IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 6/8 iphe. 31
  • Libakho Njani Ilanga Ezinzulwini Zobusuku?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Libakho Njani Ilanga Ezinzulwini Zobusuku?
  • Vukani!—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Ilanga Lingaphumi
    Vukani!—2008
  • ‘Aliyi Kuphela Ihlobo Nobusika’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Vukani!—2005
g05 6/8 iphe. 31

Libakho Njani Ilanga Ezinzulwini Zobusuku?

“INGENZEKA njani into yokuba ilanga lingaze litshone?” Njengomvangeli wasemazweni wasePapua New Guinea, osuka eFinland,yayixhaphakile imibuzo enjengale. KwiiTropiki, iiyure zosuku azitshintshi kangako ebudeni bamaxesha onyaka. Ngoko ingcamango yokuba ilanga alitshoni kangangeenyanga eArctic ayiqondakali lula kubemi bakwiiTropiki. Yaye ndathi ndakuzama ukubachazela ukuba ebusika ilanga alize liphume, babhideka ngakumbi.

Ilanga libakho njani ke ezinzulwini zobusuku? Le nto iphawulekayo inento yokwenza nesibakala sokuba xa umhlaba ujikeleza ilanga minyaka le, umhlaba ukekela ngeqondo elingama-23,5. Ngenxa yoko, xa kusehlotyeni kuMntla weIkhweyitha, iNorth Pole ikekelela ngaselangeni, ngoxa ebusika ikekelela kude kulo. Ekubeni umhlaba ujikeleza kanye ngemini, kubusuku obunye kwiArctic Circle—malunga noJuni 21—ilanga alitshoni. Ngokufanayo, ngosuku olunye enyakeni—malunga noDisemba 21—ilanga aliphumi, nangona emin’ emaqanda kuba ngathi kuyaqala ukusa.

Enyanisweni, okukhona usiya ngasentla kweArctic Circle, kokukhona uya kufumana ukuba zininzi iintsuku zehlobo eziba nelanga ezinzulwini zobusuku yaye zininzi iintsuku zasebusika ezingenalanga. Kwincam yomhlaba, kuba sebusuku kangangeenyanga ezintandathu kuze kube semini kwezinye iinyanga ezintandathu.a

Abantu abakwimimandla ebandayo balala njani ehlotyeni yaye bahlangabezana njani nobusuku obude basebusika? Phambili phayaa kwezinye iindawo, abantu babelala iiyure eziphindwe kabini ebusika kunezo zasehlotyeni. Ubomi bale mihla buye bayitshintsha yonke loo nto kubantu abaninzi. Kodwa iintsuku ezinde zasehlotyeni zibanika amandla athe chatha abemi baseMantla. UPatrick ohlala eAlaska uthi: “Kuthi kubetha eye-11:00 ebusuku kube kungekabikho nto ithi mandilale. Maxa wambi ndiyaphuma ndiye kucheba ingca okanye ndenze omnye umsebenzi.”

Kwelinye icala, iinyanga zokungatshoni kwelanga okanye ezobumnyama zisenokuthez’ amandla—emzimbeni nasengqondweni. Ngenxa yoko, baye bazame ukuthintela ukukhanya kungangeni kumagumbi abo okulala baze bakhanyise izibane eziqaqambileyo ebusika, yonke loo nto beyenzela ukulungelelanisa ixesha abalilalayo baze baphelise ukudinwa nokuxinezeleka. Noko ke, phezu kwaloo magingxigingxi, abemi balapho neendwendwe bayavumelana ukuba akunakuze ulilibale ilanga lasezinzulwini zobusuku.—Linikelwe.

[Umbhalo osemazantsi]

a NaseAntarctic izinto ziyafana, kodwa ke xa kusehlotyeni eAntarctic kuba sebusika eArctic.

[Umzobo/Imifanekiso ekwiphepha 31]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ukukekela komhlaba kubangela ukuba ilanga lingatshoni ehlotyeni buze nobumnyama bungapheli ebusika (Umzekelo obonisiweyo ngowakuMantla weIkhweyitha)

Ekwindla ←

● ● ● ● ●

Ebusika ● ◯ ● Ehlotyeni

● ● ● ● ● Umhlaba ujikeleza

kanye ngemini

→ Entlakohlaza

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Umfanekiso welanga ezinzulwini zobusuku

[Inkcazelo]

© Paul Souders/WorldFoto

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share