Ilitye Elikhulu lesikhumbuzo
UMBHALI KAVUKANI! EKHANADA
KANGANGEENKULUNGWANE lalisetyenziswa ngabalobi nangabahloli bamazwe njengebhakani ethenjiweyo. Iimbongi, ababhali namagcisa asathetha ngalo nanamhlanje. Enye intyila-lwazi ithetha ngeli litye “njengelingummangaliso nelihle gqitha.” Kwincam engasempuma kwiGaspé Peninsula kwiGulf of St. Lawrence, kume ingadlangadla yelitye ekuthiwa yiPercé Rock kuloo manzi acwengileyo naluhlaza oLwandlekazi lweAtlantiki. Eli litye liziimitha ezinokuba ngama-430 ubude, neemitha ezingama-90 ububanzi, neemitha ezingaphezu kwezingama-88 ukuphakama.
Abantu balapha abanesibindi babedla ngokukhwela kweli litye baze baqokelele amaqanda kwizindlwana zeentaka. Noko ke, ukuze kukhuselwe eli litye neentaka ezazizalela apha, ngowe-1985 urhulumente waseQuebec waligqala ilitye iPercé Rock neBonaventure Island ekufuphi nalo njengepaki karhulumente yokugcina iintaka. IBonaventure Island yindawo yesibini ngobukhulu ehlabathini apho kuzalela khona imikholonjane.
Bambi bathi kudala iPercé Rock yayisemhlabeni owomileyo yaye kusenokwenzeka ukuba yayinemingxuma emine. Namhlanje, kukho umngxuma omnye—ongaphezu kweemitha ezingama-30 ububanzi—kwicala leli litye elingasemanzini. Xa kungekho maza, kubakho intlabathi efikelela kumhlaba owomileyo. Kwisithuba seeyure ezine, abakhenkethi abangamadela-ngozi basenokuhamba bade baye kufikelela kwisikhondo seli litye baze bagxampuze emanzini kangangemizuzu eli-15 ukuze baye kufikelela kumngxuma olapho.
Noko ke, abafuna ukwenjenjalo bafanele balumke. Omnye umkhenkethi owayekhwele phezu kwamatye awileyo ukuze afikelele kulo mngxuma uthi: “Emva kwemizuzu nje embalwa usenokuva ‘udyumpu’ wamatye engena emanzini ngokungathi ziziqhushumbisi ezincinane. Amanye amatye awa phezu kwamanye, ngokungathi kudubula umpu.”
Njengokuba iindwendwe ezininzi ziphawulile, iPercé Rock intle ngendlela emangalisayo. Ukanti, yenye nje yeendawo ezininzi ezintle ehlabathini. Hayi indlela ezahluke nezininzi ngayo! Xa uzibona, mhlawumbi nawe khange ukwazi nokuzibamba, uye ‘wama ngxi wanikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.’—Yobhi 37:14.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 23]
© Mike Grandmaison Photography