Inkxaso Novelwano Eziphuma Nxa Zonke
AMATSHA-NTLIZIYO ayephuma kwezinye iinkalo zeUnited States kwanakwamanye amazwe. Elinye laloo matsha-ntliziyo nguTom, (oboniswe ngasentla), oneminyaka engama-29 ubudala, umcimi-mlilo osuka eOttawa, eKhanada. Wamxelela oku uVukani!: “Ezi zithwakumbe ndizibone kumabonwakude ndaza ndafuna ukunikela inkxaso kwamanye amaqabane angabacimi-mlilo eNew York. Ndathatha inqwelo-mafutha ngoLwesihlanu ndaza ndafika ngoMgqibelo kwindawo ekuthiwa yiGround Zero ngelokufak’ isandla. Ndafakwa kwicala lababeza kusebenzisa iinkonkxa, sasisusa ingqushu ngeenkonkxa.
“Ngobunono savumbulula ubugoxo, umntu esikha umhlakulo ngexesha, sikhangela izinto ezisenokusichazela ngabacimi-mlilo abaye balal’ ukufa. Ndathabatha isixhobo ekuthiwa yiHalligan esisetyenziselwa ukuqhaqha iingcango ezitshixiweyo kwakunye nokuqhawula imixokomezelo yemibhobho yamanzi. Sasisiwa sivuka. Njengoko sasinamatsha-ntliziyo angama-50, kwathabatha iiyure ezimbini ukuzalisa ilori enye yenkunkuma.
“NgoMvulo kaSeptemba 17, savumbulula imizimba yabanye abacimi-mlilo ababengene bengxamile kwesi sakhiwo ngoLwesibini odluleyo. Into endayibona apho andinakuze ndifane ndiyilibale—wonke umntu owayehlangula apho wema kwindawo awayekuyo, wothula isigcina-ntloko waza wee xhwenene—ngelokunik’ imbeko kumagorha alele ukufa ebesisebenza nawo.
“Njengoko ndandimi apho ndondele loo ndawo kuthiwa yiGround Zero, ndothuswa kukubona indlela ubomi obukhaphukhaphu ngayo kule mihla. Loo nto yandenza ndacinga ngobomi bam, umsebenzi endiwenzayo nentsapho yam. Ngaphandle kobungozi bawo, umsebenzi endiwenzayo unomvuzo gqitha—ukukwazi ukunceda abantu nokusindisa ubomi.”
AmaNgqina Anikela Uncedo Oluyingenelo
Kwiintsuku ezimbini zokuqala zesi sithwakumbe, bamalunga nama-70 abantu abaya kuqhusheka iintloko kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova. Abanye abalahlekana namagumbi okuhlala neempahla zabo ezihotele banikwa indawo yokuhlala kwakunye neempahla zokubambisa. Banikwa nento eya ethunjini. Eyona nto ke ibalulekileyo, banikwa inkxaso engokweemvakalelo ngabadala abangamaKristu abanamava.
Kwakhona amaNgqina kaYehova athumela izixhobo zokunikela uncedo olukhawulezileyo nezinye izinto kumaqela awayekhangela abantu ebahlangula kananjalo kwindawo ekuthiwa yiGround Zero. Kwakhona kwanikelwa uncedo ngezithuthi kwiziko lomlilo ukuze kubekwe abacimi-mlilo apho babenokuhlangula khona abantu. URicardo, (ekunene, ngasentla), iNgqina elineminyaka engama-39 ubudala nelisebenza kwiinkonzo zogutyulo, wayencedisa apho kunye namanye amakhulukhulu, besusa iitoni eziliqela zengqushu mihla le. Wamxelela oku uVukani!: “Kwakukubi gqitha apho, ingakumbi kubacimi-mlilo, ababekhangela amaqabane abo alahlekileyo. Ndababona bebuya nomnye umcimi-mlilo esaphila. Omnye umcimi-mlilo uye wabulawa sisidumbu esasisiwa sisuka phezulu. Uninzi lwabacimi-mlilo lwalugixa ukulila oku. Nam andizange ndikwazi ukuzibamba ndanikezela ezinyembezini. Ngaloo mini, akakho umntu owabonisa ukukhalipha njengabo.”
‘Ixesha Nesihlo’
Kwafa amawakawaka kuloo ntlekele. Phakathi kwaba ubuncinane ngamaNgqina ali-14, awayelapho okanye kude kufuphi ukwehla kwesi sithwakumbe. UJoyce Cummings, oneminyaka engama-65 ubudala nonkaba yakhe iseTrinidad, wayeze kubona ugqirha wamazinyo kufutshane neWorld Trade Center. Ngelishwa, kwaba malunga kanye nexesha lesithwakumbe. Kubonakala ukuba wonganyelwa sisisi waza waleqiswa kwisibhedlele esikufutshane apho. Abazange bakwazi ukumnceda. Waba ngomnye wabantu abachanwa ‘lixesha nesihlo.’ (INtshumayeli 9:11) Wayesaziwa njengomvangeli onenzondelelo.
UCalvin Dawson (bona ibhokisi) wayesebenza kwinkampani yezorhwebo kumgangatho wama-84 kwisakhiwo esingasezantsi. Wayeseofisini yakhe yaye wayesibona kakuhle isakhiwo esingasentla kanye emva kokuba kungene inqwelo-moya. Umqeshi wakhe, owayengekho eofisini ngelo xesha, watsala umnxeba efuna ukuqonda okuqhubekayo. Wathi: “UCalvin wayezama ukundibalisela oko akubonayo. Wathi, ‘Abantu bayatsiba!’ Ndathi makaphum’ aphele apho akhuphe nabanye kuloo ofisi.” UCalvin akazange akwazi ukuphuma apho. Lo mphathi wahlabela mgama esithi: “UCalvin wayeyindoda yamadoda kananjalo simxabisa xa sisonke, kwanabo bangatyekelanga kwizinto zokomoya. Besizidla ngokuthanda kwakhe uThixo neempawu zakhe zobuntu.”
Elinye ixhoba eliliNgqina yaba nguJames Amato, (ngasezantsi ekunene kwiphepha elingaphesheya), uyise wabantwana abane nenkokeli yeziko lomlilo laseNew York. Abamazi kakuhle bathi wayekhaliphe kangangokuba “wayengena isakhiwo singqongqa ngumlilo logama abanye abantu bebaleka ukuphuma.” Sele engasekho uJames wanyuselwa waba yinkokeli yeqela elikhudlwana.
Omnye umcimi-mlilo oliNgqina, oneminyaka esixhenxe ekulo msebenzi, nguGeorge DiPasquale. Wayetshate noMelissa benentombi eminyaka mibini ubudala, uGeorgia Rose. Wayengumdala kwibandla laseStaten Island lamaNgqina kaYehova yaye wayekumgangatho weshumi kwisakhiwo esisemazantsi ngexesha lokuwa kwayo. Naye waphulukana nobomi bakhe ngoxa wayemi bume esindisa abanye.
Aba ngababini nje kumakhulukhulu abacimi-mlilo, amapolisa nabahlanguli abaphulukana nobomi babo njengoko ngobukroti babezama ukukhupha abantu. Asinandlela yakubuchaza ubukroti bala madela-kufa. Usibonda wesiXeko saseNew York, uRudolph Giuliani, kamva wathi kubacimi-mlilo abanyuselwayo: “Ukuxolela kwenu ukuba kuhl’ ehlayo, kunyuk’ enyukayo, nokuba sekumnyam’ entla kulukhuthazo kuthi xa sisonke. . . . Kwaye ndiphila nje . . . abakho abantu abaya kuze bakhaliphe njengeZiko Lomlilo lesiXeko saseNew York.”
Ubulungiseleli Obuyintuthuzelo
Ngeentsuku ezisemva kwesi sithwakumbe, amaNgqina kaYehova amalunga nama-900 000 eUnited States enza unako nako wokuthuthuzela bonke abo basentlungwini kulo lonke elo. Ukuthanda ummelwane kwawashukumisa ukuba athuthuzele abo bagutyungelwe lilifu elimnyama. (Mateyu 22:39) Kubulungiseleli bawo aye azimisela ukubhekisela ingqalelo kwelona themba lokwenyaniso labantu abaxinezelekileyo.—2 Petros 3:13.
AmaNgqina abonisa uvelwano ekuqhubaneni nabantu ngokubanzi. Eyona nto ayezimisele kuyo kukunikela intuthuzelo evela eZibhalweni nokulinganisa umzekelo ohlaziyayo kaKristu, owathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
Amaqela abadala avela kumabandla amaNgqina kaYehova asekuhlaleni eManhattan avunyelwa ukuba angene kuloo ndawo kuthiwa yiGround Zero ukuze benze amazwi okuthuthuzela abahlanguli ababelapho. Intsabelo yayintle gqitha. Aba balungiseleli bathi: “Zazithe gwantyi iinyembezi emehlweni aloo madoda njengoko sasisabelana nawo ngezibhalo.” Abahlanguli babekwiphenyane elalingasezibukweni. “La madoda ayedlathuzekile, egobe iintloko, ebhidwe zizinto awayesandul’ ukuzibona. Sahlala kunye nawo saza sawacaphulela izibhalo eBhayibhileni. La madoda abulela akayeka ngokuba siwatyelele, esithi intuthuzelo ifike ngexesha elililo.”
Abantu ekwaqhagamshelwana nabo emva kwale ntlekele babesoloko befuna into abanokuyifunda yaye banikwa ngesisa amawakawaka eencwadana ezinemifanekiso. Phakathi kwazo yethi Xa Umntu Omthandayo Esifa, Will There Ever Be a World Without War? Nethi Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Kwahanjiswa nenkupho kaVukani! enenqaku elithetha ngabanqolobi (Juni 8, 2001) nethetha ngokuhlangabezana noxinezeleko lwasemva kwesiganeko esihlasimlis’ umzimba (Septemba 8, 2001). Ubukhulu becala amaNgqina ayethetha ngethemba leBhayibhile lovuko. (Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15) Mhlawumbi izigidi zabantu zafikelelwa ngesi sigidimi sithuthuzelayo.
Zifanele Zisenze Sicinge
Izithwakumbe ezifana nesi sehle kwisiXeko saseNew York zifanele zisenze sonke sicinge ngendlela esibuphila ngayo ubomi bethu. Ngaba siphilela ukuzingca, okanye sizama ukuba negalelo kulonwabo lwabanye? Umprofeti uMika wabuza lo mbuzo: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?” (Mika 6:8) Ukuthozama kufanele kusishukumisele ukuba siye kwiLizwi likaThixo ukuze sifumane ithemba lokwenene labafileyo size sifumanise oko uThixo aya kukwenza kungekudala ukuze amisele kwakhona iimeko zeParadesi kulo mhlaba. Ukuba ungathanda ukwazi okungakumbi ngezithembiso zeBhayibhile, sikubongoza ukuba uqhagamshelane namaNgqina kaYehova akufutshane nawe.—Isaya 65:17, 21-25; ISityhilelo 21:1-4.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 11]
UMTHANDAZO KATATIANA
Umhlolokazi kaCalvin Dawson, uLena wabalisela uVukani! ngomthandazo wentombi yakhe eneminyaka esixhenxe ubudala kwiintsukwana nje emva kokuba ivile ukuba uyise akaphumanga. ULena wayegqiba kuthandaza yaye uTatiana wabuza, “Nam ndingathandaza, Mama?” Unina wavuma. UTatiana wathandaza wathi: “Bawo wethu osezulwini, Yehova, siyabulela ngokusinika ukutya nobomi namhlanje. Yaye sicela umoya wakho ube kunye nam noMama ukuze somelele. Yaye sicela umoya wakhe ube noTata, ukuze naye omelele xa ebuya. Ukuze xa ebuya, abe nobubele, omelele aze onwabe abe sempilweni, kwaye siza kuphinda simbone. Egameni likaYesu . . . uxolo ungalibali ukomeleza uMama. Amen.”
ULena wathi engaqinisekanga nokuba uTatiana uve kakuhle kusini na: “Tiana, uthandaze kakuhle. Kodwa sithandwa sam, uyayazi into yokuba uTat’ akho akazi kubuya?” Ngequbuliso uTatiana wabonakala othukile. Wabuza: “Utheth’ ukuba akazi kubuya?” Ephendula unina wathi: “Hayi. Bendikuxelele nje kaloku. Ndaba ke uvile ukuba uTat’ akho akazi kubuya.” Wathi uTatiana: ‘Kodwa ubusoloko usithi uza kubuya kwihlabathi elitsha!” Ekugqibeleni, eqonda ukuba yayithetha ukuthini intombi yakhe, uLena wathi: “Uxolo Tatiana. Ndikuve kakubi. Bendicinga ukuba uthi uTat’ akho uza kubuya ngomso.” ULena wathi: ‘Ndavuya ndakufumanisa ukuba ihlabathi elitsha liyinto yokwenene kuye.”