Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuyilawula Njani Indlela Endiyisebenzisa Ngayo Imali?
“Ngamaxesha amaninzi ndiye ndithenge into engeyomfuneko nendingenakuyifikelela ngenxa nje yokuba ixabiso layo lihlile.”—UAnna,a waseBrazil.
“Ngamanye amaxesha abahlobo bam badla ngokundimema ukuba siye kwiindawo zokuzonwabisa ezibiza imali eninzi. Ndiyafuna ukuba kunye nabahlobo bam, ndonwabe kunye nabo. Akukho mntu ofuna ukuthi, ‘Andinamali yokuya.’”—UJoan, waseOstreliya.
NGABA kubonakala ngathi akunamali yaneleyo? Ukuba nje imali oyiphiwayo ibinokongezwa, ubunokuthenga la nto yokudlala uyifunayo. Ukuba nje ubufumana umvuzo ongaphezu kwalo uwufumanayo, ubunokuzithenga eza zihlangu “uzifunayo.” Noko ke, kunokuba ukhathazeke ngenxa yemali ongenayo, kutheni ungafundi ukusebenzisa kakuhle imali oyifumanayo?
Ukuba uselula yaye uhlala nabazali bakho usenokulinda de uye kuzimela ngaphambi kokuba ufunde indlela yokuyisebenzisa kakuhle imali. Kodwa oko kuya kufana nokutsiba kwinqwelo-moya ungakhange kuqala ufunde ukusebenzisa iparashuti. Eneneni, umntu usenokuyifumanisa indlela esebenza ngayo ngoxa isihla. Noko ke, kunokuba bhetele ukuba ebenokufunda indlela esetyenziswa ngayo iparashuti ngaphambi kokutsiba!
Ngokufanayo, elona xesha lifanelekileyo onokufunda ngalo ukusebenzisa imali kungaphambi kokuba ujamelane neengxaki zobomi eziphathelele imali. UKumkani uSolomon wabhala wathi: ‘Imali iyakhusela.’ (INtshumayeli 7:12) Kodwa iya kukukhusela kuphela ukuba ufunda indlela yokuyisebenzisa. Ukwenjenjalo kuya kukwenza uzithembe yaye kuya kwenza abazali bakho bakuthembe ngakumbi.
Funda Iindlela Zokusebenzisa Imali
Ngaba wakha wabacela abazali bakho ukuba bakuchazele iindleko zokunyamekela intsapho? Ngokomzekelo, ngaba uyazi ukuba yimalini ukuhlawula umbane, ukufudumeza indlu namanzi nyanga nganye yaye ziyimalini iindleko zemoto, ukuthenga ukutya, ukuhlawula irente okanye indlu? Usenokungabi namdla ngezo nkcukacha. Noko ke, khumbula ukuba nawe ubandakanyekile kwezo ndleko. Ngaphezu koko, xa sele uzimele, kuza kufuneka uzihlawule ngokwakho ezi zinto. Ngoko ke, kubhetele ukufunda ngazo kwangoku. Bacele abazali bakho ukuba bakubonise iindleko, uze uphulaphule ngenyameko xa bekuchazela indlela abalwenza ngayo uqingqo-mali ukuze bazihlawule.
Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi, kwaye umntu onokuqonda ngulowo uzuza ulwalathiso lobuchule.” (IMizekeliso 1:5) UAnna, okhankanywe ngaphambilana, uthi: “Utata wandifundisa ukwenza uqingqo-mali yaye wandibonisa nokubaluleka kokuba ngumntu olungeleleneyo ngendlela endisiyebenzisa ngayo imali.” Yaye unina wamfundisa ezinye iindlela anokuzisebenzisa. UAnna wongezelela esithi: “Wandibonisa ukubaluleka kokuthelekisa amaxabiso ngaphambi kokuthenga. Umama ebethenga izinto ezininzi ngemali nje encinane.” UAnna wancedwa yintoni? Uthi: “Ngoku ndiyisebenzisa kakuhle imali, ndikhululekile yaye ndinoxolo lwengqondo ngenxa yokuba andinamatyala angeyomfuneko.”
Ziqonde Izinto Ezisenokuba Yingxaki
Kuyavunywa ukuba, kulula ukuthetha ngokulawula indlela oyisebenzisa ngayo imali, kodwa kunzima ukukwenza oko ngokukodwa xa uhlala kowenu yaye uphiwa imali okanye ufumana umvuzo emsebenzini. Ngoba? Kungenxa yokuba abazali bakho bazihlawula ngokwabo iindleko ezininzi. Ngaloo ndlela, imali yakho eninzi uyisebenzisa ngendlela ofuna ngayo kwaye ukuthenga kumnandi. UParesh, umfana waseIndiya uthi: “Kulula ukuthenga yaye kuyandonwabisa.” USarah waseOstreliya naye uvakalelwa ngendlela efanayo. Uthi: “Ukuthenga izinto kuyandonwabisa.”
Ukongezelela, oontanga bakho banokukuphembelela ukuba usebenzise imali engaphezu kwaleyo ufanele uyisebenzise. UEllena, oneminyaka engama-21 ubudala, uthi: “Oontanga bam ukuthenga yenye yeendlela abazonwabisa ngayo. Xa sizikhuphile , yinto elindelekileyo ukuba sichith’ imali ukuze sonwabe.”
Yinto eqhelekileyo ukufuna ukwamkeleka kubahlobo bakho. Kodwa khawuzibuze, ‘ngaba ndichitha imali nabahlobo bam kuba ndizifikelela ezo zinto okanye ngenxa nje yokuba ndinyanzelekile?’ Abantu abaninzi bachith’ imali kuba befuna ukuzenza izinto zooNantsi kubahlobo babo. Lo mkhwa usenobangela ukuba ube neengxaki zemali, ngokukodwa ukuba unekhadi lokuthenga ngetyala. USuze Orman ongumcebisi kwimicimbi yemali ulumkisa esithi: “Ukuba ufuna abantu bakuthande ngenxa yezinto onazo kunokuba bathande wena, usengozini yokungen’ ematyaleni usebenzisa amakhadi okuthenga ngetyala.”
Kunokuba uyisebenzise yonke imali ekwikhadi lakho lokuthenga ngetyala okanye umvuzo wakho wonke ngobusuku nje obunye, kutheni ungenzi njengokuba uEllena wenzayo? Uthi: “Xa ndizikhupha nabahlobo bam, ndiceba kusengaphambili yaye ndiyayiqingqa imali endiceba ukuyisebenzisa. Umvuzo wam ungena ebhankini, yaye ndikhupha nje le ndiza kuyisebenzisa. Kwakhona ndikufumanise kububulumko ukuya kuthenga nabahlobo bam abakwaziyo ukuyisebenzisa imali, nabo baye bandikhuthaze ukuba ndiwathelekise amaxabiso kwiivenkile ezahlukahlukeneyo kunokuba ndithenge nje into yokuqala endiyibonileyo.”—IMizekeliso 13:20.
Funda Xa Abazali Bakho Bengavumi
Nokuba imali awukhe uyiphiwe okanye awuphangeli, ikho into onokuyifunda ngendlela yokusebenzisa imali ngoxa usahlal’ ekhaya. Ngokomzekelo, xa ucela abazali bakho ukuba bakuphe imali okanye ubacele ukuba bakuthengele into ethile, basenokungavumi. Ngoba? Esinye isizathu sisenokuba izinto ozifunayo zixabisa ngaphezulu kunemali ebibekwe ecaleni kusenzelwa iindleko zentsapho. Ngokungasivumi isicelo sakho—nangona bona bebengathanda ukukunika—abazali bakho bakufundisa ukuzeyisa. Yaye ukuzeyisa kubalulekile ukuze ukwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali.
Abazali bakho basenokuba banayo imali yokuthenga izinto ozifunayo, basenokukhetha ukungazithengi. Usenokucinga ukuba bangamagqolo. Kodwa khawucinge ngoku: Basenokuba bafuna ukukufundisa isifundo esibalulekileyo sokuba ulonwabo lwakho aluxhomekekanga ekubeni ufumane yonke into oyifunayo. Kule nkalo iBhayibhile ithi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.”—INtshumayeli 5:10.
Ubunyaniso bala mazwi buxhaswa lulutsha oluninzi olunabazali abathenga yonke into oluyifunayo. Kungekudala olo lutsha lufumanisa ukuba alwaneli zizinto olunazo. Kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izinto olunazo, lusoloko lufuna ezinye izinto. Ekuhambeni kwexesha, ulutsha oluqhele ukufumana yonk’ into oluyifunayo lunokuba ngabantu abadala abangenambulelo. USolomon walumkisa wathi: “Ukuba ubani umtefisa kwasebutsheni umkhonzi wakhe, kamva ekuphileni kwakhe uya kuba ngongenambulelo.”—IMizekeliso 29:21.
Imali Lixesha
Kwezinye iilwimi kuthiwa, ixesha yimali. Oku kubethelela ukuba abantu bafanele bachithe ixesha ukuze bafumane imali yaye ukuchith’ ixesha kukuchitha imali. Kwakhona naxa ufuna ukuwabeka ngeny’ indlela la mazwi achanile—imali lixesha. Ukuba udlala ngemali, eneneni uchith’ ixesha lokufumana loo mali. Funda ukuyilawula indlela oyisebenzisa ngayo imali yaye oko kuya kuphumela ekubeni ukwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha lakho. Unokukwenza njani oko?
Cinga ngoko kuthethwa nguEllena. Uthi: “Xa ndiyilawula indlela endiyisebenzisa ngayo imali, ndiyakwazi nokuyilawuIa imali ekufuneka ndiyisebenzele. Ngokuzenzela uqingqo-mali ndize ndibambelele kulo, akuyomfuneko ukuba ndisebenze iiyure ezininzi ukuze ndihlawule amatyala. Ndiyakwazi ukulisebenzisa kakuhle ixesha endinalo nobomi bam.” Ngaba ungathanda ukubulawula ngolo hlobo ubomi bakho?
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama atshintshiwe.
IZINTO OFANELE UCINGE NGAZO
◼ Ngaba ukufumanisa kunzima ukuyilawula indlela oyisebenzisa ngayo imali? Kutheni?
◼ Kutheni ufanele ukuphephe ukuthanda imali?—1 Timoti 6:9, 10.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]
NGABA UKUBA NEMALI ENINZI KUSISICOMBULULO?
Ngaba ukuba nemali eninzi kusisicombululo kumntu onengxaki yokusebenzisa imali? Umcebisi kwimicimbi yemali uSuze Orman uthi: “Sonke sicinga ukuba ukuhlawulwa imali eninzi sisicombululo kwiingxaki zemali, kodwa oko akufane kube njalo.”
Ngokomzekelo: Ukuba ubuqhuba imoto uze ungakwazi ukuyilawula okanye udla ngokuqhuba uvale amehlo, ngaba ukugalela ipetroli eninzi kunokwenza uzive unqabisekile? Ngaba ungafika ukhuselekile kuloo ndawo uya kuyo? Ngokukwanjalo, ukuba akukwazi ukulawula indlela oyisebenzisa ngayo imali, ukuba nemali eninzi akusayi kuziphucula izinto.
[Ibhokisi/Isicangca esikwiphepha 13]
YILAWULE INDLELA OYISEBENZISA NGAYO IMALI
Ingakanani imali oye wayisebenzisa kule nyanga iphelileyo? Uthenge ntoni ngayo? Akuyazi, akunjalo? Nantsi indlela onokuyilawula ngayo indlela oyisebenzisa ngayo imali ngaphambi kokuba oko kulawule ubomi bakho.
◼ Gcina ingxelo. Ubuncinane kangangenyanga, bhala phantsi imali oyifumanayo nosuku oyifumana ngalo. Bhala nto nganye oyithengileyo nexabiso layo. Ekupheleni kwenyanga, dibanisa umvuzo wakho uze udibanise nemali oyisebenzisileyo.
◼ Zenzele uqingqo-mali. Thabatha iphepha, uze uzenzele imiqolo emithathu. Kumqolo wokuqala, bhala yonke imali olindele ukuyifumana ngenyanga. Kumqolo wesibini, bhala indlela oceba ukuyisebenzisa ngayo imali yakho; kusebenzise oko ukubhale kumqolo ngamnye. Njengokuba inyanga iqhubeka, kumqolo wesithathu bhala imali oyisebenzisileyo kwizinto obucebe ukuzithenga. Kwakhona, bhala phantsi izinto ozithenge ungakhange ucebe.
◼ Zihlengahlengise izinto oceba ukuzithenga. Ukuba uchitha imali engaphezu kwaleyo ubucebe ukuyisebenzisa, oko kunokukubangela ukuba ube namatyala, ngoko ke hlengahlengisa izinto oceba ukuzithenga. Hlawula amatyala onawo. Qhubeka uyilawula indlela oyisebenzisa ngayo imali.
[Isicangca]
Lisike uze ulisebenzise eli phepha!
Uqingqo-mali Lwenyanga Nganye
Umvuzo Iindleko Imali oyisebenzisileyo
imali oyiphiwayo eyokutya
isingxungxo eyempahla
eyezinye izinto eyefowuni
eyokuzonwabisa
eyomnikelo
eya elugcinweni
eyezinye izinto
Isimbuku Isimbuku Isimbuku
R R R
[Umfanekiso]
Khumbula ukuba, ukuba udlala ngemali, ukwachitha nexesha olisebenzisileyo ukufumana loo mali
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Kutheni ungaceli abazali bakho bakubonise indlela yokwenza uqingqo-mali?