IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/06 iphe. 10-12
  • Eyona Ndlela Lixabiseke Ngayo Igazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Ndlela Lixabiseke Ngayo Igazi
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UMdali Wethu Negazi
  • Yamkela Ukhokelo LoThixo Ophilayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • UThixo Ulijonga Njani Igazi?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 8/06 iphe. 10-12

Eyona Ndlela Lixabiseke Ngayo Igazi

“Mnye umthombo wobomi kubantu bonke: ligazi. Ngamandla obomi kumntu wonke, kungakhathaliseki ibala lolusu, uhlanga okanye unqulo.”—Umongameli weNdlu Yowiso Mthetho YeZizwe Ezimanyeneyo.

NGOKUNGATHANDABUZEKIYO, amazwi omongameli weNdlu Yowiso Mthetho YeZizwe Ezimanyeneyo ngomlinganiselo othile, ayinyaniso. Igazi libalulekile kubomi babantu. Lixabisekile. Ngaba weyisekile kwelokuba kukhuselekile yaye kububulumko ukusebenzisa olu lwelo kwezonyango?

Njengokuba sele sifundile, imilinganiselo yokhuseleko yahluke okwempuma kwintshona ehlabathini lonke, yaye ukusebenzisa igazi kwezonyango kuyingozi ngakumbi kunokuba abanye abantu becinga. Ngaphezu koko, oogqirha babethabethana ngezimvo xa kufikwa kumbandela wokusetyenziswa kwegazi ngenxa yomlinganiselo wemfundo, ubugcisa neembono zabanye. Noko ke, abanye baya bekulumkela ngakumbi ukutofela igazi. Inani elikhulayo loogqirha lincomela ukukhangela enye indlela yonyango kunokusebenzisa igazi.

Oku kusizisa kumbuzo oye wabuzwa ekuqaleni kwala manqaku. Yintoni le ingaka eyenza igazi libaluleke? Ukuba kuya kusibakho amathandabuzo angakumbi ngokusetyenziswa kwegazi kwezonyango, ngaba ikho into enokwenziwa ligazi?

UMdali Wethu Negazi

Emva phayaa ngexesha likaNowa, ukhokho walo lonke uluntu, uThixo wabeka umthetho ocacileyo. Nakuba wanika abantu ilungelo lokudla inyama yezilwanyana, wakwalela ukudliwa kwegazi. (Genesis 9:4) Wabanika nezizathu zakhe zokwalela oku, elifanisa igazi nomphefumlo, okanye ubomi besidalwa eso. Kamva wathi: “Umphefumlo [okanye ubomi] usegazini.” Emehlweni oMdali, igazi lingcwele. Limela isipho esixabisekileyo sobomi bomphefumlo ngamnye ophilayo. UThixo wawuphinda izihlandlo ezininzi lo mgaqo.—Levitikus 3:17; 17:10, 11, 14; Duteronomi 12:16, 23.

Emva kokuqalisa kobuKristu kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, abalandeli bakaKristu banikwa umyalelo wobuthixo wokuba “bakhwebuke . . . nasegazini.” Ukwalelwa kwegazi kwakusekelwe, kungekhona kwimeko yezonyango, kodwa kubungcwele begazi. (IZenzo 15:19, 20, 29) Abanye basenokuphikisa ngelithi lo mqathango usebenza kuphela kulowo udla igazi ngokoqobo, phofu ke, igama elithi “khwebuka” alifuni kutolikwa. Ukuba ugqirha uthi simele singabuseli utywala, kungangenkankulu ukuba singabutofela emithanjeni.

IBhayibhile ihlabela mgama ichaza isizathu sokuba igazi libe ngcwele. Igazi elaphalalayo likaYesu Kristu, limela ubomi awanikela ngabo ngenxa yoluntu, yaye oko kusisiseko sethemba lamaKristu. Oku kusisiseko sokuxolelwa kwezono nethemba lobomi obungunaphakade. Xa umKristu ekhwebuka egazini, eneneni ubonakalisa ukholo lwakhe lokuba ligazi likaYesu Kristu elaphalalayo kuphela elinokuba yintlawulelo ukuze asindiswe.—Efese 1:7.

AmaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngokuthobela lo myalelo weBhayibhile. Akukhaba ngawo omane ukutofela igazi liphelele okanye iinxalenye zalo ezine eziphambili—iiseli ezibomvu, iplasma, iiseli ezimhlophe neeplatelet. IBhayibhile ayithethi nto ngokuphathelele iinxalenye ezahlukahlukeneyo ezisuka kwezi—namayeza enziwa ngokusuka kuzo. Ngoko ke, Ngqina ngalinye limele lizenzele isigqibo kwiimeko ezinjalo. Ngaba indlela amaNgqina aligqala ngayo igazi ngokusekelwe kwiZibhalo ithetha ukuba akakufuni ukunyangwa okanye ajonga impilo yawo nobomi bawo njengento engenamsebenzi? Akunjalo! Bona ibhokisi ethi “AmaNgqina kaYehova Nempilo.”

Kule minyaka yamvanje, oogqirha abaninzi baye babona ukuba amaNgqina aye azuza kwezonyango ngokuthobela imilinganiselo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, umtyandi womnqonqo uye wazincoma gqitha iindlela zokunyanga ngaphandle kwegazi. Uthe: “Kuyeyona nto ikhuselekileyo umntu anokuyenza, kungekuphela nje kumaNgqina kaYehova, kodwa kumntu wonke.”

Kunzima ukwenza izigqibo kwimibandela enzulu yonyango yaye oku kunokubangela uxinezeleko. Ngokuphathelele indlela eqhelekileyo yokutofela igazi, uGqr. Dave Williams, ingcali ngamalungu okuphefumla nomalathisi kwezonyango uthi: “Kubalulekile ukuhlonela iminqweno yabanye abantu, . . . kwaye kufuneka sikulumkele oko sikufaka emizimbeni yethu.” Wayechan’ ucwethe lo kaWilliams—ingakumbi kule mihla siphila kuyo.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 11]

Zintoni Iihemoglobin Ezithwala Ioksijini?

Kwiseli nganye ebomvu yegazi kukho malunga nezigidi ezingama-300 zeemolekyuli zehemoglobin. Iseli nganye ebomvu ekhule ngokupheleleyo iqulethe ihemoglobin emalunga nesinye kwisithathu saloo seli. Imolekyuli nganye ineproteni yeglobin kunye nento eyenza ibala ebizwa ngokuba yiheme—nto leyo equka iathom yeiron. Xa iseli ebomvu idlula kwimiphunga, iimolekyuli zeoksijini zingena phakathi kule seli zize zincamathele kwiimolekyuli zehemoglobin. Kwimizuzwana nje engephi, ioksijini ikhutshelwa kwezinye izihlunu zomzimba, ngaloo ndlela zilondoloza iiseli zomzimba.

Amanye amaziko enza amayeza ngehemoglobin efumaneka kwiiseli ezibomvu zegazi lomntu okanye lenkomo. Le hemoglobin iyahluzwa ukuze kususwe konke ukungcola, emva koko kugalelwa amachiza okuyipheka nokuyicoca, ize idityaniswa nomxube othile ize ipakishwe. Le mveliso—nakuba ingekavunywa ngokupheleleyo kwamanye amazwe—ibizwa ngokuba yinkqubo yokuthwala ioksijini ngehemoglobin (hemoglobin-based oxygen carrier,) okanye ngamafutshane ngokuthi yiHBOC. Ekubeni iheme ibangela igazi libe bomvu, umlinganiselo othile weHBOC ufana twatse neeseli ezibomvu, apho kanye le mveliso ivela khona.

Ngokungafaniyo neeseli ezibomvu zegazi, ezimele zifakwe efrijini ukuze zibe ngumkhenkce zize zilahlwe emva kweeveki ezimbalwa, iHBOC inokuhlala ngaphandle kwefriji ize isetyenziswe kwiinyanga eziliqela kamva. Ekubeni inwebu yeseli eneantigen eyahlukileyo ingasekho, akukho kuphikisana kwegazi emzimbeni. Noko ke, xa ithelekiswa nezinye iinxalenye zegazi, iHBOC iza nezinye iingxaki xa kufikwa kwisazela somKristu ofuna ukuthobela umthetho kaThixo wegazi. Njani? Ukuba iHBOC yenziwe ngegazi, kukho izinto ezimbini ezenza oku kube yingxaki. Okokuqala, iHBOC ifeza indima engundoqo yeyona nxalenye iphambili yegazi, iiseli ezibomvu. Okwesibini, ihemoglobin eyenziwe ngayo iHBOC yeyona nto iphambili kulo mxube. Ngokuphathelele oku nezinye iimveliso ezifana nayo, amaKristu ajamelene nesigqibo esikhulu kakhulu afanele asenze. Kufuneka acingisise nzulu ngemilinganiselo yeBhayibhile engobungcwele begazi. Ngenxa yomnqweno onzulu wokufuna ukugcina ulwalamano oluhle noYehova, mKristu ngamnye umele asebenzise isazela esiqeqeshwe ngeBhayibhile ekwenzeni isigqibo esinjalo.—Galati 6:5.

[Umfanekiso]

IMOLEKYULI YEHEMOGLOBIN

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]

Ukhetho Olunqwenelekayo

IWall Street Journal inikela le ngxelo: “Izibhedlele ezininzi zinika abantu ukhetho: utyando ‘ngaphandle kokutofelwa igazi.’” Yalek’ umsundulu isithi: “Ekuqaleni oku kwakusenzelwa amaNgqina kaYehova, kodwa ngoku le ndlela yonyango sele iyinto exhaphakileyo yaye kukho izibhedlele ezininzi ezisebenzisa inkqubo yotyando ngaphandle kwegazi kuwonke wonke.” Izibhedlele ezininzi ehlabathini lonke zifumana iinzuzo, ingakumbi abantu abagulayo, xa zisebenzisa iindlela zonyango ezinciphisa ukutofelwa kwegazi. Sithethanje, amawaka oogqirha anyanga abantu abagulayo ngaphandle kokutofela igazi.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]

AmaNgqina KaYehova Nempilo

AmaNgqina kaYehova, ekukho phakathi kwawo oogqirha nabongikazi, aziwa ehlabathini lonke ngokungafuni ukutofela igazi okanye iinxalenye eziphambili zegazi. Ngaba ukuluchasa kwawo ngokumanyeneyo olu hlobo lonyango kuvela kumntu othile okanye yinkolelo yokuba ukholo lomntu lunokunyanga izifo? Lulwimi etywaleni olo.

Ebugqala ubomi bawo njengesipho esivela kuThixo, amaNgqina azama ukwenza konke okusemandleni ukuze aphile ngokuvisisana neBhayibhile yaye akholelwa kwelokuba “iphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16, 17; ISityhilelo 4:11) IBhayibhile ibongoza abakhonzi bakaThixo ukuba baziphephe izenzo eziya kubeka ubomi bawo engozini okanye zonakalise impilo yawo, izenzo ezinjengokutya kakhulu, ukutshaya okanye ukuhlafuna icuba, ukusela ngokugqithiseleyo nokusebenzisa iziyobisi ngendlela yokuzonwabisa.—IMizekeliso 23:20; 2 Korinte 7:1.

Ngokugcina imizimba yethu neendawo esihlala kuzo zicocekile nokwenza umthambo ngenjongo yokuzigcina sisempilweni, siya kube senza ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile. (Mateyu 7:12; 1 Timoti 4:8) Xa amaNgqina kaYehova egula, abonakalisa ukuba nengqiqo ngokufuna unyango nangokwamkela ezinye iindlela ezininzi zonyango. (Filipi 4:5) Liyinyaniso elokuba, athobela umyalelo weBhayibhile wokuba ‘akhwebuke egazini,’ efuna unyango olungenanto yakwenza negazi. (IZenzo 15:29) Olu khetho lusoloko luphumela kunyango olusemgangathweni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share