Ubuya Kuphendula Uthini?
ZIFANA NGANTONI EZI ZIGANEKO?
1. Phakathi kweziganeko ezidweliswe apha, yenza isangqa kuphela kwezo zenzeka kuMoses nakuYesu.
Wakhutshwa eYiputa
Ngoxa wayeselusana wasinda ekubulaweni
Ubetha iliwa kwaphuma amanzi
Wazila ukutya kangangeentsuku ezingama-40
Wavusa abafileyo
Waxhonywa esibondeni
UYehova wawungcwaba umzimba wakhe
◆ Wabonakala nini uMoses embonweni eme ecaleni kukaYesu?
․․․․․
◆ Ngubani omnye owabonakala kunye naye?
․․․․․
◼ Ukwenzela Incoko: Ziziphi ezinye iindlela uYesu awaba ngumprofeti njengoMoses?—IZenzo 3:22.
KWENZEKA NINI OKU?
Yenza umgca osuka kwisiganeko oya kunyaka esenzeka ngawo.
1077 B.C.E. Ukususela ngowama-940 Malunga nama-844 Malunga nowama-778 Ukususela ngowama-322
2. Isaya 1:1
3. Yona 1:14-17
NDINGUBANI?
5. Intombi yam yabulala izizalwane zayo yaza yangukumkanikazi wakwaYuda. Kodwa njengam lo kumkanikazi wafa kabuhlungu.
NDINGUBANI?
6. Ndaprofeta ngendawo awayeza kuzalelwa kuyo uMesiya.
KULE NKUPHO
Phendula le mibuzo, uze uchaze indinyana (ii) yeBhayibhile engachazwanga.
Iphepha 11 Kutheni uThixo elijonga igazi njengelingcwele? (Genesis 9:․․․)
Iphepha 13 Bangaphi abantu ababengathwalwa liphenyane lokuloba elalisetyenziswa eGalili ngenkulungwane yokuqala? (Yohane 21:․․․)
Iphepha 24 Kwenzeka ntoni xa sibeka izilangazelelo zabanye kuqala kunezethu. (IMizekeliso 11:․․․)
Iphepha 29 Sazi njani ukuba abantu abafileyo abaphili njengeengelosi ezulwini? (INtshumayeli 9:․․․)
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
(Iimpendulo zikwiphepha 27)
IIMPENDULO ZEPHEPHA 31
1. Wakhutshwa eYiputa. Ngoxa wayeselusana wasinda ekubulaweni. Wazila ukutya kangangeentsuku ezingama-40. UYehova wawungcwaba umzimba wakhe.
◆ Ebudeni bombono wokwenziwa kumila kumbi.—Mateyu 17:1-3.
◆ NguEliya.
2. Ukususela ngowama-778 B.C.E.
3. Malunga nowama-844 B.C.E.
4. Malunga nowama-940 B.C.E.
5. NguIzebhele.
6. NguMika.—Mika 5:2.