Ulutsha Olunikela Ubungqina Obunamandla
Ulutsha oluninzi phakathi kwamaNgqina kaYehova luthetha lungenazintloni ngokholo lwalo esikolweni nasentsimini, yaye luye lwanemiphumo emihle kakhulu ngokwenza kwalo ngaloo ndlela. Makhe siqwalasele le mizekelo ilandelayo.a
UKristina uthi: “Xa ndandikwigrade yesithathu, utitshalakazi wanika mfundi ngamnye incwadi yokubhala izinto ezenzekileyo suku ngalunye. Utitshalakazi wayezifunda iincwadi zethu zokubhala okwenzekileyo suku ngalunye aze abe nento ayibhalayo. Kweyam incwadi ndabhala ngentetho endandiza kuyinikela kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Utitshalakazi wayechukumisekile koko, ngenxa yoko ndammemela kwiHolo YoBukumkani ukuze andiphulaphule xa ndinikela intetho. Akazange nje eze yedwa kodwa weza netitshalakazi eyayindifundisa igrade yokuqala. Emva koko, esikolweni, utitshalakazi waxelela iklasi yonke ngendlela ayinandiphe ngayo intetho yam. Ndavuya kakhulu. Kodwa akuphelelanga apho. Emva konyaka, ndayibalisa le nto kwindibano yesiphaluka yamaNgqina kaYehova, kwaye utitshalakazi wam wayekho kuloo ndibano. Kamva ndikunye nomhlobo wam onguvulindlela satyelela utitshalakazi wam owayendifundisa kwigrade yesithathu saza samshiyela incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Wayekhe waya nakwindibano yethu yesithili!”
Eneminyaka emithandathu, uSydnee wayethetha ngenkalipho ngenyaniso eseLizwini likaThixo, kuquka imeko yabafi nesikhundla sikaYesu xa kuthelekiswa noThixo. Unina uthi: “Ungumlungiseleli omncinane onenzondelelo nongoyikiyo ukunikela ubungqina.” Ngasekupheleni konyaka wakhe wokuqala esesikolweni, uSydnee wabonakala edakumbile. Wathi: “Ndikhathazekile ngabo ndifunda nabo. Baza kufunda njani ngoYehova?” USydnee weza necebo. Ngosuku lokugqibela lwesikolo, wanika mfundi ngamnye isipho esisongelweyo. Yayiyincwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. USydnee wakhupha imibhalo engama-26, waza wathi abafundi bafanele baziqhaqhe izipho zabo xa bekunye nabazali emakhaya. USydnee wayebajonga abo afunda nabo njengentsimi yakhe. Wayede abafowunele ukuze eve izinto abazifundileyo kule ncwadi. Enye intombazana yathi iyayifunda Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile kunye nonina busuku ngabunye.
Xa wayeneminyaka eli-15 ubudala, uEllen wanika utitshala owayemfundisa ezembali, iinkupho eziliqela zikaVukani! UEllen uthi: “Wazithanda, yaye ebefunda uVukani! kangangeminyaka emibini.” UEllen uhlabela mgama esithi: “Kutshanje ndiye ndamnika INcwadi Yam Yamabali EBhayibhile, yaye wandixelela ukuba iintombi zakhe ezimbini ziyithanda kakhulu. Ngoko ke, ndamnika incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. Kamva wandinika ikhadi. Lalisithi: ‘Ndiyabulela kakhulu ngeencwadi. Mna neentombi zam ininzi into esiyifumanayo kuzo. Kuyavuyisa ukubona umntu oselula ozimiseleyo, nozinikele njengawe. Akukho nto inokuthelekiswa nesipho onaso, ukholo. Undifundise izinto ezininzi ebekunokulindeleka ukuba uzifundiswe ndim!’ La mava andibonisa indlela abantu abayixabisa ngayo inyaniso yeBhayibhile ukuba senza umgudu wokuyidlulisela kubo.”
UDaniel wayeneminyaka emithandathu ubudala ukuqalisa kwakhe ukuqhuba isifundo seBhayibhile. Uthi: “Ndandidla ngokuhamba nomama xa esiya kwizifundo zakhe, kodwa ndandifuna ukuba nomntu endimfundisayo.” UDaniel wakhetha ukufunda noNksk. Ratcliff—owayesele aluphele nawayemphathele iincwadi zokufunda iBhayibhile. Wathi kuye: “Ndifuna ukukubonisa incwadi yam endiyithandayo, INcwadi Yam Yamabali EBhayibhile,” wongezelela esithi: “Ndingathanda ukwazi enoba ndingeza kusini na veki nganye ndize ndikufundele yona.” UNksk. Ratcliff wasamkela isicelo sikaDaniel. ULaura unina kaDaniel uthi: “Saqalisa ukufunda noNksk. Ratcliff kamva ngaloo mini. UDaniel noNksk. Ratcliff bayatshintshana ngokufunda iziqendu, yaye uDaniel ebekhetha izibhalo aza kuzifunda ezingasekupheleni kwebali ngalinye. Ndandidla ngokuhamba noDaniel, kodwa uNksk. Ratcliff wayefuna ukuyixubusha le mibandela kunye naye!” Ekuhambeni kwexesha, uDaniel noNksk. Ratcliff baqalisa ukufunda incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ngelo xesha udad’ boDaniel omncinane uNatalie wayemdala ngokwaneleyo ukuba angakwazi ukufunda, ngoko ke naye wayebakho xa kuqhutywa isifundo. UNksk. Ratcliff wayenemibuzo emininzi—eminye yayo yayintsonkothile. Kodwa uDaniel noNatalie babesebenzisa incwadana ethi Imixholo YeBhayibhile Yengxubusho nesalatha-magama esingasemva eBhayibhileni ebezibanceda bafumane iimpendulo zeZibhalo. UNksk. Ratcliff, nakubeni ebengumKatolika ubomi bakhe bonke, wayezivuyela izinto awayezifunda. Emva kokuba egqibe ukufunda esinye isahluko wathi: “Akwaba ndandiqale ukufunda iBhayibhile kwiminyaka edluleyo!” Okubuhlungu kukuba, kutshanje uNksk. Ratcliff uye wafa eneminyaka engama-91 ubudala. Kodwa ukufunda kwakhe iBhayibhile kuye kwamenza waqhelana nenyaniso yeBhayibhile, kuquka nethemba lokuvuselwa kumhlaba oyiparadesi. Ngoku uDaniel uneminyaka elishumi ubudala kwaye uqhuba izifundo zeBhayibhile ezibini. Yena, uNatalie uneminyaka esibhozo ubudala, ufunda iBhayibhile nentombazana eyintanga yakhe.
Ulutsha olunjengoKristina, uSydnee, uEllen, uDaniel noNatalie luyabavuyisa abazali balo abangamaKristu. Okubaluleke ngakumbi kukuba, luvuyisa intliziyo kaYehova, yaye akasoze alulibale uthando olulubonisayo ngegama lakhe.—IMizekeliso 27:11; Hebhere 6:10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Zonke iimpapasho ekubhekiselwe kuzo kweli nqaku zishicilelwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
UKristina (ngentla), noSydnee
[Umfanekiso okwiphepha 27]
UDaniel noNatalie
[Umfanekiso okwiphepha 27]
UEllen