IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 9/8 iphe. 8-11
  • Ukuphela Kwekhethe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphela Kwekhethe
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzabalazela Ukulwa Nekhethe
  • Ukulwa Nekhethe Namhlanje
  • Isixhobo Sokulwa Nekhethe
  • Masibe Banye Njengokuba UYehova NoYesu Bebanye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Ucalucalulo—Ingxaki Egquba Kulo Lonke Elimiweyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Umkhethe​—⁠Ngaba Wena Unawo?
    Vukani!—2020
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 9/8 iphe. 8-11

Ukuphela Kwekhethe

NGABA sinokukwazi ukuzibona xa sinekhethe? Ngokomzekelo, ngaba indlela esijonga ngayo umntu isekelwa kwibala lakhe, ubuzwe, uhlanga okanye isizwe sakhe—nakuba yena singamazi? Okanye ngaba sijonga umntu ngamnye ngokweempawu zakhe ezahlukileyo?

Ngomhla kaYesu, ngokuqhelekileyo abantu abahlala kwaYuda naseGalili ‘babengenazinkqubano namaSamariya.’ (Yohane 4:9) Ngokungathandabuzekiyo isaci esikwiTalmud sibonisa indlela awayevakalelwa ngayo amaYuda amaninzi, sithi: “Akwaba bendingenakuze ndimbone umSamariya.”

Kusenokwenzeka ukuba nabapostile bakaYesu babewacalula ngandlel’ ithile amaSamariya. Kwesinye isihlandlo abazange bamkelwe ngobubele kwidolophana yamaSamariya. UYakobi noYohane babuza enoba bafanele babize umlilo uhle phezu kwabo bantu bangaphulaphuliyo kusini na. Ebakhalimela, uYesu wabonisa ukuba isimo sengqondo sabo asifanelekanga.—Luka 9:52-56.

Kamva, uYesu wabalisa umzekeliso wendoda eyahlaselwa ngabaphangi xa yayivela eYerusalem isiya eYeriko. Kwadlula amaYuda amabini awayengabanquli yaye akazange afune kuyinceda. Noko ke, kwafika umSamariya wamisa waza wayibopha amanxeba. Emva koko walungiselela ukuba inyanyekelwe ukuze iphile. Loo mSamariya wazingqina engummelwane wokwenene. (Luka 10:29-37) Umzekeliso kaYesu umele ukuba wanceda abaphulaphuli bakhe baqonda ukuba ikhethe ababenalo libavale amehlo abakwazi ukubona iimpawu ezintle zabanye. Kwiminyaka embalwa kamva, uYohane wabuyela eSamariya waza washumayela kwiidolophana ezininzi zayo—mhlawumbi naleyo wakhe wafuna ukuba itshatyalaliswe.—IZenzo 8:14-17, 25.

Nompostile uPetros kwafuneka angakhethi buso xa wayalelwa yingelosi ukuba aye kuthetha ngoYesu kuKorneli, umthetheli-khulu waseRoma. UPetros wayengaqhelanga kuqhubana nabantu abangengomaYuda, ibe inkoliso yamaYuda yayingawathandi amajoni aseRoma. (IZenzo 10:28) Kodwa xa uPetros wabona ulwalathiso lukaThixo kulo mbandela, wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

Ukuzabalazela Ukulwa Nekhethe

Ikhethe lichasene nomgaqo osisiseko owafundiswa nguYesu othi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Ngubani onokuthanda ukucalucalulwa ngenxa nje yendawo azalelwe kuyo, ibala okanye imvelaphi yakhe? Kwakhona ikhethe lichasene nemilinganiselo kaThixo yokungakhethi buso. IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.” (IZenzo 17:26) Ngoko ke, bonke abantu bazalwa ngumntu omnye.

Ngaphezu koko, uThixo usigweba ngokwabantu ngabanye. Akagwebi mntu ngento eyenziwa ngabazali okanye ookhokho bakhe. (Hezekile 18:20; Roma 2:6) Nokucinezelwa sesinye isizwe akusiniki sizathu sokuthiya abantu baso, ekusenokwenzeka ukuba abananto yakwenza naloo mpatho ingekho sikweni. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba ‘bathande iintshaba zabo yaye bathandazele abo babatshutshisayo.’—Mateyu 5:44, 45.

Ngenxa yezi mfundiso, amaKristu enkulungwane yokuqala ancedwa oyisa ikhethe awayenalo aza aba nobuzalwana obahlukileyo bomhlaba wonke. Ayebizana ngokuba ngabazalwana noodade yaye ezigqala ngolo hlobo, nakuba ayevela kwiintlanga ezahlukahlukeneyo. (Kolose 3:9-11; Yakobi 2:5; 4:11) Imigaqo eyabangela ezi nguqu inokusinceda ngendlela efanayo nathi namhlanje.

Ukulwa Nekhethe Namhlanje

Phantse sonke sineengcamango ebesisele sinazo, kodwa akuyomfuneko ukuba zisenze sibe nekhethe. “Iingcamango ebesinazo ziba likhethe kuphela xa sibambelela kuzo nokuba sele sifumene inkcazelo engakumbi echanileyo,” itsho njalo incwadi ethi The Nature of Prejudice. Izihlandlo ezininzi, abantu badla ngokuyeka ukucalulana emva kokwazana. Kwale ncwadi ithi, “kukwenza izinto kunye kuphela okudla ngokutshintsha izimo zengqondo zabantu.”

Le yindlela eyanceda uJohn, waseNigeria wohlanga lwamaIbo woyisa ikhethe awayenalo nxamnye nohlanga lwamaHausa. Uthi: “Eyunivesithi ndadibana nabanye abafundi abangamaHausa ababa ngabahlobo bam, yaye ndafumanisa ukuba banemilinganiselo emihle. Ndasebenza nomnye umfundi ongumHausa kumsebenzi othile wesikolo, yaye sasebenzisana kakuhle; ngoxa omnye endandisebenza naye ngaphambili, owayengumIbo wandiyekelayo ndabulaleka ndedwa.”

Isixhobo Sokulwa Nekhethe

Ngokutsho kwengxelo yeUNESCO Against Racism, “imfundo inokuba sisixhobo esifanelekileyo sokulwa neentlobo ezintsha zobuhlanga, ucalucalulo nokugatya abathile.” AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba imfundo yeBhayibhile sesona sixhobo sifanelekileyo kule nkalo. (Isaya 48:17, 18) Xa abantu besebenzisa iimfundiso zayo, kunokuba bakrokrelane bayahlonelana kuze esikhundleni sentiyo kungene uthando.

AmaNgqina kaYehova afumanisa ukuba iBhayibhile iwanceda oyise ikhethe analo. Enyanisweni, iBhayibhile iwanika iintshukumisa nethuba lokusebenza nabantu beentlanga neemvelaphi ezahlukahlukeneyo. UChristina okhankanywe kwinqaku lokuqala lolu ngcelele, ngomnye wamaNgqina kaYehova. Uthi: “Iintlanganiso zethu kwiHolo yoBukumkani zindenza ndizithembe. Ndiziva ndikhuselekile apho kuba andibi nemvakalelo yokuba kukho umntu ondicalulayo.”

UJasmin, naye oliNgqina ukhumbula ukuba waqala ukuba lixhoba lobuhlanga eseneminyaka esithoba. Uthi: “ULwesine lolona suku lumnandi kum evekini kuba ngaloo ngokuhlwa ndiya kwiHolo yoBukumkani. Abantu abalapho bayandithanda. Bandenza ndizive ndibalulekile kunokuba ndibe ngumntu othiyiweyo.”

Kwakhona imisebenzi yamatsha-ntliziyo eyenziwa ngamaNgqina kaYehova yenza abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo bamanyane. USimon wazalelwa eBritani, nakuba intsapho yakhe ivela kwiziqithi zeCaribbean. Wacalulwa gqitha xa wayengumakhi kwiinkampani ezithile zokwakha. Kodwa oku akuzange kwenzeka kwiminyaka awayekhonza kunye nabazalwana anqula nabo kwimisebenzi eyenziwa ngamatsha-ntliziyo. USimon uthi: “Ndiye ndasebenza namaNgqina avela kumazwe amaninzi ahlukahlukeneyo, kodwa siye safunda indlela yokuphathana kakuhle. Abanye babahlobo bam abasondeleyo ngabantu abavela kwamanye amazwe yaye baneemvelaphi ezahlukahlukeneyo.”

Kakade ke, amaNgqina kaYehova ngabantu abangafezekanga. Ngoko ke, kusenokwenzeka ukuba kufuneka ahlale esilwa notyekelo lokuba nekhethe. Kodwa ukwazi kwawo ukuba uThixo akakhethi buso kuwenza abe namandla okuhlala esilwa nalo.—Efese 5:1, 2.

Zininzi iintsikelelo ezibangelwa kukulwa nekhethe. Njengoko sinxulumana nabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, sizuza okuninzi ebomini. Ukongezelela koko, esebenzisa uBukumkani bakhe, kungekudala uThixo uya kwenza ibutho labantu abahlala kunye ngobulungisa. (2 Petros 3:13) Ngelo xesha ikhethe liya kube loyiswe ngonaphakade.

[Ibhokisi ekwiphepha 11]

Ngaba Ndinalo Ikhethe?

Zibuze le mibuzo ilandelayo ukuze ubone enoba akunakuthi kanti unekhethe ngandlel’ ithile nakuba ungaqondi:

1. Ngaba abantu bohlanga, bendawo, okanye besizwe esithile ndibagqala njengabantu abaneempawu ezinganqwenelekiyo, njengobuyatha, ubuvila okanye ukuvimba? (Iziqhulo ezininzi zidla ngokubonisa olu hlobo lwekhethe.)

2. Ngaba ndityekele ekugxekeni abemi basemzini okanye abantu bolunye uhlanga ngokuphathelele iingxaki zoqoqosho okanye zentlalo?

3. Ngaba ndivumela imbali yendawo yam yobutshaba nesizwe esithile indenze ndibathiye abantu beso sizwe?

4. Ngaba ndiyakwazi ukujonga umntu ngamnye ngokobuntu bakhe—kungakhathaliseki ukuba linjani ibala, uhlanga, okanye imvelaphi yakhe?

5. Ngaba ndiyawaxhakamfula amathuba okwazi abantu beentlanga neemvelaphi ezahlukileyo? Ngaba ukho umgudu endiwenzayo ukuze ndenze oko?

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Kumzekeliso wakhe womSamariya olungileyo, uYesu wasifundisa indlela yokulwa nekhethe

[Umfanekiso okwiphepha 8]

Kwikhaya likaKorneli, uPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso”

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Imfundiso yeBhayibhile imanyanisa abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo

[Umfanekiso okwiphepha 9]

AmaNgqina kaYehova aqhelisela oko akufundayo

[Umfanekiso okwiphepha 10]

UChristina—“Iintlanganiso ezikwiHolo yoBukumkani, zindenza ndikwazi ukuzithemba”

[Umfanekiso okwiphepha 10]

UJasmin—“Abantu apho bayandithanda. Bandenza ndizive ndibalulekile kunokuziva njengomntu ongafunwayo”

[Imifanekiso ekwiphepha 10]

USimon, itsha-ntliziyo kumsebenzi wokwakha—“Siye safunda indlela yokuphathana kakuhle”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share