Besiya Kuba Yintoni Ngaphandle Koondlebende?
NGUMBHALI KAVUKANI! E-ETHIOPIA
KWIZITRATO zaseAddis Ababa—ikomkhulu lesixeko sase-Ethiopia, ilizwe le-16 elinabona bantu baninzi ehlabathini—kudala oondlebende beyindlela yalapho yokuthuth’ iimpahla. Inkoliso yabaqhubi beemoto babaqhelile, yaye bayazi ukuba ngokuqhelekileyo oondlebende bayazi apho baya khona yaye enoba sekumnyam’ entla baya kwindawo abazimisele ukuya kuyo. Ngoxa oondlebende bengayoyiki indawo ephithizela iimoto nabantu, kusenokufun’ ubuchule ukubathwalisa imithwalo yabo ebanzi, yaye abajongi ngasemva. Ngoko ke, ukuba akufuni ukugileka emalahleni, emgqubeni, okanye kuyo nantoni na abayithweleyo, musa ukusondela kubo!
Kuqikelelwa ukuba e-Ethiopia kukho oondlebende abazizigidi ezihlanu, phantse undlebende omnye kubantu abali-12. Abantu abaninzi base-Ethiopia bahlala ezintabeni, ezahlulwa yimixawuka emikhulu. Phakathi kweentaba ezininzi zeli lizwe kukho imisinga emincinane yamanzi. Bekunokuyiqongqotha kuyithi tu imali yeli lizwe ukuba kunokwakhiwa iibhulorho kwaneendlela zomhlaba eziya kwezi dolophana. Ngoko ke, oondlebende bachul’ ukunyathela kwiindlela zalapha.
Oondlebende bayakwazi ukujamelana nayo nayiphi na imozulu yase-Ethiopia—amathafa abaleleyo natshisayo ukusa kwimimandla eneentaba. Uyakwazi ukuhamba emathambekeni, kwiindledlana ezimxinwa, kulwalwa olungaselunxwemeni, eludakeni nakweminye imimandla eyimixethuka. Uyakwazi ukuhamba kwindawo ihashe nenkamela ezingakwazi ukuhamba kuyo. Abantu abaninzi bahamba ngondlebende xa benemithwalo, ingakumbi kwizixeko ezingenazindlela zeemoto.
Oondlebende bayakwazi ukuhamba kwiindawo ezinamajiko-jiko nezimxinwa, naphakathi kweendledlana ezibiyelweyo. Akufuneki mavili abiza imali eninzi yaye abafane batyibilike. Bathwala nayiphi na imithwalo enoba ingakanani na, bayise emizini yabantu phantse kuzo zonk’ iindawo. Ngoxa abaqhubi beemoto abanomsindo bekhalis’ amaxilongo, oondlebende baphinyela phakathi kwemikrozo yeemoto. Amapolisa akayiphuphi nakancinane into yokohlwaya undlebende kuba engene kwicala elingafanelekanga lesitrato esiya calanye. Abakhe babe nengxaki ngendawo yokumisa. Undlebende usenokuthengiswa ngee-R370, kodwa xa ucinga ngomsebenzi awenzayo, ixabiso lakhe alinakuthelekiswa nakancinane nexabiso lokuhlawula imoto.
Oondlebende Kwikomkhulu
Ekuseni, inkitha yoondlebende baya eAddis Ababa—isixeko esinabemi abazizigidi ezingaphezu kwezithathu—ngokuqhelekileyo besuka kumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-25. Oondlebende baxakeka gqitha ngoLwesithathu nangoLwesihlanu, ekubeni ezi iziintsuku zemarike veki nganye. Olu hambo lusenokuthabatha iiyure ezintathu, nto leyo enokufuna kuhanjwe kwangonyezi. Maxa wambi bahamba nabanini babo, kodwa badla ngokunkcunkca emva kwabo, bekhefuzela ukuze bangashiywa.
Ngokuqhelekileyo badla ngokuthwala iingxowa zombona, imifuno, iinkuni, isamente namalahle, kuquka amagogogo eoli neekasi zesiselo. Abanye oondlebende bathwal’ umthwalo oziikhilogram ezingama-90 nangaphezulu. Izinto ezinde njengoqalo okanye izibonda zomgamtriya, zibotshelelwa emacaleni zize zirhuqwe ngasemva. Mhlawumbi owona mthwalo ubangel’ umdla sisipha seendiza okanye iibhali zengca eyomileyo ezipakishwa de oondlebende baphantse bangabonakali ngaphantsi kwazo.
Ekuseni xa besiya emarikeni, oondlebende bankcunkca ngamandla. Xa bevela emarikeni nemithwalo seyothuliwe, oondlebende bagoduka bengangxamanga, bade beme ukuze bagqwathule kutyani obusecaleni kwendlela. Xa ingezizo iintsuku zemarike, oondlebende basetyenziswa kwimisebenzi yemihla ngemihla njengokuya kulanda amanzi neenkuni. Kusenokubolekiswa okanye kuqeshiswe ngabo. Kukwakho neenkampani eziqeshisa ngoondlebende. Kwezinye iindawo oondlebende batsala iinqwelana, kanti ke, maxa wambi, batsala inqwelo enkulu.
Bafanele Baxatyiswe
Akufuneki zinto zininzi ukunyamekela oondlebende. Bazifunela ngokwabo ukutya yaye batya phantse nantoni na. Xa bephethwe kakuhle, bayamthanda umnini wabo. Kuthiwa balumke ngaphezu kwamahashe. Kwakhona bayakwazi ukuyikhumbula indawo abebeye kuyo. Enoba akukho mntu uhamba nabo, bayakwazi ukuphuthuma amanzi kwiikhilomitha ezisibhozo mgama, ukuba nje kuza kubakho umntu wokuwalayisha nokuwathula. Kusenokufakwa neentsimbi ukuze abantu abahlala kwindlela ahamba ngayo undlebende bamve xa esiza baze bathabathe iipasile zabo.
Ngoxa oondlebende bezibhokoxa emsebenzini, bayawazi umthwalo obalungeleyo, naxa kufuneka bephumle. Xa befun’ ukuphumla okanye bebulaleka ngumthwalo, bayabuthisa. Abany’ abantu basenokungasiqondi isizathu baze babathuke okanye bababethe. Kusenokwenzeka ukuba uyayikhumbula ingxelo yeBhayibhile xa kwenzeka oku.—Numeri 22:20-31.
Oondlebende bafanele baphathwe kakuhle baze banyanyekelwe. Bayabulaleka xa umthwalo ungabekwanga kakuhle, yaye banokude bawel’ emngxunyeni baphuke imilenze. Ziba buthathaka ezi zilwanyana zikhutheleyo xa zinezilonda, amakhalane, zibol’ iinzwane, zinenyumoniya, okanye ezinye iingxaki. Ngenxa yoko, kuye kwakhiwa ikliniki yezi mini yoondlebende eDebre Zeyit, kungekude neAddis Ababa. Apha kukho iikhompyutha, izindlu zokunyanga, iinqwelo zokuthwala oondlebende abagulayo negumbi elinento yonke lokutyand’ oondlebende. Ngonyaka wama-2002, kuye kwanyangwa oondlebende abanokuba ngama-40 000.
Usolusapho uAbraham wayekhwele undlebende wakhe enqumla loo maxethuka xa wayesiya kwiNtaba iMoriya. (Genesis 22:3) Kuyo yonke imbali yohlanga lwakwaSirayeli, undlebende ebesoloko esetyenziswa. Naxa uYesu wayengena eYerusalem ngoloyiso wayekhwele undlebende.—Mateyu 21:1-9.
Kanti ke undlebende unembali ende nase-Ethiopia. Phofu ke, isabalulekile nanamhlanje ebantwini. Nangona kuye kwenziwa iilori neemoto ezintsha ukutyhubela iminyaka, oondlebende isengabaya bakudala. Sifanele sibothulel’ umnqwazi.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
‘Isibhedlele Soondlebende’, eSidmouth, Devon, UK