Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokubanceda Njani Abantu Abafuna Uncedo?
“Ndiyathemba ukuba xa ndigqibile esikolweni ndiza kufumana umsebenzi wokuba ligcisa lombane. Ndifuna ukunceda xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani.”—UTristan, oneminyaka eli-14 ubudala.
“Ndinikela ngeedola ezingama-20 [R120], ukuze kuhlawulwe umatshini omtsha wokushicilela. Le yimali endiyiphiwa ngabazali bam nyanga nganye, kodwa ndifuna ukuyipha nina.”—UAbby, oneminyaka esi-9 ubudala.
SIKWIXESHA ekulula ukuthi ulutsha luyazingca, ulutsha oluninzi—kuquka olu lukhankanywe ngasentla—luzenza izinto ngendlela eyahlukileyo. Ulutsha oluninzi olungamaNgqina kaYehova lusebenzisa ixesha, amandla nobuncwane balo ukunceda abanye. (INdumiso 110:3) Makhe sihlolisise eminye imizekelo.
Kungekudala nje emva kokuba umakhulu wakhe efile, uJirah oneminyaka esixhenxe ubudala waseOstreliya waphiwa ama-R225 ngutatomkhulu wakhe. Wenza ntoni uJirah ngaloo mali? Kwiintlanganiso zebandla ezalandelayo, wayifaka yonke loo mali kwibhokisi yomnikelo. Kwakutheni ukuze enze loo nto? UJirah wathi kunina: “Ndinento zokudlala ezininzi kodwa umakhulu ebendinaye mnye. Ndiyazi ukuba uMakhulu ebeya kufuna ndinikele ngale mali kuba ebemthanda kakhulu uYehova.”
UHannah oneminyaka emihlanu ubudala, waseUnited States uthanda amahashe. Wayefuna ukuthenga ihashe lokudlala elixabisa ama-R450. Bezama ukumfundisa ukugcin’ imali, abazali bakaHannah ngamathub’ athile babemnika imali ukuba ayifake kwibhokisi yakhe yokugcin’ imali. Kungekudala, uHannah wayenemali eyaneleyo yokuthenga ihashe lokudlala.
Noko ke, malunga nelo xesha, iNkanyamba uKatrina yatshabalalisa iGulf Coast. UHannah wayebaxhalabele abo babengamaxhoba ale nkanyamba, kangangokuba wagqiba ekubeni anikele ngemali yonke awayezigcinele yona—ngaphezu kwama-R610—ukuze ancede. UHannah wabhalela ikomkhulu lamaNgqina kaYehova wathi: “Ndifuna ukuninika le mali kuba ndiyamthanda uYehova yaye ndifuna ukunceda.” Ngaba uYehova uyazibona izenzo ezinjalo zesisa? IBhayibhile ithi: “Musani ukulibala ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.”—Hebhere 13:16.
Intwazana nayo esuka eUnited States ebizwa ngokuba nguTiffany yabhalela ikomkhulu lamaNgqina kaYehova emva kokuba iinkanyamba ezimbini zathwaxa iFlorida ngowama-2004. Wabhala wathi: “Mna nomntakwethu uTimothy singathanda ukunikela ngama-R670. Ikhaya lethu khange lonakale kakhulu, kodwa sibona oko esi saqhwithi siye sakwenza kweminye imizi. Besifuna ukunceda, ngoko ke siye saqalisa ukugcina le mali. UTimothy unee-$10 [R60] aye wayifumana xa wayexobula iindonga ezindlwini yaye mna ndiye ndakwazi ukugcina ii-$100 [R610].” UTiffany uneminyaka eli-13 ubudala yaye umntakwabo uTimothy uneminyaka nje esi-7 ubudala! Kwenzeka ntoni xa ucinga ngokunceda abanye kunokucinga ngesiqu sakho? IMizekeliso 11:25 ithi: “Oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.”
Iqela lolutsha olungamaNgqina eUnited States, olususela kwiminyaka emi-4 ukusa kweli-15 ubudala, lweva ukuba abazalwana baseAfrika abanaziiHolo zoBukumkani. Ngoko ke, olu lutsha lwagqiba ekubeni luthabath’ amanyathelo athile. “Sathengisa amaqebengwana yaye safumana imali ezii-$106.54 [R647,76]. Saxelela abantu ukuba le mali kuza kwakhiwa ngayo indawo yeentlanganiso eAfrika, apho kufundiswa khona abantu iBhayibhile. Abantu abaninzi bathenga. Sathabatha iiyure ezisithoba sithengisa amaqebengwana kwaye oko kwakuwufanele umgudu—sasikwenzela uYehova!”
Unokunceda
Olu lutsha lungasentla lukubonile ukuba yinyaniso kwamazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Nawe unokwenza okufanayo. Unokupha ngaziphi iindlela?
Ngaba ukhe weva ngabazalwana bakho abafuna uncedo? Ngokomzekelo, ngaba kukhe kwakho intlekele yemvelo? Zama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wokuba kuba njani ukuphulukana nekhaya, izinto zakho nokufelwa sisalamane okanye umhlobo. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu esithi afanele ‘anyamekele, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Kwanokuba akuhlali kwindawo ekwenzeke kuyo intlekele yemvelo, mhlawumbi unokunikela ukuze amaNgqina kaYehova akuloo ndawo akwazi ukuncedwa.a
Kukho nezinye iindlela onokubanceda ngazo abo bafuna uncedo. Ngokomzekelo, ukuba uliNgqina likaYehova, kutheni ungakhangeli kwiHolo yoBukumkani ukuba ngubani onokumnceda? Ngaba akukho bantu bakhulileyo okanye abanye abafuna uncedo? Ngaba unokubenzela imisebenzi yasekhaya? Umpostile uPawulos wawabhalela amaRoma wathi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Xa ubona ukuba kufuneka uncedo, nceda. Kulungele ukwenza nomsebenzi ojongelwa phantsi. Yaye khumbula ukuba ukunceda abanye kunxulumene ngokusondeleyo nokukhonza uThixo. IBhayibhile ithi: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.”—IMizekeliso 19:17.
Kakade ke, eyona ndlela onokunceda ngayo abanye kukubaxelela oko ukwaziyo ngeLizwi likaThixo, iBhayibhile. UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ngokukodwa ngoku, abantu bafuna ukuva isigidimi esiyinyaniso, esisindis’ ubomi esifumaneka eBhayibhileni. Ngoko ke, qhubekani ninenzondelelo yaye nishumayela rhoqo, nisazi ukuba “ukusebenza kwenu akulolize.”—1 Korinte 15:58.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ypa
[Umbhalo osemazantsi]
a Iminikelo yokunceda kwintlekele ethile yemvelo siyayamkela. Noko ke, kucetyiswa ukuba iminikelo enjalo ifakwe kwiminikelo eyenzelwa umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova, ekubeni kuthatyathwa kuloo minikelo xa kuvele intlekele.
OFANELE UCINGE NGAKO
◼ Ngaba ukho umntu omaziyo onokumnceda?
◼ Unokwenza ntoni ukuze uncede?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
“Musani ukulibala ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.”—Hebhere 13:16
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
KUTHENI UFANELE UFUNDE UKUPHA?
“Ukubukela abazali bam besebenzisa ixesha labo namandla abo bekhonza uYehova nabamelwane babo kwenza ukuba nam ndafuna ukuzenza izinto ngendlela abenza ngayo. Utata wathi: ‘Nokuba incinane kangakanani na, nantoni na oyenzela uYehova ihlala ngonaphakade. UYehova uphila ngonaphakade yaye uya kuyikhumbula ngonaphakade. Kodwa ukuphilela ukuzanelisa kulilize. Xa usifa, oko ubukwenza kufa kunye nawe.’”—UKentaro, oneminyaka engama-24 ubudala, waseJapan.
“Xa nditheth’ inyaniso, ndandingakufuni ukunceda abantu abasele bekhulile kwimisetyenzana yabo yasekhaya emva kwemini ngoMgqibelo. Ndandifuna nje ukonwaba, ndibe kunye nabahlobo bam. Kodwa xa ndachitha ixesha kunye nabo, ndakuvuyela gqitha oko. Ngoko, ndatsho ndabazi ukuba bangabantu nje abafana nam, nababekhe bangabantwana nabo. Oko kuye kwandikhuthaza ukuba ndibancede.”—UJohn, oneminyaka engama-27 ubudala, waseNgilani.
“Xa ndandiselula, ndandincedisa ekucoceni iHolo yoBukumkani nakweminye imisebenzi. Kwakhona ndiyakuvuyela nokwenzela abanye imisebenzi enzima ebandleni. Xa unceda omnye umntu, uye ubabone bevuya. Ngokomzekelo, ndakha ndahamba nabanye ukuya kuncamathisela amaphepha eludongeni ekhayeni lodade owalupheleyo. Hay’ indlela awayevuya ngayo! Xa uvuyisa omnye umntu, nawe uyavuya.”—UHermann, oneminyaka engama-23 ubudala, waseFransi.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Abantu abaninzi abaselula banikela ngemali ukuze kuncedwe amaxhoba entlekele