IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/06 iphe. 20
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukuhlaselwa Kwabefundisi Kuyanda?
  • Inkitha Yezilwanyana Nezityalo Ezahlukahlukeneyo
  • Inani Labantu Abaneenkolelo Liyanda
  • Iintaba Zekhephu KwiAntaktika Ziyancipha
  • Indlela Entsha Yokulwa Isifo Sephepha
    Vukani!—1999
  • Uloyiso Nentlekele
    Vukani!—1998
  • Isifo Sephepha Siyahlasela Kwakhona!
    Vukani!—1996
  • Iziganeko Ezaxelwa Kwangaphambili Ezenzeka Kule Mihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 1/06 iphe. 20

Okwenzeka Ehlabathini

◼ Ngonyaka wama-2000, kuqikelelwa ukuba abantu abazizigidi ezisisi-8,3 ehlabathini lonke bafunyanwa sisifo sephepha (iTB), yaye phantse abazizigidi ezibini sibabulele esi sifo—yaye phantse bonke aba bantu bebehlala kumazwe ahlwempuzekileyo.—MEDICAL JOURNAL OF AUSTRALIA

◼ “Abantu abaselula abazizigidi ezilishumi sithethanje banentsholongwane iHIV. Bazizigidi ezisisi-4,9 ehlabathini lonke abafunyanwa yile ntsholongwane nyaka ngamnye, yaye abangaphezu kwesiqingatha kubo baphakathi kweminyaka eli-15 ukusa kwengama-24 ubudala.”—UNITED NATIONS POPULATION FUND.

◼ Kusetyenziswa isixhobo isatellite tracking, kuye kwafunyaniswa ukuba intaka ialbatross iyakwazi ukubhabha ijikeleze umhlaba. Eyona eyawujikeleza ngokukhawuleza, yathabatha iintsuku ezingama-46 kuphela.—IPHEPHANCWADI ISCIENCE, eUnited States.

◼ “Kwiyure yosuku ngalunye, ihlabathi lichitha imali engaphezu kwee-R635 zezigidi ukuxhasa amajoni, ekuthengeni izixhobo neembumbulu.”—VITAL SIGNS 2005, WORLDWATCH INSTITUTE

Ngaba Ukuhlaselwa Kwabefundisi Kuyanda?

Ngowama-2005 iDaily Telegraph yaseLondon yathi: “Ukuba ngumfundisi ngomnye weyona misebenzi iyingozi eBritani.” Ngowama-2001 kuhlolisiso lukarhulumente kwafunyaniswa ukuba phantse bonke abefundisi ababuzwayo baye baphathwa kakubi okanye bahlaselwa kwiminyaka emibini eyandulelayo. Ukususela ngowe-1996, kuye kwabulawa abefundisi ubuncinane abasixhenxe. Kwenye idolophana, eMerseyside, “suku ngalunye kuye kwabethwa, kwahlaselwa, kwaphangwa okanye kwatshiswa impahla yomntu ngabom kwindlu yenkonzo enye kwezili-1 400 zalapho.”

Inkitha Yezilwanyana Nezityalo Ezahlukahlukeneyo

IThe New York Times ithi, nangona aye atshatyalaliswa kanobom amahlathi ashinyeneyo “kwisiqithi saseBorneo, kusekho inkitha yezilwanyana nezityalo ezahlukahlukeneyo.” Ngokutsho kweWorld Wildlife Fund, phakathi kowe-1994 nowama-2004, izazi zebhayoloji zifumene izityalo nezilwanyana ezitsha ezingama-361 kwesi siqithi, esingummandla weBrunei, i-Indonesia neMalaysia. Ezi zinto ziphilayo zintsha zifunyenweyo zaziquka izinambuzane ezahlukahlukeneyo ezingama-260, izityalo ezingama-50, iintlanzi ezingama-30, amasele asi-7, amacikilishe ama-6, oononkala aba-5, iinyoka ezi-2 nexoxo elinye. Noko ke, amahlathi ashinyeneyo aphakathi kweli lizwe asengozini yokutshatyalaliswa ngenxa yokufunwa kwemithi eyomeleleyo, irabha kunye neoli yesundu.

Inani Labantu Abaneenkolelo Liyanda

Iziko laseJamani lokuhlola izimvo zabantu, iAllensbach lithi: “Nakweli xesha lokhanyo nenzululwazi, abantu abaninzi basabanjwe ziinkolelo.” Uhlolisiso olwenziweyo noluthabathe ixesha elide lubonise ukuba “abantu basakholelwa kumakhubalo okuzis’ ithamsanqa nelishwa, yaye abantu bakholelwa kwezi zinto ngakumbi kunakwiminyaka engama-25 eyadlulayo.” Ngeminyaka yee-1970 abantu abangama-22 ekhulwini babekholelwa ukuba ukubona ukutsheka kwenkwenkwezi kunento okuyithethayo ebomini babo. Ngoku abantu abangama-40 ekhulwini bakholelwa kuloo nto. Namhlanje ngumntu omnye kwabathathu ongenazo naziphi na iinkolelo. Olunye uhlolisiso olwenziwe kubafundi abali-1 000 beyunivesithi yaseJamani lwabonisa ukuba omnye kwabathathu bathembele kwikhubalo elisemotweni okanye elikwizitshixo zakhe.

Iintaba Zekhephu KwiAntaktika Ziyancipha

Iphephandaba laseBuenos Aires iClarin lithi, “Kwiminyaka engama-50 edluleyo, ama-87 ekhulwini kwiintaba zekhephu ezingama-244 kwiAntaktika ziye zancipha,” yaye oko kwenzeka ngokukhawuleza kunokuba iingcaphephe bezicinga. Kuhlolisiso olunzulu lokuqala olwenziweyo kwezi ntaba kufunyaniswe ukuba iqondo lobushushu lomoya walapha liye lanyuka ngamaqondo asisi-2,5 ngokukaCelsius kwiminyaka engama-50 edluleyo. UDavid Vaughan weBritish Antarctic Survey uthi: “Oku kunyibilika kweentaba zekhephu ubukhulu becala kubangelwe kukuguquka kwemozulu.” Umbuzo wakhe ke ngulo: “Ngaba oku kubangelwe ngabantu?” Uziphendula athi: “Asinakubetha ngenqindi phantsi sithi kunjalo, kodwa kungekudala siza kukwazi ukuwuphendula loo mbuzo ubalulekileyo.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share