwa kukuba indima yezinto eziphilayo ezahlukeneyo ayikaziwa kakuhle yaye mhlawumbi iyabaxwa zezinye izazinzulu. Sekunjalo, njengoko izazinzulu zishukuxa lo mba, kubonakala kufanelekile ukuyiphaphela inkxalabo eboniswa ziingcali zeli candelo. Zibonakala zixhalabile, kungekuphela nje ngenxa yelahleko yezinto eziphilayo ezahlukeneyo kodwa kwanangenxa yokubawa nokungacingi ngekamva okubangela loo lahleko. Phawula la magqabaza avela kubabhali abahlukeneyo.

“Kwinkulungwane nje edluleyo, amakhulu ezigidi zabalimi, abathe tshitshilili kuwo wonke umhlaba, bebezilawula ngokwabo iimbewu. . . . Namhlanje, uninzi lwembewu luye lwaveliswa, lwatshintshwa, lwaza lwakhuselwa ziinkampani zehlabathi lwaza lwagcinwa phakathi kwezinto ezibalulekileyo. . . . Ngokunikela ingqalelo kwingeniso yokwexeshana, ubugcisa bebhayoloji bubeka engozini umlumiso, obunokuthi ngenye imini uxabiseke kanye njengegolide uze ukwazi ukuncedisa ekumelaneni nesifo esitsha okanye isinambuzane esiyingozi.”—Umbhali wenzululwazi uJeremy Rifkin.

“Into oya kusoloko uyiva kumajelo eendaba, kukuba eyona nto ibalulekileyo kukurhweba ngokukhululekileyo nokudibaniselana kwehlabathi ngorhwebo. Athi amajelo eendaba akuminxwa bubutyebi nezinye iingeniso zamaziko athile, le nto adla ngokuyithetha ifane nemfundiso nje yonqulo engafane icelwe umngeni.”—Isazi ngemizila yemfuza uDavid Suzuki.

Kwincwadi yakhe ethi Seeds of Change—The Living Treasure, umbhali uKenny Ausubel uthetha ngokuhanahanisa kumazwe ahambele phambili xa “oorhulumente namaziko awo ekhalela ukuba sengozini ‘kwelifa loluntu’ lembewu.” Uthi nawo abeka engozini izinto eziphilayo ezahlukahlukeneyo ngokukhuthaza ukusetyenziswa kweendlela zokulima zakutshanje nokulinywa kohlobo olunye lwesityalo.

Enoba iingcali ngemeko-bume zifanele ukukhathazeka okanye akunjalo, kusenokuba nzima kuwe ukuba nethemba ngekamva lesi sijikelezi-langa. Siya kuphelela phi xa kubonakala ngathi uluntu luqhutywa kukubawa? Besifun’ emanzini isicombululo, abantu abaninzi banethemba lokuba inzululwazi iya kuza nesicombululo.

Ngaba Inzululwazi Nezobugcisa Zinokusikhupha Enkathazweni?

IRoyal Society of Edinburgh kutshanje iye yabonisa inkxalabo yokuba inzululwazi iye yakhawulezisa yaza yenza izinto ezinobugocigoci kangangokuba izazinzulu zisengxakini yokungakwazi ukuyiqonda into eqhubekayo. UDavid Suzuki wabhala wathi: “Inzululwazi ayisenzi siyibone kakuhle indalo. Phantse asazi nowathwethwa ngendlela ezibunjwe ngayo izinto eziphilayo eziseMhlabeni, singasathethi ke ngendlela ezinxulumana ngayo nendlela ezisebenzisana ngayo.”

Ngokutsho kwephephancwadi iScience, “iingenelo neengozi zeeGEOs [Genetically Engineered Organisms (Izinto Ezitshintshwe Imbewu)] akuqinisekwanga ngazo yaye azikho ehlabathini lonke. . . . Asikwazi kukuqikelela ngokuchanileyo oko kunokwenziwa yindalo kwizityalo ezitsha neeGEOs.”

Uninzi “lweendlela ezisetyenziswayo” ngokwenene bezifana nekrele elintlangothi-mbini. Ziluncedo, kodwa kwakhona zibonisa ukuswela ubulumko kwabantu, yaye ixesha elininzi zibonisa ukubawa kwabo. (Yeremiya 10:23) Ngokomzekelo, ngoxa inkqubela kwezolimo yavelisa ukutya okuninzi okondla abantu abaninzi, kwakhona yaba negalelo ekupheleni kwezityalo ezininzi. Ngokukhuthaza ukusetyenziswa kwezibulala-zinambuzane nobunye ubugcisa obuxabisa imali eninzi, inkqubela kwezolimo yeza neengenelo “kwabo badibanisa izityalo nabathile kuMazwe Asakhasayo kucinezelwa abantu abakumgangatho ophantsi,” wabhala watsho uGqr. Mae-Wan Ho. Le ndlela isaqhubeka njengoko ezolimo ezisekelwe kubugcisa bebhayoloji zikhula yaye ziqhubela phambi yaye zisisa kwixesha apho ukutya kuxhomekeke ngamandla kwinzululwazi.

Noko ke, akuyomfuneko ukuba ezi ngxaki zisenze siphelelwe lithemba. Enyanisweni, zidlulisela enye ingongoma ebalulekileyo. IBhayibhile isinceda sibone ukuba asinakulindela nto kangako kubantu abangafezekanga ngoku abalawula esi sijikelezi-langa nobuncwane baso. Okwangoku, ukusilela nokungakwazi ukulawula izinto kuyinxalenye yemeko yabantu. Kungenxa yoko, iNdumiso 146:3 isithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, Nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.” Kodwa sinokukholosa ngokupheleleyo ngoThixo. (IMizekeliso 3:5, 6) Unomnqweno kwakunye namandla okusinceda.—Isaya 40:25, 26.

Kungekudala—Umhlaba Uza Kuba Mhle, Uchume

Ngaphambi kokulungisa indlu eyonakeleyo, kusenokufuneka ususe inkunkuma kuqala. Ngokufanayo, uYehova uThixo uya kuthi kungekudala asuse bonke ubungendawo emhlabeni, kuquka nabo babona isijikelezi-langa sethu, izinto zaso ezibalulekileyo, kwanabantu njengezinto zokuxhatshazwa ukuze bafumane ubutyebi. (INdumiso 37:10, 11; ISityhilelo 11:18) Kodwa uYehova uya kubalondoloza abo bamthandayo nabenza unako-nako wokwenza ukuthanda kwakhe.—1 Yohane 2:15-17.

Emva koko, umhlaba nentlaninge yezinto eziphila kuwo, kuquka abantu abathobelayo baya kulawulwa ngurhulumente kaThixo—uBukumkani obungoMesiya. (Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 6:10) Yaye enjani yona intabalala eya kuveliswa ngumhlaba ngaphantsi kolo lawulo lobulumko! INdumiso 72:16 ithi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” Ewe, ukutya akusayi kuba yingxaki nento ebangela inkxalabo. Kunoko kuya kukhuseleka kuze kube yintabalala.

Ngoko njengoko le nkqubo ikhoyo ingena nzulu kwimeko yokuphelelwa lithemba nokungaqiniseki, abo bathembela kuYehova banokukhangela phambili kwikamva elizukileyo kanye apha emhlabeni. Eli themba ‘likwiindaba ezilungileyo zobukumkani,’ athi amaNgqina kaYehova ngovuyo abelane ngazo nabo bonke abo bafuna ihlabathi elilunge ngakumbi nelinobulungisa. (Mateyu 24:14) Ngenxa yeli themba liqinisekileyo—nenyameko enothando anayo uThixo ngabantu—kwanangoku ‘sinokuhlala ngonqabiseko size singaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.’—IMizekeliso 1:33.

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Ngaphantsi koBukumkani bukaThixo, ukutya kuya kukhuseleka kuze kube yintabalala

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]

FAO Photo/K. Dunn

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]

Tourism Authority of Thailand

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share