Kutheni UThixo Evumele Ukubandezeleka?
MAXA wambi xa umntu ebuza ukuba “Kutheni sibandezeleka?” kungenxa yokuba efuna ukuthuthuzelwa efuna nezizathu zokubandezeleka, kuba xa ebuza lo mbuzo emva kokuphulukana nento ethile ebalulekileyo udla ngokufuna intuthuzelo. Ngaba iBhayibhile inako ukusithuthuzela? Qwalasela iingongoma ezintathu ezibalulekileyo ezifumaneka eBhayibhileni ngalo mbandela.
Eyokuqala, akunto iphosakeleyo ukubuza ukuba kutheni uThixo evumele ukubandezeleka. Abanye abantu bayakhathazeka ngokubuza lo mbuzo becinga ukuba loo nto ibonisa ukuba abanalukholo kuThixo okanye abamhloneli. Ngokwahlukileyo koko, ukuba ubuza lo mbuzo ngokusuka entliziyweni, asinguwe wedwa owubuzayo. Umprofeti othembekileyo uHabhakuki wabuza uThixo esithi: “Yini na ukuba undibonise inkohlakalo? Naku sendiphahlwe yimbubho nogonyamelo; imbambano nesidube-dube zixananazile.” (Habhakuki 1:3, iBhayibhile YesiXhosa yowe-1996) UYehova uThixo akazange amkhalimele uHabhakuki ngenxa yalo mbuzo. Kunoko, imibuzo yale ndoda ithembekileyo ibhalelwe ukufundisa thina.—Roma 15:4.
Eyesibini, kubalulekile ukuqonda ukuba uThixo unovelwano ngomntu obandezelekayo. Ubakhathalele abantu yaye uneemvakalelo; “ngumthandi wokusesikweni,” yaye uyabucekisa ubungendawo nokubandezeleka obukubangelayo. (INdumiso 37:28; IMizekeliso 6:16-19) Ngemihla kaNowa, yaba ‘buhlungu intliziyo kaThixo’ ngenxa yobungendawo obabandile emhlabeni. (Genesis 6:5, 6) UThixo akatshintshanga; usavakalelwa ngendlela efanayo ngokwenzekayo namhlanje.—Malaki 3:6.
Eyesithathu, uThixo akanguye unobangela wobungendawo. IBhayibhile ikwenza kucace oko. Abo basulela uThixo ngokubulala nobugrogrisi bayamnyelisa. Phawula amazwi akuYobhi 34:10, athi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!” Ngokufanayo, uYakobi 1:13 uthi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” Ngoko ke, ukuba uyabandezeleka ngenxa yobubi, qiniseka ukuba asingoThixo obangela oko.
Ngubani Olawula Ihlabathi?
Okuthethwe ngaphambilana kusasishiya nombuzo othi, Ukuba uThixo unothando, unokusesikweni yaye unamandla, kutheni singqongwe bubungendawo? Kukho imbono engachananga abantu abaninzi abanayo efanele icaciswe. Abantu abaninzi bacinga ukuba uThixo uSomandla ungumlawuli weli hlabathi, nguye olawula zonke izinto. Umphathi wesikolo sokuqeqesha abefundisi wathi: “UThixo ulawula okwenzeka kwiathom okanye kwimolekyuli nganye kwindalo iphela.” Ngaba ngokwenene iBhayibhile ifundisa oko?
Akunjalo. Abantu abaninzi babamb’ ongezantsi bakufunda ukuba ngubani ngokwenene olawula ihlabathi. Ngokomzekelo, eyoku-1 kaYohane 5:19 ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” Ngubani lo ungendawo? UYesu Kristu uthi nguSathana uMtyholi, “umlawuli wehlabathi.” (Yohane 14:30) Ngaba oko akubonisi sizathu sokuba kubekho ubungendawo nokubandezeleka okungaka emhlabeni? USathana ukhohlakele, ngumkhohlisi yaye unentiyo—mikhwa leyo ebangela ukubandezeleka okungaka okuchaphazela abantu. Noko ke, kutheni uThixo evumele uSathana alawule?
Imbambano Eyaqala E-Eden
Unokuvakalelwa njani umzali onothando ukuba ebetyholwa esidlangalaleni ukuba uxokisa abantwana bakhe, ulisebenzisa kakubi igunya lakhe yaye ubandeza abantwana bakhe izinto abafanele bazifumane? Ngaba ebeya kubonisa ukuba aziyonyaniso ezo zityholo ngokumbetha lowo umtyholayo? Akunjalo! Eneneni, ukuba ebenokwenjenjalo, ebeya kuba unyanisile lowo umtyholayo.
Lo mzekeliso usinceda sichaze indlela uYehova uThixo awayisingatha ngayo imbambano eyabakho ekuqaleni kwembali yoluntu kwindawo ekuthiwa kuse-Eden. Apho uThixo waxelela uAdam noEva injongo yakhe ngabantwana bakhe abasemhlabeni. Babefanele bawuzalise umhlaba bawoyise baze bawenze wonke ube yiparadesi. (Genesis 1:28) Ukongezelela, amakhulu ezigidi zoonyana bakaThixo bokomoya babenomdla kule njongo kaThixo.—Yobhi 38:4, 7; Daniyeli 7:10.
Kuba enguThixo onesisa, uYehova wanika uAdam noEva ikhaya elingumyezo omhle oneziqhamo ezimnandi. Mnye kuphela umthi ababengafanele batye kuwo—“umthi wokwazi okulungileyo nokubi.” Ngokungatyi kwabo kulo mthi, uAdam noEva babeya kubonisa ukuba bayamthemba uYise wabo, beqonda ukuba unelungelo lokubenzela isigqibo ngokulungileyo nokubi abantwana bakhe.—Genesis 2:16, 17.
Noko ke, ngelishwa omnye koonyana bakaThixo bokomoya, enqwenela ukuba anqulwe, waxelela uEva esithi, ukuba wayenokutya isiqhamo esalelweyo ngokuqinisekileyo wayengasayi kufa. (Genesis 2:17; 3:1-5) Ngaloo ndlela, le ngelosi ingendawo, uSathana, yaphikisa oko kwakuthethwa nguThixo, imbiza ngokuba ulixoki! Kwakhona uSathana watyhola uThixo esithi ubandeza uAdam noEva ulwazi olubalulekileyo. USathana wathi, abantu banokukwazi ukuzenzela isigqibo ngokulungileyo nokubi. Ngamanye amazwi, uSathana watyhola uThixo esithi wayenguMlawuli noBawo ongafanelekanga yaye wayesithi yena, Sathana, ungoyena ukwaziyo ukulawula.
Ngenxa yobo buqhetseba, le ngelosi yazenza uSathana uMtyholi. La magama athetha “uMchasi” “noMhlebi.” Yintoni eyenziwa nguAdam noEva? Baba kwicala likaSathana, bemfulathela uThixo.—Genesis 3:6.
UYehova ngewayebatshabalalisile aba bavukeli ngelo xesha. Kodwa, njengokuba besisele sizekelisile wayengenakuziphindezela ngogonyamelo. Khumbula ukuba njengokuba uSathana wayemangalela uThixo, izigidi zeengelosi zaziphulaphule. Eziliqela zaba ngakwicala likaSathana kwimvukelo yakhe, ngaloo ndlela zisiba ziidemon.—Marko 1:34; 2 Petros 2:4; Yude 6.
Kutheni UThixo Engangeneleli?
Ngokulukuhla uAdam noEva ukuba bakhethe ukuzimela-geqe kuMdali wabo, uSathana wabenza baphantsi kwegunya lakhe. Iphenjelelwa “nguyise” uMtyholi, le ntsapho yazikhethela usukelo lwayo nemilinganiselo yokuziphatha. (Yohane 8:44) Kodwa ngaba loo ndlela yokuphila iyizisela inkululeko yokwenene nolonwabo olungapheliyo? UYehova wayesazi ukuba akunjalo. Sekunjalo, wavumela ukuba aba bavukeli baphile ubomi bokuzimela-geqe, kuba kungale ndlela kuphela enokuzinziswa ngayo ngokupheleleyo imbambano yase-Eden.
Ngoku kungaphezu kweminyaka engama-6 000 uluntu luzama zonke iintlobo zolawulo neendlela zokuphila. Ngaba iyancumisa imiphumo yoko? Ngaba intsapho yoluntu ngokwenene yonwabile, iseluxolweni yaye imanyene? Akunjalo! Kunoko, iimfazwe, iindlala, iintlekele zemvelo, ukugula nokufa ziye zathwaxa uluntu zibangela “intlungu” “nokugcuma” kanye njengokuba iBhayibhile isitsho.—Roma 8:19-22; INtshumayeli 8:9.
Noko ke, abanye abantu basenokubuza, ‘Kutheni uThixo engazithinteli ezi nkxwaleko?’ Eneneni oko iya kuba kokungekho sesikweni yaye kuya kwenza singayiboni imiphumo yokuvukela kwethu uThixo. Ngoko ke, uYehova akaluthinteli lonke ulwaphulo-mthetho neenkxwaleko ezibangelwa kukungamthobeli.a UYehova akanakubuxhasa ubuxoki bokuba inkqubo kaSathana inokuphumelela nokuba abantu bayo bonwabile ngokwenene! Phofu ke, uYehova akatshintshi. Eneneni, ebesoloko exakekile njengokuba siza kubona.
“UBawo Uyasebenza”
Loo mazwi kaYesu abonisa ukuba uThixo ebengahlelanga nje esonge izandla. (Yohane 5:17) Kunoko, kususela kwimvukelo yase-Eden, ebesoloko exakekile. Ngokomzekelo, waphefumlela ababhali beBhayibhile babhale ngesithembiso sokuba kungekudala “imbewu” iya kumtyumza uSathana namahlakani akhe. (Genesis 3:15) Ukongezelela, ngale Mbewu uThixo wamisela urhulumente, uBukumkani basezulwini esenzela uluntu oluthobelayo yaye uya kuphelisa konke ukubandezeleka, kuquka nokufa.—Genesis 22:18; INdumiso 46:9; 72:16; Isaya 25:8; 33:24; Daniyeli 7:13, 14.
Ukuze azalisekise ezo zithembiso, uYehova wathumela emhlabeni Lowo wayeza kuba nguMlawuli wobo Bukumkani. Lowo yayinguYesu Kristu, uNyana kaThixo. (Galati 3:16) Ngokuvisisana nenjongo kaThixo, uYesu wayefundisa ngoBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Indlela awayezenza ngayo izinto yayibonisa oko aza kukwenza xa enguKumkani wobo Bukumkani. Wondla amawaka abantu ababelambile, waphilisa abagulayo, wavusa abafileyo waza wabonisa amandla awayenawo ngokuzolisa isaqhwithi. (Mateyu 14:14-21; Marko 4:37-39; Yohane 11:43, 44) Ithetha ngoYesu, iBhayibhile ithi: “Kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izithembiso zikaThixo, ziye zaba nguEwe ngaye.”—2 Korinte 1:20.
Abo baphulaphula uYesu baze ‘baphume kulo ihlabathi’—inkqubo yezinto eyahlukanisiweyo noThixo nelawulwa nguSathana—bamkelekile kwintsapho kaYehova. (Yohane 15:19) Le ntsapho yamaKristu okwenyaniso ifumaneka ehlabathini lonke ilawulwa luthando, iseluxolweni yaye yamkela abantu bonke enoba ngabaluphi na uhlanga.—Malaki 3:17, 18; Yohane 13:34, 35.
Kunokuba axhase le nkqubo yezinto, amaKristu okwenyaniso axhasa yaye ashumayela ngoBukumkani bukaThixo, ngaloo ndlela ethobela umyalelo kaYesu okuMateyu 24:14. Ngoobani abashumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ ehlabathini lonke? Ngoobani abaye bala ukuya emfazweni, abangahlukaniswa luhlanga abalulo okanye isizwe? Ngoobani abavumela iLizwi likaThixo ukuba likhokele indlela abaziphatha ngayo, enoba ngokuqhelekileyo abantu baphila ngemilinganiselo ephantsi okanye akunjalo. (1 Yohane 5:3) Abantu abaninzi baye bazibona ezi mpawu kumaNgqina kaYehova. Nceda uhlolisise ubungqina ngokwakho.
Khetha Ulawulo LukaThixo!
Abantu abahlukanisiweyo noThixo balahlekiswa nguSathana, bazama ukulungisa eli hlabathi lisebugxwayibeni nelingathembisiyo. Nomhlaba bayawonakalisa. Kwelinye icala, uYehova unobukumkani basezulwini obuya baguqula ubomi babantu abaninzi bube bhetele yaye bulithemba eliqinisekileyo. (1 Timoti 4:10) Uya kukhetha obuphi?
Ngoku lixesha lokuba ukhethe, kuba uThixo akasayi kumvumela uSathana nenkqubo yakhe engendawo babekho ngonaphakade. Injongo kaThixo kwasekuqaleni yokuba lo mhlaba ube yiparadesi ayikatshintshi. De ibe lelo xesha, uBukumkani bakhe nabaxhasi babo baya kuqhubela phambili, ngoxa ihlabathi elilawulwa nguSathana liya kuva “ukuqala kwenimba” de uThixo aliphelise. (Mateyu 24:3, 7, 8) Ngoko ke ukuba ngokunyanisekileyo ububuza uThixo ukuba, “Kutheni sibandezeleka?” mphulaphule ngokufunda isigidimi sentuthuzelo nethemba eliseBhayibhileni. Kwanangoku unokuba neenyembezi zovuyo.—Mateyu 5:4; ISityhilelo 21:3, 4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona uThixo maxa wambi eye wangenelela kwimicimbi yabantu, izenzo zakhe bezingaxhasi le nkqubo yezinto. Kunoko, zizalisekisa injongo yakhe.—Luka 17:26-30; Roma 9:17-24.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ngaba wanelisekile yindlela abantu abalawula ngayo?
[Inkcazelo]
Usana: © J. B. Russell/Panos Pictures; ibhinqa elililayo: © Paul Lowe/Panos Pictures
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
UYesu uya kubuyisela iParadesi—aze avuse nabantu abafileyo