Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Umgibe Wokusela—Ngaba Usengozini? (Oktobha 8, 2005) Ndiye ndafunda iileta ezininzi ezivela kubafundi bakaVukani! ezithi: “Eli nqaku lifike ngexesha elifanelekileyo.” Andizange ndilindele ukuba nam ndingaze ndivakalelwe ngolo hlobo, kodwa yiloo nto kanye eye yathi qatha engqondweni yam xa bendifunda ungcelele lwamanqaku asekuqaleni. Kangangexesha elithile, ndandiba nexhala ngobungakanani botywala endibuselayo ngosuku, nangona ndandingade ndinxile. Ndisaxhalabe ndinjalo kuye kwafika olu ngcelele lwamanqaku. Emva kokufunda ngeengozi, ndavakalelwa kukuba ngoku lixesha lokuba ndiyeke ukuba likhoboka lotywala.
UK. W., waseJamani
Olu ngcelele lukhankanya okwenzeka kuHilario, owayesela ngokugqithiseleyo kangangeminyaka engama-30 nowayemana “evukwa likakade kangangezihlandlo ezininzi.” Uthi amalungu ebandla ayesoloko “endikhuthaza.” Kodwa ngaba wayengamele ohlwaywe okanye agxothwe ebandleni?
UR. L., waseUnited States
UVukani! uyaphendula: Inkcazelo emfutshane yoko kwenzeka kuHilario ayichazi ukuba waba ngumKristu nini obhaptiziweyo kule minyaka ingama-30 enengxaki yokusela ngokugqithiseleyo. Ayitsho nokuba wayekhe wakhalinyelwa ngabadala bebandla. Eli nqaku lithi uHilario “wafumana isiluleko esifanelekileyo seBhayibhile,” nto leyo maxa wambi eyenziwa yikomiti yokugweba. Abantu abakhe basela ngokugqithiseleyo badla ngokuvukwa likakade maxa wambi, yaye leyo yinto eyenzeka kuHilario. Nceda ufunde IMboniselo yesiNgesi kaMeyi 1 1983, iphepha 8-11uze ubone indlela osingathwa ngayo lo mba xa ingumKristu obhaptiziweyo onale ngxaki.
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Nditsaleleka Kubantu Abanempembelelo Embi? (Agasti 8, 2005) Eli nqaku lindincede ndabona ukuba andimele ndibe ngumntu ongenazigqibo. Lindikhuthazile koko bendizimisele ukukwenza, ukwahlukana nezinxulumani ezibi. Ngoku ndinabahlobo abasenyongweni abaninzi ebandleni, abaselula nabasele bekhulile, nto leyo eye yandenza ndaziva ndithandwa ngabantu abathanda uYehova nabaye bandikhuthaze ukuba ndiqhubeke ndihamba endleleni yobomi.
UM. D., waseMexico
Ndazimisela Ukulufikelela Usukelo Lwam (Julayi 8, 2005) Njengokuba ndafunda ngokwenzeka kuMartha, iinyembezi zazehlela. Nam ndinesifo sokuwa. Bendikwinkonzo yexesha elizeleyo kule minyaka ilishumi idluleyo yaye ngamanye amaxesha bekuba nzima—ngokukodwa xa ndixhuzula. Ibali likaMartha liye landomeleza ukuba ndingayeki. Liye landithuthuzela gqitha.
UJ. S., wasePoland
Ndinengxaki efanayo nekaMartha. Emva kokuba ndifunde ibali lakhe, andisatyi nokuba yintoni na. Ngaphezu kweminyaka elishumi, isifo sokuwa siye sandenza andamkhonza ngokuzeleyo uYehova. Kodwa phantse iminyaka emithathu edluleyo, ndiye ndagqiba ekubeni ndibe kwinkonzo yexesha elizeleyo yaye andizisoli ngeso sigqibo. Kwanga uYehova anganisikelela ngokupapasha la mava akhuthazayo.
UB.C. C., waseBrazil
Eyona nto indikhuthazileyo kweli nqaku kukuba uMartha akazange anikezele. Ndiye ndathuthuzeleka kukuphawula ukuba nakuba zazikho izinto ezazimphazamisa, kodwa wayenesimo sengqondo esihle yaye enentembelo yokuba uYehova uyakholiswa yinkonzo yomphefumlo uphela.
US. H., waseJapan
Ndiye ndanemeko efanayo nekaMartha yaye kuye kwafuneka ndiqonde ukuba kukho izinto endingasayi kukwazi ukuzenza. NjengoMartha, ndiye ndakwazi ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngoko ke ibali lakhe liye landikhuthaza kakhulu.
UF. G., waseSwitzerland